xhosa.663.slaves
Ihlazo laseAfrika
Apho kusekho amakhoboka
Ibhinqa laseGhana libalisa intlungu yalo yokuba likhoboka lomfundisi osisithixo kwisiko elinenkohlakalo elenziwa emazweni aseNtshona-Afrika lokuphathwa gadalala ngokwesondo kwabantwana abangamantombazana...
UVUKA kumpondo zankomo isisu sincamathele emqolo yindlala. Uqale ngokutshayela indlu yenkonzo ngaphambi kokuba uye kusebenza emasimini. Akukho kuphumla nasebusuku kuba umfundisi osisithixo wale nkonzo ufun' ukulala nawe ngenkani.
"Kaloku kuthiwa singabapristekazi abenziwa ngenkani abafazi babefundisi abazizithixo, kube oko kuthi kulungcungcuthekiso nobuhlungu obungenambaliso," utsho uJuliana Dogbadzi. Wasiwa lusapho lwakowabo kumzi womfundisi osisithixo eneminyaka esixhenxe ukuze kuxolelwe izono zikakhokho wakhe owasweleka mandulo.
UDogbadzi waqhwesha apho emva kweminyak' engama-20 yokubethwa okwamshiya neziva ezibi, ukuphathwa gadalala nokuxhatshazwa ngokwesondo okwenza wafumana abantwana ababini.
Ngoku uyinxalenye yephulo lokusiphula neengcambu le nkohlakalo yobukhoboka eyenziwa eGhana nakwamanye amazwe aseNtshona Afrika.
Le nkolelo kuthiwa yaqala ngokuba abefundisi abazizithixo baphiwe imfuyo yokucela uxolo ngezono ezenziwe ngamalungu osapho.
Kuthiwa xa usapho lufuna ukuxolelwa ngesenzo sokubulala, abefundisi abazizithixo bathi isilwanyana asanelanga kufuneka kuxoliswe ngentombi enyulu. Kwakukho inkolelo yokuba iintsapho ezingaxolisiyo ziyaqalekiswa, zibulawe zizifo ezingoobhubhani.
Izizukulwana ezitsha
Xa ikhoboka ekuxoliswe ngalo lisweleka okanye umfundisi osisithixo ekruqukile lilo, kufuneka usapho luthumele oza kuvala isithuba sakhe. Oko kwenzeka nakwizizukulwana ezilandelayo.
UDogbadzi ngoku nje uzama ukunceda amabhinqa amabini ebengamakhoboka abefundisi abazizithixo ukuba ondle abantwana bawo abahlanu abafumene ngethuba engamakhoboka.
"Afun' ukuphindela ebukhobokeni bawo kuba andinamali yokuwanceda. Ndiwaxelela ukuba kubhetele intlupheko kunobuyela ebukhobokeni besithixo."
Kuthiwa le nkolelo seyendele kolu hlanga kwaye xa uyichasa kuthiwa unengqondo yaseNtshona okanye ungumGhana wohlanga olunezithethe ezahlukileyo.
Inkoliso yemali yokulwa nale nkolelo ivela kwiUnited Nations neInternational Needs engumbutho waseAustralia ozama ukukhulula amabhinqa ebukhobokeni bezithixo.
Amagosa karhulumente akabunqandi obu bukhoboka, ukanti namapolisa athi akawazi umthetho owamiswa ngo-1998 obhangisa amasiko anobukhoboka eGhana. Akukho namnye umntu owake wabanjwa ngokophula lo mthetho.
"Ndibona sisebenzile ngokumisela umthetho wokunqanda le nkolelo, ngoku kufuneka sizame indlela yokufundisa abantu ngawo," utsho uProsper Senyo oligosa lorhulumente wasekhaya eAdidome kumzantsi-mpuma weGhana, nowenzele iUN International Labour Organisation ingxelo ngokusetyenziswa kwabantwana kweliya lizwe.
Amakhoboka esondo
Kubhetele kuba iGhana inawo umthetho. Le nkolelo iqhubeka ngaphandle kweziphazamiso zomthetho eTogo, eBenin naseNigeria.
Kunzima ukufumana amanani achanileyo kodwa kuthelekelelwa ekubeni ayengama-5 000 amakhoboka ezithixo eGhana ngo-1999 ukanti ayengama-35 000 emazweni akulaa ngingqi.
Loo manani akathethi ngabantwana bamakhoboka esondo nabo abathatyathwa njengempahla yomfundisi osisithixo, nekukholelwa ekubeni bangamashumi amawaka eGhana kuphela.
Ingxelo yoMbutho weZizwe eziManyeneyo ekuthiwa yiViolence Against Women ithi i-87 phesenti yamakhoboka esondo angama- 2 000 akhululiweyo phakathi kuka-1997 no-1999 iphindele ebukhobokeni.
UPriscilla Kalitsi oyintloko ebambeleyo eInternational Needs Vocational Training Centre eAdidome unceda ebebengamakhoboka ukuze baxole yaye bayilibale intlungu abaphuma kuyo. Naye uthi ubuhlungu ngokuva amabali okuxhatshazwa kwamabhinqa ngokwesondo abe ebulawa nayindlala.
"Andiwabonisi ukuba ndibuhlungu ngamabali awo kuba oko kungawenza angaxoli," utsho.
Bafun' intombi enyulu
UDogbadzi uthi kwasweleka abantu abaninzi bakowabo ngaphambi kokuba kunikelwe ngaye kwinkonzo yaseTsaduma ngaseAdidome apho ithandwayo inkolo yabefundisi abazizithixo. Wayelilungu lesine losapho ukwenziwa ikhoboka, ethabatha indawo yomza wakhe owaswelekayo.
Uthi waluxolela usapho lwakowabo kodwa uthi akasokuze amxolele uTogbe Defia ongumfundisi osisithixo owamenza ikhoboka lakhe iminyaka engama-20. "Waqal' ukundidlwengula ndisenguntwana," utsho.
UDefia walile ukuba intatheli yeli bali ingene emzini wakhe ukuze ibone ukuba unawo na amakhoboka asawagcinileyo.
I-International Needs ibanike imbuyekezo abefundisi abanjengoDefia ngokukhulula amakhoboka ebebasebenzela. Babuyekezwa ngeenkomo, amatye okusil' umbona, iminatha yokuloba, amaphenyane, maxa wambi nangemali.
Umfundisi osisithixo uyavuma ukukhulula ikhoboka xa ehlawulwa i-US$60 ngokutsho kukaVincent Azumah ongumlweli wamalungelo abantu okhulule intlaninge yamakhoboka.
Ukuzam' ukuqhwesha
UDogbadzi wazama kaninzi ukuqhwesha. Wathi akuqhwesha wabe esazi ukuba akanakugoduka kuba abantu bakowabo bamphindisela xa wayeqhweshe eneminyaka eli-12.
"Umakhulu wathi akafuni ndive ubuhlungu, kodwa kufanele bandiphindisele kumfundisi osisithixo kuba bayafa abantu abaninzi ekhaya," utsho.
UDogbadzi akazi ukuba uqhweshe engakanani, ukuba waba likhoboka iminyaka emingaphi nokuba baneminyaka emingaphi abantwana bakhe.
Kaloku amakhoboka akasiwa esikolweni kwaye aphuma emzini womfundisi xa esiya kusebenza emasimini.
Kunzima ukuqhwesha kuwo xa engaphandle kuba abonakala lula ngentambo ebotshelelwe emqaleni nelaphu abopha ngalo amabele kwaye akanxibi ngasentla. Xa egula azinyanga wona ngamaqwili.
"Amasiko ethu akavisi abanye abantu ubuhlungu, akathi makubulawe ngendlala amabhinqa nabantwana, kwaye akathi makudlwengule abantwana," utsho uDogbadzi.
"Yile nkolelo yokwenza abantu amakhoboka evumela loo nto, ayisosithethe sethu."
Uthi abupheli ubuhlungu wakuphuma kobu bukhoboka.
Nangona kunjalo uzibona enethamsanqa yena kuba waphuma apho wazifumanela umyeni ongazange ayihoye imbali yobomi bakhe kwaye balizwe ngabantwana ababini naye.
Umyeni wakhe wenzakala engozini nyakenye wangabi sakwazi ukuphangela, ngoku nguye owa evuka ezama ukondla umyeni nabantwana bakhe abane ngemali ayifumana ngokuthengisa ukutya.
"Atsala nzima amabhinqa aphuma ebukhobokeni, kodwa akuvuyelayo kukuba akhululekile," utshilo. [x]
BONA XHOSA - June 2007
kubhale uMICHELLE FAUL kufote abeASSOCIATED PRESS
BONA XHOSA - June 2007
EKHOHLO: Amabhinqa amaninzi okoko aphathwa gadalala ukususela ebuntwaneni. Iintlungu neenkxwaleko kuphela kwento ayaziyo la mabhinqa.
u
t
BONA XHOSA - June 2007
'Waqal' ukundidlwengula ndisengumntwana'
NGASENTLA: Itshantliziyo uJuliana Dogbadzi ephethe omnye wabantwana bakhe. Usapho lwakhe lwamthumela kule ndawo yesithixo eneminyaka esixhenxe.
PHEZULU: Indawo yokhuseleko lwamabhinqa apho afika afundiswe ukuzimela.
