xhosa.640.yourlifeguide_stars
ABAFOTIWEYO BAYALINGANISA
amandl' obomi
USis Sarah
ukho ukuze
aphendule
imibuzo
yakho, ngethemba lokuba uza kuphilisa iintliziyo ezaphu-kileyo
Mbhalele kule dilesi:
Ask Sis Sarah,
Box 32083, Mobeni
4060.
Qaphela:
USis Sarah
akwazi
ukukucebisa ngeengxaki
zempilo.
Inkokeli yopolitiko
(wazalwa ngowama-
27 Agasti 1928)
indwalutho yale nyanga
UNkosi Buthelezi ongunyana kaNkosi Mathole Buthelezi noNkosazana Magogo kaDinizulu wajoyina i-ANC Youth League ngo-1950 waza waseka iqela le-IFP ngo-1975. Kule minyaka idlulileyo le nkokeli ihlonitshwayo ibisilwa ne-AIDS.
IINKWENKWEZI
Lindelani ukuvutha kothando lwenu kule nyanga, ngoko qinisekisani ukuba nobabini nikulungele oko. Makungabikho ubuy' umva kuni. Imihla yothando: 6, 7.
Nika ingqwalasela imbonakalo yakho nendlela ojonga ngayo izinto. Kufuneka uthandwe yaye ubenomtsalane ukuze lungehli uthando lwenu. Imihla yothando: 8, 9.
Niyevana nesithandwa sakho ngokwengqondo nasemzimbeni, ngoko eli lixesha elihle lokuzikhupha. Imihla yothando: 11, 12.
Nifanele nixolelane ukuze uthando lwenu lubuyele esiqhelweni xa benixabene. Nobabini kufuneka nifunde ukunyamezelana. Imihla yothando: 13, 14.
Yiba nenkathalo novelwano kwizinto ezichaphazel' umntu wakho. Fumana isipho esifanele imeko yakho yengqondo. Imihla yothando: 15, 16.
Eli lixesha elihle lokunyusa uthando nexesha enilichitha ndawonye. Uthando lwenu lufanele lunyukele kwinqanaba elingasentla. Imihla yothando: 17, 18.
Into ephambili kuwe kufanele kube kukuchith' ixesha elininzi nesithandwa sakho. Xa ungenaso, uya kuba nomtsalane kumntu omtsha. Imihla yothando: 19, 20.
Imiba yothando idlal' indim' enkulu ebomini bakho. Ungawajongeli phantsi amandla othando: angakwenza ubeligagu, ube usisibhanxa. Imihla yothando: 21, 22.
Zama ukuzenza uthandeke ngakumbi. Ungafuna ukuphumla nokungangxami xa ungengomntu othanda iipati. Imihla yothando: 23, 24.
Usenokuba awumchani kakuhle umntu othandana naye, kodwa umthanda enjalo. Wena zama ukumbonisa indlela omthanda ngayo. Imihla yothando: 26, 27.
Uthando oluhle loludibanisa izinto ezinokwenzeka nezinto zothando. Eli lixesha lokuba uzame ukuphumeza oko. Imihla yothando: 1, 2.
Luxanduva lwakho ukuzama ukulinganisa ukuba sisithandwa nokuba ngumhlobo kumntu othandana naye. Oko kuya kunenza nisondelelane. Imihla yothando: 4, 5.[x]
IINKWENKWEZI ZAKHO
