xhosa.651.winnie
Uyamthanda u
SEKUGQITHE iminyak' emithathu waba nesihikahika somtshato uWinnie - ingaba ukhulelwe ngoku? Ngumbuzo wokuqala lowo obuzwe yintatheli yeBONA xa ibidibana nalo mdlali weGenerations kwivenkile yokutyela ese-Auckland Park.
Ushiywe nguThabo ongumyeni wakhe apho kwaye indlela amjonge ngayo xa esihla emotweni ibibonakalisa mhlophe ukuba luyavutha uthando lwabo.
Xa ke isibini sithandana ngolo hlobo ubungalindela ukuba sibe sesinomntwana omnye okanye ababini.
UWinnie wome intsini xa simbuza loo mbuzo, waza wasixelela ukuba abakabi nabantwana nokuba akakhulelwanga. Ukwathe nonina ohlala eShowe eKZN apho naye wakhulela khona, usoloko embuza ukuba uya kubanabo nini abazukulwana.
Ngokwesithethe ubefanele abesel' enabo abantwana, kodwa uWinnie oxakeke ngumsebenzi wakhe uzenza ngendlela yakhe izinto.
Akaqali ke phofu ukwenza into "enxamnye nesithethe" kuba wahlalisana noThabo besandul' ukuthandana.
Uthe wayengaboni ngxaki ngokuhlalisana kwabo nangona wayengabaxeleli oko abantu bakowabo.
Abazali bakaWinnie, uZwelakhe noBongekile bazi ngaloo nto emva kokuba uThabo eye kumlobola, emva koko batshata.
Sibuyele kumba wokufumana izibulo kwesi sibini.
"Sagqiba ekubeni sakhe umtshato wethu ngokuhlala nje sijongane sobabini kungekho mntu wesithathu. Ngoku sivuthiwe kwaye sikulungele ukuba nomntwana kuba sesifundile ngobomi bomtshato. Kuza kufanele sibenaye kulo nyaka," utsho uWinnie.
Ukwathe uyakunqwenela ukuba nomntwana kaThabo kuba ungumyeni onobubele nothembekileyo.
"Ndadibana naye, ndabe nam ndandifun' umntu onjengaye. Kaloku ndandifun' indoda enovelwano kwabany' abantu," utshilo ngoThabo adibana naye kwiGrahamstown Arts Festival eMpuma-Koloni ngo-2002.
UThabo uyintatheli yeTV yakwaSABC, ngoko uhamba ihlabathi lonke echola-chol' iindaba.
Xa eye kuphangela phesheya akalibali ukuthengel' uWinnie impahla yokunxiba neziqholo.
Nangona kunjalo uWinnie akazange amthandiswe bububele bakhe kuphela uThabo. Ukukholwa kwakhe kuThixo yeny' into eyamenza wambona eyindoda emfaneleyo.
"Ndathandana naye ndimazi ukuba ungumKrestu ozelwe ngokutsha, kwaye ndandizibuz' ukuba ndiza kumthini 'umfundisi'," utshilo ehleka.
UWinnie naye wazinikela kuThixo emva kweenyang' ezimbini bethandana. Ngoku baphila ubomi bobuKrestu
kwaye baya ecaweni rhoqo ngeCawe.
Ukuza kuthi ga ngoku basaphume bebambene ngesandla kumahla-ndinyuka omtshato.
UWinnie uvumile ukuba nangona bonwabile emtshatweni wabo, kodwa zibakho izaqhwithi ezigqithayo njengayo yonk' imitshato.
"Umtshato undifundise ukumqonda nokungamgwebi omny' umntu, ngoko ndizama ukumfunda ngakumbi umyeni wam.
"Xa sinengxaki siyathetha ngayo yaye siyithandazele sobabini - ezo zezona zisombululo zeengxaki zethu."
UWinnie waqal' ukubonakala kwiTV xa wayedlala indawo yomntwana ohlal' esitalatweni kwiBackstage ngo-2003 ukanti wayezithanda neepati engekadibani noThabo.
"Kwafuneka ndikulahle oko, kwaye ndibulel' uThixo ngokuzalwa ngokutsha kuba ngendisengumntu weepati nangoku ukuba wayengandidibanisanga noThabo."
Ngoku uthi unqwenela ukuba noKhethiwe Buthelezi adlala indawo yakhe afumane indoda emthandayo.
Uthi ezothando azimhambeli kakuhle uKhethiwe kwiGenerations owaqala ukudlal' indawo yakhe ngo-2005.
Waqala ngokuzama ukuhenda umqeshi wakhe, uTau Mogale ukuba athande yena alahle uKarabo Moroka ongusomashishinikazi. Emva koko wathandana nesikrelemnqa
esingu-Ace esasisebenzel' uJack Mabaso.
Emva koko wathandana noSibusiso Dlomo, nto leyo yaphantse yamxabanisa noNtombi.
Emva koko uKhethiwe owakhulel' ezilalini wawela u-Adam owamphoxa ngokuthand' iilokhwe.
Emva koko ukrexeze noDumisani otshatileyo onenkosikazi enobukhwele nomsakwayo ongcolileyo.
Yintoni eyenza uKhethiwe angayifumani indoda emfaneleyo njengamany' amabhinqa?
"Ingxaki yakhe udibana namadoda angamfanelanga nasebenzisa into yokuba engaba sisisulu esilula kuwo.
"Naye ke uKhethiwe unezakhe iimpazamo. Akakavuthwa kwicala lothando kwaye oko kumenza akholelwe yonk' into ayixelelwa yindoda," utshilo uWinnie.
Ingaba uWinnine noThabo bayicebele ntoni imini yabantu abathandayo, iValentine's Day?
Uthe abakabi nazicwangciso zale mini; kodwa yena ubengathanda bazihlalele ekhaya babukele iiDVD.
Ngathi liqalo elihle elo lokuzama umntwana. [x]
Umbhali: Siyabonga Ngcangisa
Umfoti: Ivan Naude
INDWALUTHO
U
Xa sine-ngxaki emtsha-tweni siya-thetha ngayo siyitha-ndazele
UWinnie Modise akafani noKhethiwe odlal' indawo yakhe kwiGenerations kuba yena wamfumana umyeni wamaphupha akhe. Apha uthetha ngaye nangokwenza babe abakabi nabantwana
UWINNIE UTHI PAHAHA IIMFIHLELO ZOTHANDO
Ndiyawakhumbula... Amazwi okuqala uThabo awatsho kum kuba ayengenamtsalane. Wathi kukho apho andazela khona ndabe mna ndisazi ukuba akandazi.
Ngemini yokuqala sibonana... saya e-East- gate Mall saqala apho ukwazana. Saphinda sabonana kane emva koko ngaphambi kokuba siqale ukuthandana.
Umyeni wam... ulinene kwaye xa sasidibana wafumana amanqaku amaninzi kum ngokuba nobubele nangokuzola kwakhe.
UThabo... wayedalelwe mna kanye.
Njengesibini... sichith' ixesh' elininzi xa singasebenzi eGold Reef City sidlal' imidlalo njengabantwana.
