xhosa.671.blockpuzzle march
BONA Block Puzzle
BONA XHOSA - February 2006
Zonwabise uphucule nesiNgesi sakho. Zalisa izikwere ngokuchanileyo ulandela imikhonto, uya kufumana igama lomdlali webhola waseMzantsi Afrika kwizikwere ezinombala.
No 52
ZIVE ukhethekile ngeValentine's Day yalo nyaka! AbakwaGlamour & Glitz baneqhayiya ngokubhengeza ngokufika kweendidi ezintsha zeziqholo ezivela kwamany' amazwe: iRasasi.
IBlue Lady yeyamanenekazi kwaye ivumba layo leentyatyambo liya kwenza inenekazi libe nevumba elimnandi imini yonke, ukanti iBlue For Men yamadoda inevumba elimnandi elingumxube wecitrus, imint neentyatyambo.
IBONA ineziqholo ezihlanu zeBlue Lady nezihlanu zeBlue For Men esinye esixabisa i-R300, eziza kuzuzwa ngabantu abahlanu abachane iBlock Puzzle.
Ukuze uzuze esakho
Zalisa isikwere ukuze ufumane igama elifihlwe kwizikwere ezinombala. Bhala impendulo kwiposkhadi, ubhale igama lakho, idilesi nenombolo yomnxeba ofumaneka kuyo emini uze uyithumele kule dilesi: BONA/Blue Lady/Blue For Men Blockpuzzle No 52, Box 32067, Mobeni, 4060. (Yitsho ukuba ufuna yiphi kwiBlue Lady okanye iBlue For Men.)
Ungangenela nangeselfowuni yakho. Bhala uBONA, ubhale uBLOCK, ubhale igama elikwizikwere ezinombala, uze uthumele ku-34110. Ungangenela nokuba kukangaphi. I-SMS iyi-R2. [x]
Iziqholo ezixabisa
Zuza!
i-
R3 000
Umhla wokuvalwa: 28 Februwari 2006
Lixesha lothando... kodwa ke nantsi indlela yokuqinisekisa ukuba ulonwabo lwabathandanayo alubabizi imali eninzi
IMINI YABATHANDANAYO (iValentine's Day) ayifikanga igalelekile yaye eli lixesha lokonwabisa isithandwa sakho ngengoma emnandi, usifowunele okanye usithumelele iSMS eza kusitsho sizive siseluthandweni olumangalisayo. Khumbula ukuba ukwenza onke la matile-tile okonwabis' isithandwa sakho kukubiz' imali ethe kratya xa usongeza kwi-akhawunti ehlawulisa inzala. Kuyalonyus' ityala ligqibele sele likoyisa ukulihlawula.
Xa usoyisakala ukuhlawula ityala ngexesha olubekelweyo xa uthenga ngekhadi lokuthenga ngetyala evenkileni okanye icredit card uhlawuliswa inzala enkulu kungenjalo uthunyelelwe abaqokeleli bamatyala!
Kufuneka ube nendlela ethile yokuzithandekisa kosenyongweni kuwe. Kufuneka ube necebo lokuqinisekisa ukuba unayo imali ngeli xesha. Andibi na ufuna niphile ixesha elide, nonwabile yaye ninempumelelo"
n Bhala umvuzo wakho ephepheni.
n Susa imali ohlawula ngayo amatyala nee-akhawunti, irenti, imali yokukhwela, eyokutya, eyeempahla neyezinto zokuthambisa.
n Bekela bucala i-5 okanye i-10 phesenti yomvuzo wakho ukulungiselela iingxaki ezivelayo.
n Yenz' isigqibo ngendlela oza kuyisebenzisa ngayo eseleyo, kungaba kwezolonwabo, kwifashoni okanye uthenge ngayo izipho.
Ngoku ke ulungele ukuya kwaPEP ukuya konwabela ukuthenga ngokheshi. Kuza kukwenza uzive ukhululekile kangangokuba kuza kuba sisithandwa sakho esitsha! [x]
Inqaku lentengiso
