xhosa.624.teen
FAT CHARLIE
Yilwani nobundlongela!
Amaphepha-ndaba asoloko ezele amabali angobundlobongela ezikolweni zethu, kodwa asezandleni zethu amandla okuphelisa obo bundlobongela. Nantsi indlela ongabuphelisa ngayo kwesakho isikolo...
BUYANDA ubundlobongela obuhambisana nodushe ezikolweni zaseMzantsi Afrika! Ingaba uqhelile ukuyiva intetho enjalo, mlisela nomthinjana wakowethu" Kaloku siyazi ukuba amajelo eendaba ayibaxa njani into, nokuba sisiganeko esincinane asenza sikhulu, kodwa...
Izihloko ezinjalo ziphuma rhoqo emaphepha-ndabeni kangangokuba uFat Charlie ukruqukile zizo.
Kwenzeka ntoni kanye-kanye lutsha lwakowethu" Kutheni nisenza izinto ezinje"
Ndiyaniva ukuba nithi: "Asinjalongo thina! Asidlakathisi abanye abantwana! Asiyiphathi imipu neemela esikolweni, yaye siyazithobela iititshatala zethu."
Kulungile ke okwangoku makhe siyibeke bucala loo ngcingane...
Makhe sijonge apho iqala khona ingxaki. Kaloku izikolo zamabanga aphakamileyo zinamathuba amakhulu okuba nodushe. Kwaye oko kwenzeka ehlabathini jikelele.
Izinto ezimbi azenzeki ezikolweni zaseMzantsi Afrika kuphela. Kukho izikolo ezisezixekweni ezinjengeLondon, iNew York, iParis neBuenos Aires ezineziganeko zodushe ezibi ngaphezulu kwezenzeka ezikolweni zeli.
Kodwa oko akuthethi kuthi sifanele sisong' izandla, sithi ezi zinto ziyenzeka asinakuzinceda nganto.
Endaweni yoko ifanele isikhumbuze ukuba ulutsha lwaseMzantsi Afrika aluzondlobongela ngaphezulu kolutsha lwamany' amazwe ehlabathi.
Ubundlobongela ke yingxaki enkulu elutsheni kuba amaxesha amaninzi luzicingela lona lungacingi iziphumo zezenzo zalo. Yiloo nto eli bakala lokukhula kulelona linzima, mlisela nomthinjana. Uzifumana uphakathi kokuzibona usengumntwana ube usazi ukuba kufuneka ufunde ukuzeka kade ngumsindo. Iinguqu ezenzeka engqondweni nasemzimbeni zikwenza ube neengcingane ekunzima ukuzilawula ube uneentloni zokuzibalisela abantu, uze ushiyeke amaxesha amaninzi uzibona ulikheswa.
Ubona bonke abantu befun' ukulawula ubomi bakho ngokukubekel' imithetho nemiqathango, kube kungekho mntu azikhathaleleyo iimvakalelo zakho. Ingaba bayazi kona ukuba ukhathazwa yintoni" Akuncedi nokwazi ngaphakathi ukuba loo mithetho yeyokukhusela wena nokuba ufanele uyeke ukuziphatha okomntwana ongaqeqeshwanga xa ufuna ukuba ngumntu omdala.
Kwenzeka ntoni ke emva koko" Udibanisa ulutsha olunomsindo nolubhidekileyo iiyure eziliqela, iintsuku ezintlanu ngeveki esikolweni samabanga aphakamileyo, ize iqale apho ke inkathazo.
Ndiyazi ukuba uthi ngaphakathi: "Andiyondlobongela nje mna, kwaye andiqhwayi chuku."
Ndiyazi ukuba aninjalo mlisela nomthinjana. Kodwa ke nantsi ingxaki...
Akukhathaliseki nokuba yintoni na eyenza olunye ulutsha lube ziindlobongela, nokuba luphethwe gadalala emakhaya luze lufune ukukhuphela umsindo walo kwabanye abafundi, okanye nokuba luqala ukufunda ubukrelemnqa bokuba ngamatutu nababulali.
Eyona nto ibalulekileyo kukuba luvisa olunye ulutsha ubuhlungu.
Nawe ke yazi ukuba uyinxalenye yengxaki xa ungenzi nto ngokudlakathiswa kwabanye abafundi ngabanye esikolweni sakho uze ungenzi nto ukuphelisa obo bundlobongela.
KALOKU iingcali zengqondo zithi abantwana abavuyelela abanye bangamaxhoba nabo, ngoko baphatha abanye ngendlela nabo abaphethwe ngayo. Ingaba oko kusabalulekile xa ubona umfundi ebetha omnye" Eyona nto ibalulekileyo kukunqanda obo bundlobongela.
xa ubona ubundlobongela babafundi esikolweni sakho uze ungenzi nzame zokubuphelisa, kucacile ukuba nawe uyabuthanda.
Ufana nabantu abangavotiyo ngonyulo - kuba oko kuthetha ukuba abanangxaki nokuba ngubani olawula ilizwe. Ukungavoti kwabo kukwathetha nokuba balahla nelungelo labo lokukhalaza xa izinto zingahambi kakuhle (kuba kaloku abazange bafune kuba nanxaxheba ekwenziweni kwezigqibo).
Xa ubukela umntwana edlakathiswa ngomnye, ungakhali mhla kudlakathiswa wena abanye bebukele.
Kukho abo ke bathi kumnandi ukuvana nabantwana abadlakathisa abanye.
Abo bantwana ke uFat Charlie ubabona kungabona bayingxaki ngaphezulu kwabavuyeleli! Kufana nabantu baselokishini abavana nezikrelemnqa.
Esikolweni ke "ngabahlobo" bomvuleli wabany' abantwana abamkhuthaza ukuba enze izinto ezimbi ngakumbi. Ungatsho ukuba ngesingenabo abantwana abadlakathisa abanye ukuba bebengenayo i-'pavi'.
Niya kukhumbula ke ukuba uFat Charlie sele wathetha kakhulu ngabavuyeleli. Kule nyanga siqwalasela umba wobundlobongela ngokubanzi ezikolweni.
NISOLOKO nisiva, mlisela nomthinjana kusithiwa nilingomso kwaye oko kuthetha ukuba ninamandla okuqinisekisa ukuba ingomso liqaqambile. Kodwa oko akuthethi kuthi nifanele nisong' izandla nilindele umhla ozayo ekuya kwenzeka imilingo ngawo.
Ukulungiselel' ingomso kuqala ngoku. Oko kuthetha ukuba kufuneka sibunqande ngoku ubundlobongela ezikolweni. Nawe ungabunqanda kuba ziintanja zakho ezenza ubundlobongela.
Kodwa oko akuthethi kuthi kufuneka unqande ubundlobongela ngokuba yindlobongela ngokwakho. Dibanani nisebenzise iindlela ezizizo zokulwa nabo. Akukho mvuyeleli anokuba nesibindi sokubetha iqela lama-20 okanye ama-30 aye kulixela ububi elibenzayo kwi-ofisi yenqununu.
Ulutsha lusoloko lukhalaza ngokuba olunye ulutsha lutshabalalisa ingomso lalo - udushe ezikolweni lusinika ithuba lokulawula inqanaba elithile lobomi balo.
Sisenokungabi nako ukuphelisa udushe nolwaphulo-mthetho ezilokishini zethu, kodwa isikolo yeyona ndawo yethu. Esikolweni singanegalelo elikhulu ekulweni ubundlobongela.
Okumangalisayo ke kukuba siyaphendula abazali bethu kodwa sibe sithula cwaka xa iintanga zethu zisenza okubi ezikolweni.
Ingaba kulungile oko"
Ingomso lingoku, kwaye ungabunqanda namhlanje ubundlobongela esikolweni ngokungakunyamezeli ukudlakathiswa kwabany' abafundi. Ungavakalisa inkcaso yakho yokudlakathiswa kwabanye abafundi, uqinisekise nokuba abenza loo nto bayohlwaywa. Icekwa likuwe ke. [x]
BONA XHOSA July 2008
FUNDANI KUBO
Izikrelemnqa "zinamandla" kuba ziba ngamaqela. Kodwa thina sibaninzi ngaphezulu kwazo - ingxaki yethu kukuba asisebenzisani njengazo.
Masikujike ke oko. Masisebenzise amaqhinga azo nathi, sidibane. Wonke umntu ongesiso isikrelemnqa naye makazibandakanye neqela elilwa nezikrelemnqa - baza kuza abanomdla kuba bayela ukuyofunda esikolweni abayelanga ukuyolwa - nani ke niya kuba lelona qela likhulu esikolweni elilwa nokudlakathiswa kwabanye abafundi.
Fundani kwimibutho yabahlali neyepolitiki esekuhlaleni. Xa kukho iqela lamakhwenkwe okanye amantombazana elidlakathisa abany' abafundi ezikolweni, bhalani elikwenzayo, umhla, ixesha nendawo elikwenze kuyo nokuba bekukho oobani. Nikani inqununu ikopi yolo luhlu xa niye kuyibona. Oko kuya kungqina izityholo zenu.
Xa inqununu ingathabathi manyathelo yaye nifun' ukugqithela phambili, olo luhlu luya kuba bubungqina bokuba niyixelele inqununu ngengxaki yenu.
YIBANI KRELE-KRELE
BONA XHOSA July 2008
SINIKENI IIMBONO ZENU
Ingaba isikolo sakho sinengxaki yeendlobongela" Ucinga ukuba ibangelwa yintoni" Yintoni oyenzileyo ukuthintela ukuba inganwenweli phambili le ngxaki"
Bhala uchazele uFat Charlie ngokwenzeka esikolweni sakho. Bhalela kule dilesi: Fat Charlie, Box 32083, Mobeni, 4060.
