xhosa.1511.bantex
UZA kusithand' isingxobo esitsha esongezwe kwiipencil case zakwaBantex. Esi singxobo sinendawo enkulu eyaneleyo ukufaka iiballpen neepensile zakho zonke ukanti ikwanendawo eyodwa yokufaka izinto zakho ezikhethekileyo.
Isingxobo sakwaCasey esithandwayo silungel' ukuphath' iincwadi, izixhobo zakho zesikolo zonke kuquka neMcCasey pencil case eyanelayo kuso.
Gqwesa kwiiprojekthi zesikolo nakumsebenzi wesikolo owenzela ekhaya ngokuhlala unezinto zakho zesikolo ziqokelelekile ngezixhobo zakwaBantex - ukususela kwiistaplers neepunches ukusa kwizikere neerabha. Uluhlu lwakwaBantex lweebinders, iipresentation folders nezinto zokufayila zenzelwe ukugcin' umsebenzi wakho umi ngendlela.
Ungakhetha nakuluhlu lweekhava zeencwadi ezitywinekayo kwakhona kunye nesingxobo seeCD sakwaBantex esigcina kakuhle, sikhusele umculo nemidlalo yakho.
Ngolwazi oluzeleyo ngolu luhlu lwale mihla lwezixhobo zesikolo vula iwebsite yakwaBantex ethi www.bantex.co.za
Ngenela ngoku!
Siphisa ngezixa ezingama-30 ezixabisa i-R900 sisinye.
Zalisa ifom yokungenela uyithumele kule dilesi BONA/Bantex Competition, Box 32067, Mobeni, 4060 okanye uthumele iSMS. Bhala uBONA, bhala uBantex, bhal' impendulo uze uyithumele ku-34110. Ngenela nakangaphi. I-SMS nganye iyi-R2. [x]
ZUZA izixa zezixhobo zesikolo ze-R27 000
Ziyavulwa kwakhona izikolo yaye awuwuqali kakuhle unyaka xa ungenasixa sezixhobo zesikolo zexabiso...
Zuza nathi
UMHLA WOKUVALA: 31 Januwari 2006
IMITHETHO. 1. Olu khuphiswano luvuleleke kumntu wonke ngaphandle kwabasebenzi bakwaCaxton, abaxhasi nababhengezi beemveliso zabo kunye neentsapho zabo. 2. Isigqibo sabagwebi asinakuphikiswa yaye akusayi kubakho mbalelwano ngaso. 3. Amabhaso awanakutshintshwa abe yimali. 4. Ngamangenelo athatyathwe kwimagazini kuphela amakathunyelwe ngeposi. 5. Amabhaso angalandwanga kwiinyanga ezintandathu baza kuphulukana nawo abaniniwo.
IFOM YOKUNGENELA
Zalisa le fom yokungenela uyithumele kule dilesi:
BONA/Bantex Competition, Box 32067, Mobeni,
4060.
Igama: ....................................................................
Idilesi: ....................................................................
.......................................... Ikhowudi:...................
Umnxeba/Iselfowuni: ...........................................
(Sicela usinike umnxeba ofumaneka kuwo ngamaxesha omsebenzi.)
Umbuzo: Yiyiphi inkampani eyenza ukubuyel'
esikolweni kube mnandi"
Impendulo: ............................................................
BONA XHOSA - January 2006
