XHOSA.655.surfer e
BONA - August 2005
TOSTEE.COM
Utyibiliza emazeni!
NANGONA uLungani Memani elityendyana elineminyaka eli-16 kwaye abaxhasi betsalana ngaye, yena uthi ubefanele ukuba usazikhabel' ibhola ezitratweni ezinothuli zaseNelson Mandela Township eMpuma Koloni endaweni yokujikeleza amazwe ehlabathi yaye ehlawulelwa ukutyibiliza emazeni olwandle.
Nangona ulwandle lukufutshane nedolophana yasePort Alfred lungathi lukude lee ebantwini abahlala khona.
"Sineendawo ezintle zokuqubha namaza amahle, kodwa abantu baselokishini bayakoyika ukutyibiliza emazeni olwandle nokuqubha," utshilo.
"Inkoliso yabantu baneenkolelo ngolwandle ngoko nabazali bam babengayiginyi kakuhle ekuqaleni into yokutyibiliza kwam emazeni olwandle kuba babesoyika ukuba ndiya kucaphukis' izinyanya."
Kodwa ngoku abazali bakhe bangabalandeli bakhe abakhulu. Bathi uLungani uphila ubomi ababengazange baphupha nokuphupha ngabo.
"Kusivuyise gqitha ukuva ukuba uLungani uchongwe waba ngumdaka wokuqala waseMzantsi Afrika oza kumela eli lizwe kukhuphiswano lwamazwe ngamazwe. Uzenzel' imali kulo mdlalo ukanti ukwangumzekelo omhle nakwabany' abantwana bale lokishi yethu. Uya kwiindawo ngeendawo alale kwiihotele eziphambili - zinto ezo singazange sizingcamle thina.
"Ukuba wayengazange adlale lo mdlalo wokutyibiliza emazeni olwandle ngaba akazihambi iindawo yaye akazenzi zonke ezi zinto azenzayo ngoku," utsho uTiny onguyise kaLungani.
Iingcali kulo mdlalo zithi uLungani unesiphiwo sokuba ngomnye wabatyibilizi emazeni abaphambili abakhe bavela kweli lizwe.
Ukuchongwa kwakhe ukuba aye kumela eli lizwe kwiWorld Junior Championships eMelika ngoOktobha kuluphawu lokuba uya kude kulo mdlalo.
"ULungani ungomnye wabatyibilizi emazeni abaphambili kwiqela le-U16 laseMzantsi Afrika kwaye ufakwe kweli qela ngenxa yokuzibalula kwakhe," utsho umphathi weSurfing South Africa, uRobin de Kock.
Angawudlala lo mdlalo kudidi lwabahlawulwayo aze akhenketh' ihlabathi, kodwa kuza kufuneka aye kuhlala kwizixeko ezikhulu njengaseThekwini kwiminyak' ezayo xa efuna ukusiphucula nangakumbi isiphiwo sakhe."
ULungani wenz' uGrade 10 eNomzamo Secondary School kwaye uthi uzimisele ukugqib' ukufunda ngaphambi kokuba angene kudidi lwabahlawulwayo kulo mdlalo aze angenele nokhuphiswano lwamazwe ehlabathi.
"Ndiyanqwenel' ukungena kudidi lwabahlawulwayo ukuze ndibe yintshatsheli yehlabathi ngeny' imini, kodwa ndiyafuna nokuba nento endiya kuziphilisa ngayo ndakuwuyeka lo mdlalo - ngoko kubalulekile ukuba ndifunde.
"Ndikubona kube nomvuzo ukusivumela kwakho ukuba senze umsebenzi wesikolo emzini wakho ngaphambi kokuba siye kutyibiliza emazeni," utshilo uLungani kumbhali weli nqaku, uDavid McGregor nowaba negalelo elikhulu ekumfundiseni lo mdlalo.
Ndihlale iminyaka eli-15 ndityibiliza emazeni olwandle ePort Alfred kwaye kwakusoloko kungumnqweno wam ukufundisa abantwana baselokishini lo mdlalo.
Ndandiwuthanda gqitha lo mdlalo. Ngeminyaka yoo-1980 ndandihlal' eThekwini yaye ndandithand' utyibiliz' emazeni olwandle noBheki Dlamini endandimbona etsala nzima ukuze adlale lo mdlalo.
Emva koko wadibana ne- "Black Seal."
Igqala lasePort Alfred lathabathela kulo uxanduva lokufundisa abantwana belokishi yakhona ukuqubha nokuba ngabahlanguli baselwandle emva kokurhaxwa kwabantu abaninzi baselokishini elwandle.
Ngaphandle kweenzame zikaTony sasingeke saziwe mntu isiphiwo sikaLungani sokutyibiliza emazeni olwandle. Waqokelela amakhwenkwe ayezidlalela ezitratweni wawafundisa ukuqubha, ukuloba nokukhempa - zinto ezo ayengazange azenza ngaphambili.
"Ndandiluthand' ulwandle yaye phakathi kwemisebenzi yokuba ngumhlanguli waselwandle, ndagqiba ekubeni ndithathe abantwana abazidlalela ezitratweni ndibafundis' ukuqubha," utsho uTony.
Kuba ndandisoloko ndiselwandle ePort Alfred, sasingeke singabonani noTony. Sathi sakwazana wandixelela ukuba ufun' ukufundis' abantwana abangama-20 ukutyibiliza emazeni olwandle, ndalixhumela elo thuba...
Njengoko babengama-20 abantwana ababefuna ukutyibiliza emazeni abe amaplanga okutyibiliza emathandathu, sasisithi abantwana mabaqubhe banqumle iKowie River - baze abali-12 abaphume phambili sibafake kwiqela lethu. "Sasifika elwandle kutyibilize emazeni abathandathu kuqala imizuzu engama-20, kuze emva koko kutshintshe kungene abanye," ukhumbula atsho uTony.
UTony nomnye umtyibilizi ogama linguWarwick Heny basincedisa nosapho lwam ekuqokeleleni amaplanga okutyibiliza amadala neesuti zokuqubha esasiza kuzipha abo bantwana. Kuloo makhwenkwe ali-12 yaba nguLungani nomhlobo wakhe uLuzuko Faxi abaqhubekayo nalo mdlalo.
Bobabini bafakwe kwiqela lephondo yaye bafumana inkxaso-mali.
ULungani uthi wawuthanda esawuqala lo mdlalo xa wayengena emanzini abandayo asePort Alfred eyintwana eneminyaka eli-10 yaye etyibiliza ngebhodi endala.
"Emva kokukhwela kwiliza lokuqala ndafuna amanye. Nangona kwakulizana nje elincinane, ndaqonda ukuba ndiyawuthanda lo mdlalo."
ULungani ngoku ophantsi kweliso likaWarwick Heny uzibalule izihlandlo eziliqela kwicandelo le-U16 kwaye ubalwa nesithathu esiphambili eMzantsi Afrika kwiqela leentanga zakhe.
Inqununu yaseNomzamo Secondary School, uThandile Mkele uthi uLungani ungomnye wabafundi abakrele-krele kwaGrade 10.
"Umdlalo awenzayo wokutyibiliza emazeni awumphazamisi emsebenzini wakhe wesikolo. Ungumfundi wokuqala waseNomzamo ofakwe kwiqela lelizwe nakuwo nawuphi na umdlalo kwaye sineqhayiya kakhulu ngaloo nto."
Njengokuba kusenziwa iinzame zokuba kwandiswe abantwana baselokishini abatyibiliza emazeni, uLungani kuyamvuyisa ukuba eza kuba negalelo ekuvumbululeni iziphiwo zabo bantwana.
Ngoku sifuna ukuvumbulula umtyibilizi emazeni oyintombazana naye oza kuzibalula njengoLungani!
"Kufuneka sizame ukuba negalelo esilenzayo kulo mdlalo. Ukuba ndandingalifumananga ithuba lokufunda lo mdlalo ngoko, ngaba nangoku ndisazikhabel' ibhola ezitratweni ezinothuli zaselokishini," utsho uLungani.
"Ukutyibiliza emazeni olwandle ngowona mdlalo umnandi!"
@LiveWire
BONA XHOSA - October 2005
Intshatsheli yokwenene
kubhale uDAVE MACGREGOR
kufote abe@LIVEWIRE
Intwana yaselokishini yenza into yamehlo ekutyibilizeni ngeplanga emazeni olwandle kangangokuba ide yafakwa kwiqela eliza kumela uMzantsi Afrika kulo mdlalo kukhuphiswano lwamazwe ngamazwe...
NGASENTLA: ULungani nomhlobo wakhe osenyongweni, uLuzuko Faxi, naye okwiqela lephondo lokutyibiliza emazeni olwandle.
EKHOHLO: ULungani etyibiliza emazeni.
EKUNENE: Ekuqaleni abazali bakaLungani babengayiginyi kakuhle into yokutyibiliza emazeni olwandle konyana wabo, kodwa ngoku bangabalandeli bakhe abakhulu (kuquka noodadewabo).
BONA XHOSA - October 2005
t
t
Ndatyibiliza elizeni lalinye emva koko ndafun' amanye
NGASENTLA: Amaplanga abo okuqala okutyibiliza emazeni olwandle... uLungani (ekhohlo) noDave McGregor nabanye abatyibilizi emazeni olwandle abasafundayo.
BONA XHOSA - October 2005
NGASENTLA: Ngaphandle kweenzame zikaTony, isiphiwo sikaLungani besingasayi kwaziwa mntu. Wathatha abantwana ababezihlalela emakhaya wabafundis' ukuqubha nokuloba - zinto ababengazazi.
NGASEZANTSI: ULungani ubonisa abafundi afunda nabo umdlalo wakhe.
Ukutyibiliza emazeni!
INtshona yaqal' ukuva ngokutyibiliza emazeni emva kohambo lukaCaptain Cook lokuya eHawaii ngo-1778. KuseHawaii apho baqala ukubonwa khona abantu ababengamachule okuma phezu kweplanga elihamba emazeni olwandle.
Lo mdlalo wawuyinxalenye enkulu yenkcubeko yaseHawaii. Iinkosi nabantu bazo babetyibiliza ngamaplanga emazeni kodwa kulwandle olwahlukeneyo!
Iinkosi zazityibiliza kwawona maza aphakamileyo, baze abantu bazo zatyibilize emazeni amafutshane.
Emva kokufika kwabelungu lwehla uthando lwalo mdlalo iminyaka engaphezulu kwe-150. Abefundisi babengakuthandi ukubona abantu beveze imizimba betyibiliza emazeni yaye kwiminyaka engama-50 iYurophu yasele iwuphumelele umlo wokubetha-bethana kweenkcubeko.
Kwinkulungwane yama-20, umdlalo wokutyibiliza emazeni wawungasathandwa tu eziqithini. Kwathi ngo-1905, iqela labemi baseHawaii laqalisa iklabhu yokutyibiliza elwandle. Phantsi kukaDuke Kahanamoku - owazuza iimbasa eziliqela zegolide zokuqubha kwiiOlympic - lo mdlalo waqala ukusasazeka ehlabathini liphela de wayofikelela eAustralia ngo-1915.
Kule mihla abatyibilizi emazeni bangazuza amabhaso amawaka-waka eedola. Ngaphezu koko kukho nemali yenkxaso...
UKelly Slater ongumtyibilizi ophambili kudidi lwabahlawulwayo nowazuza iintshinga ezintandathu zehlabathi ukuza kuthi ga ngoku sele ezuze malunga nesigidi zeedola zaseMelika kukhuphiswano nemali elinganayo kwinkxaso.[x]
Umtshato odibanisa konke
Satshata nomyeni wam umtshato odibanisa yonk' into esinayo.Wandishiya waya kuhlala neliny' ibhinqa baza bafuman' abantwana ababini. Wayesebenzela inkampani eyayimthumela kwiindawo ngeendawo. Inkampani yayithe mna okanye umazala makalande isiqingatha somvuzo wakhe kwiofisi enkulu yenkampani eWelkom.
Walishiya elo bhinqa wathandana nelinye kodwa bangafumani bantwana. Kwiminyaka emibini elandelayo wabulawa yiAIDS.
Ibhinqa elinabantwana ababini laya kwinkampani yakhe layobuza ngemali yeProvident Fund nangeny' imali elifanele liyifumane.
Inkampani yalinika yonke imali elilungelo lomyeni wam.
Umantyi wenkundla wandinika icertificate of appointment, esindigunyazisa ukuba ndilawule ilifa lomyeni wam. Ndathi xa ndisiya kwinkampani yakhe neso satifiketi bandixelela ukuba bona babefuna ukubonelela abantwana ukuze bakhuliswe kakuhle.
Ndifanele ndithini ngoku"
nguLL, eRandburg
Isatifikethi owasinikwa ngumantyi ukuba ulawule ilifa lomyeni wakho asinanto yakwenza nokuhlawulwa kwabantwana bakhe imali yeProvident Fund.
Ngokweenkcukacha osinike zona, umyeni wakho wayehlawulela iProvident Fund ukuze ayinikwe xa ethatha umhlalaphantsi okanye ihlawulwe abantu ebebexhomekeke kuye xa esweleka.
Zonke iiProvident Fund zilawulwa ngokomthetho oyiPension Funds Act No 24 ka-1956 kwaye iFund nganye inamalungu ayilawulayo. USection 37C wePension Funds Act uthi xa iFund ifumene umntu obexhomekeke kwilungu eliswelekileyo (kweli tyeli ke ekungumyeni wakho) kwisithuba esiziinyanga ezili-12, loo mntu ufanele axhamle kwimali ekhutshwa yiFund.
Ngabalawuli bayo abenza isigqibo ngokuba ngubani obexhomekeke kuye kwaye banelungelo lokuyaba ngendlela engazukuqhatha mntu.
Kwimali yomyeni wakho kucacile ukuba abalawuli beFund babona ingabantwana abafanele ukufuman' imali ngaphezu kwakho.
Xa ubona waqhathwayo ngokungafumani mali, unako ukwenza isikhalazo esibhaliweyo kwiFund ngokoSection 30(a) wePension Funds Act, ubeke ngokucacileyo izizathu zokuba unganeliswa sisigqibo seFund.
Xa abalawuli beFund bengakuphenduli zingaphelanga iintsuku ezingama-30, okanye xa unganeliswa yindlela abachophele ngayo isikhalazo sakho, unako ukusigqithisela kwiPension Funds Adjudicator.
I-Adjudicator iya kusichophela isikhalazo sakho xa ingekapheli iminyak' emithathu ihlawuliwe imali.
IScorpion Legal Panel ikucebisa ukuba ufun' igqwetha eliza kusingatha ukufak' isikhalazo sakho kwiFund.[x]
Niziphathelwe yiBONA nabeScorpion Legal Protection
Sizamile ukuqinisekisa ukuba iingcebiso esikunika zona zifanelekile. Kodwa ke imeko yengxaki nganye ifuna ukuphandisiswa. AbakwaScorpion Legal Protection (Pty) Ltd, amalungu eengcali ezicebisayo, iBONA nabashicileli bale magazini abanakubekwa tyala nguye nabani na osebenzisa ezi ngcebiso.
Iingxaki Zomthetho
BONA XHOSA - October 2005
Thumel' ingxaki yakho kule dilesi: BONA Legally Yours, Box 32083, Mobeni 4060. AbakwaScorpion baza kunika wonk' umntu ofake isikhalazo sakhe ivawutsha yemizuzu engama-30 yokuncokola negqwetha e-ofisini yabo naphi na kweli okanye ngomnxeba.
