xhosa.617.petrol
XA ndandiqal' ukuqhub' imoto ngeminyaka yoo-1970 ilitha yepetroli yayiziisenti ezili-9. Ukususela ngoko lande kakhulu inani leemoto ezindleleni, kwaye akukho siqinisekiso sokuba iza kufumaneka na kwiminyak' ezayo ipetroli ukanti noorhulumente bamazwe ehlabathi babona abanini beemoto befana neemazi zeenkomo ezibhongxileyo ezifanele kukusengwa.
Le meko ayinakutshintsha, ngoko akuncedi ukuzithembisa ngokuba liya kuze lihle ixabiso lepetroli. Endaweni yoko kufuneka sizame ukungayisebenzisi kakhulu. Ipetroli esetankini yemoto yakho kufuneka uyiphathise okwemali onayo esebhankini, uze uzame ukuba ilitha nganye uyisebenzise ngokukuko.
Eyona nto ilula nesebenzayo yokonga ipetroli kukungayisebenzisi kakhulu imoto yakho.
Phofu ke oko akuthethi kuthi awunakuthatha imoto yakho ngeCawe ukhe uzula-zule ngayo. Konwabele ukuqhub' imoto yakho, kodwa uzazi iindleko ongena kuzo rhoqo xa uyiqhuba, kwaye uqinisekise ukuba uyisebenzisa ngokukuko.
Kubhetele uhambe ngeenyawo xa usiya kubona umhlobo ohlala kufutshane nawe.
Xa kukho abahlobo nabantu ophangela nabo eningahamba nabo ngemoto enye, sebenzisani elo cebo. Kweny' iveki ningahamba ngemoto yakho, kwelandelayo nihambe ngeyomntu osebenza naye. Uya konga imali kwiindleko zepetroli, ezokuseyivisa, ezokuguga kwamavili neziny' izinto ezigugayo ngokuhamba kwemoto.
Xa ilitha yepetroli ixabisa i- R5,80 kwaye imoto yakho ihamba iikhilomitha ezili-10 ngelitha, usebenzisa i-60c yepetroli uwedwa ngekhilomitha nganye oyihambayo.
Xa uhamba umgama weekhilomitha ezingama-40 ukuya nokubuy' emsebenzini, usebenzisa i-R24 ngemini, okanye i-R480 ngenyanga.
Xa ungahambisana nomntu ophangela naye uya konga i-R240 kwiindleko zepetroli - kwaye ixabiso lemoto yakho liza kuba lihle kuba iza kube ingahambi kakhulu.
Ngoku uzinciphisil' iindleko zokuhamba ngemoto kungekho mfuneko, uthini ngamaxesha ekufuneka uhambe ngemoto ngawo" Ungayonga kanjani ipetroli kuwo"
Nang' amacebiso...
Yigcine ikwimeko entle imoto yakho. I-air filter emdaka okanye iispark plugs eziphelileyo zingenza imoto yakho itye ipetroli kakhulu.
Qinisekisa ukuba amavili akho anomoya ofanelekileyo. Amavili anomoya ophantsi aya kwenza imoto yakho itye ipetroli eninzi, kwaye namavili akho aphela ngokukhawuleza.
Jonga ukuba amavili akho aphela ngokulinganayo na, uze uyokwenza iwheel alignment xa engapheli ngokulinganayo. Oko nako kuya kukongel' imali eninzi kwipetroli nasemavilini.
Yibhale indlela imoto yakho etya ngayo ipetroli. Oko kuya kukunceda ukhawuleze uqaphele xa kukho ingxaki, uze uyilungise.
Ungayidumisi imoto uze uhlale kuyo usithi uyayifudumeza. Yidumise uyiyeke imizuzwana ukuze i-oyile inyuke ifike kuzo zonk' indawo enjinini uze usuke uhambe kodwa ungangxami de usiba lobushushu lubonise ukuba injini ishushu ngokufanelekileyo.
Kuphephe ukuhamba usima. Xa ubona irobhothi oya kuyo ukuba ibomvu, ungayi ngesantya kuyo kuba kuza kufuneka usebenzise iziqhobhoshi (iibreki) ukuyimis' imoto. Yekelela unyawo emcepheni uze uye kwirobhothi kuhle nje ube uyilinde ukuba mayikuvulele.
Iindlela zakho zicebe ngokwendlela osebenzisa ngayo ipetroli. Indlela eya kude oyihamba kuhola wendlela iya kutya ipetroli encinane kunendlela emfutshane oyihamba phakathi kwezakhiwo.
Ungawunyatheli ngamandla umcephe. Wunyathele nje kuhle uze uyekelele xa indawo isihla!
Fikelela kweyona giyeri iphezulu ngokukhawuleza xa unako, ingekange ikhameke injini. Xa isandi senjini sisihla kwindawo enyukayo, faka igiya engezantsi uze umcephe uwunyathele ngendlela obuwunyathele ngayo kunokuba uwunyathele kakhulu.
Zivale iifestile xa uhamba kuba umoya ongena ngazo uyayibamba imoto ize itye kakhulu ipetroli.
Xa imoto yakho iyiveni engenakhenophu, yogqume ngasemva ngeseyile. Xa ungenayo iseyile, vula ucango lwangasemva xa uhamba umgama.
Ungaze ufake izinto ekuthiwa zong' ipetroli emotweni yakho kuba azisebenzi. Ungaze ugalele izinto ezibhengezwayo kwioyile yemoto yakho.
Inkoliso yethu iyakuthanda ukuqhuba ngesantya esiphezulu ngamany' amaxesha, kwaye likho ixesha nendawo yokuqhuba ngesantya esiphezulu.[x]
Ukonga ipetroli
Iindlela zobulumko zokong' imali
Phatha ipetroli esetankini yemoto njengemali yakho esebhanki, uze ilitha nganye yayo uyisebenzise ngokukuko...
kubhale kwafota uGAVIN FOSTER
NGASENTLA: Glug, glug, glug! Eso sisandi esivakalayo xa ugalel' ipetroli etankini...kodwa zikho iindlela zokuyisebenzisa ngokukuko.
BONA XHOSA - November 2005
u
BONA XHOSA - November 2005
Iingxaki Zomthetho
Niziphathelwe yiBONA nabeScorpion Legal Protection
Ufakwe kuluhlu lwabantu ababhatala kakubi amatyala
Ndingumthengi kwivenkile ethumela iimpahla ngeposi kwaye ngoku le venkile indifake kuluhlu lwabantu abawahlawula kakubi amatyala. Ndicinga ukuba oko kwabangelwa kukungenziwa komsebenzi ngendlela kule venkile. Ndathunyelelwa iipakethe ezimbini zento endandiyi-odile, ndabe mna bendifuna enye.
Ndayiphindisa ipakethe yesibini kodwa le venkile yala ukuhlisa ityala lam. Bendisoloko ndihlawula izavenge zam ngethemba lokuba baza kulihlisa ityala lam.
Babesoloko bendithembisa ukuba baza kuyilungisa le ngxaki kodwa ethubeni bandigrogrisa ngokundifaka kuluhlu lwabantu abahlawula kakubi.
Ndayek' ukuhlawula kuba ndingazi nokuba sendihlawule malini nokuba kusashiyeke malini, ndabe ndingafuni ukuhlawula imali engaphezulu kwefanelekileyo.
Asikuko ukuba andifuni ukuhlawula kodwa andinakuhlawulela impahla endayiphindisayo. Ndisalinde ukuba bandithumelele incwadi etsho ukuba ndibatyala malini. Ndicel' uncedo.
nguMP, Masimula
Xa ufakwe kuluhlu lwabantu abahlawula kakubi amatyala, awunako ukuthenga ngetyala naphi na.
Ngoko kufuneka uthabathe amanyathelo akhawulezayo okulungisa le meko.
AbeScorpion Legal Panel bazama ukunceda abafundi bazisombululele iingxaki zabo bengakhange bafune amagqwetha. Kodwa kunzima ukuthetha neenkampani ezibhalisa abantu abahlawula kakubi.
Bafumana amakhulu ezikhalazo zabantu yaye uninzi lwazo azichananga okanye zenziwa kukungawazi umthetho. Ngoko ezi nkampani azizihoyi zize zingaziqwalaseli ezo zikhalazo.
Ngenxa yezo zizathu, sikucebisa ukuba ufune igqwetha eliza kukuphandela ukuba ngenene ufakiwe na kolu luhlu, likuncede nasekukhupheni igama lakho kulo.
Xa ungafakwanga kolo luhlu, igqwetha liya kuqinisekisa ukuba loo venkile iyayisusa imali yempahla owayiphindisayo nokuba awuhlawuli imali engaphezulu kwefanelekileyo.
Ukuze unciphise iindleko, nika igqwetha zonke iirisithi neencwadi obuzibhalelwa yile venkile.
Ungalindi ukuba igqwetha lide lizifune lona. Ngoko qinisekisa ukuba uya kubona igqwetha uziphethe ezo zinto.
Xa kukho umntu olingqina lakho kule mbambano, yiya naye egqwetheni. Oko kuya kukunceda, kukongel' ixesha nemali.
Xa unengxaki yokufuman' igqwetha, yiya kwiofisi ekufutshane nawe yeScorpion Legal Protection.[x]
Sizamile ukuqinisekisa ukuba iingcebiso esikunika zona zifanelekile. Kodwa ke imeko yengxaki nganye ifuna ukuphandisiswa. AbakwaScorpion Legal Protection (Pty) Ltd, amalungu eengcali ezicebisayo, iBONA nabashicileli bale magazini abanakubekwa tyala nguye nabani na osebenzisa ezi ngcebiso.
Thumel' ingxaki yakho kule dilesi: BONA Legally Yours, Box 32083, Mobeni 4060. AbakwaScorpion baza kunika wonk' umntu ofake isikhalazo sakhe ivawutsha yemizuzu engama-30 yokuncokola negqwetha e-ofisini yabo naphi na kweli okanye ngomnxeba.
Yicebe indlela ukuze wonge
