xhosa.607.coffins
Umngcwabo owahlukileyo
Indlela 'entsha' yokungcwaba
Usomashishini waseMzantsi Afrika uvelise indlela "entsha" yokungcwaba ezakonga iindleko nomhlaba lo gama ihlonela amasiko esintu
SONKE siyazi ukuba imingcwabo yale mihla ifuna imali eninzi kuba kaloku abo bashiywe sisalamane bafuna ukusingcwaba ngesithozela.
Akufuneki ukuba kube njalo kwaye usomashishini nomvelisi oselula uPaseka Hlatshwayo uyibonisile loo nto.
UPaseka ukholelwa ekubeni ukungcwaba isalamane ngesithozela akufanelekanga ukuba kwayanyaniswe nemali waza weza necebo.
"Ndiyazi ukuba sifuna ukuzingcwaba ngesidima nesithozela izalamane zethu yaye ndibona ngathi abantu bakuthi bayaxhatshazwa xa besenziwa bakholelwe ekubeni ukungcwaba isalamane sakho ngesithozela kukungena nzulu epokothweni," utshilo.
"Ookhokho bethu babezingcwaba izalamane zabo ngesithozela ngendlela ababezingcwaba ngayo kodwa bengangeni nzuu ezipokothweni zabo."
Wathi ngenye imini uPaseka ebukele inkqubo yeTV eyayingengxaki yokunqongophala komhlaba wokungcwaba waza wabona ukuba isisombululo sokutshisa imizimba okanye ukungcwaba abantu phezu kwabanye kunxamnye nesiko lakwantu.
Waqonda ukuba ngokuqinisekileyo ikho enye indlela yokungcwaba engaba sisisombululo waza wazixelela ukuba uza kuyifumana.
Wenza uphando ngamasiko amandulo akwantu waza wafumanisa ukuba ikho indlela yokungcwaba yasebukhosini eyayisetyenziswa mandulo.
Wafumanisa ukuba iinkokheli zasebukhosini zazingcwatywa zichophile.
Zazingcwatywa ngolu hlobo kuba kwakukho inkolelo yokuba umoya wazo awufi koko uhlala uphila kwaye abantu bazalwa bechophile ngoko ukungcwatywa kwabo ngolu hlobo kulungile.
"Ndafumanisa ukuba ukungcwaba abantu ngolu hlobo kubanika isidima nesithozela esibafanelayo," utshilo
"Le ndlela yokungcwaba yayiyeyeenkokheli zasebukhosini kuphela ngoko ndenze indlela yokungcwaba efana nayo."
Wachitha unyaka esenza uphando novavanyo waza waphehlelela umkhumbi iLebone kwindibano kazwelonke yabangcwabi ngoJuni 2006.
Umkhumbi iLebone umilise okwesibane ukuze ungene engcwabeni elingqukuva nelincinci.
Ingcwaba leLebone lithabatha umhlaba ongaphantsi nge-66% kunengcwaba eliqhelekileyo.
"Sabambisana neNational City Parks yaza yona yaqinisekisa ukuba oomasipala bayakwazi ukuwemba la mangcwaba.
"Abangcwabi bayaqeqeshwa ukuze bakwazi ukungcwaba ngeLebone kwaye kulula," utsho uPaseka. Uqeqesho luyaqhbeka ngoncedo lweWits University.
Imikhumbi yeLebone ayisebenzisi zixhobo ezininzi xa isakhiwa.
Le mikhumbi iyafikeleleka kuba ukuyenza akuxhomanga ngexabiso. [x]
BONA XHOSA - July 2007
Ukusebenza kwawo...
kubhale uTANIA SANDBERG
Kukholelwa ekubeni le mikhumbi iza konga umhlaba.
' XA UFUNA ULWAZI OLUTHE KRATYA: I-South African Funeral Supplies (SAFS) inikwe amalungelo okwakha nokuthengisa le mikhumbi. Abantu bangafaka ii-odolo kwiSAFS okanye bacele abangcwabi babo baqhagamshelane neSAFS ukuze bafumane umkhumbi weLebone.
Tsalela iSAFS kule nombolo 031-507-8150 xa ufuna uku-odola umkhumbi.
BONA XHOSA - July 2007
