xhosa.605.car
umbhali nguNKOSAZANE SITHOLE
Lumka mthengi
Qwalasela oku xa utheng' imoto endala
BONA XHOSA - February 2008
AMAZIKO acebis' abathengi afuman' amawaka ezikhalazo zabathengi beemoto ezindala rhoqo ngonyaka. Inkoliso yazo zezabantu abaqhathwa bethenga imoto bengakhange bayijonge neengxaki ezilula ezingabonwa nangumntu ongazinto ngeemoto.
Nokuba unesikhalazo esivakalayo, mancinane amathuba okubuyiselwa imali yakho kunzima ukuza nobungqina bokuba wayithenga imoto inayo loo ngxaki.
Qinisekisa ukuba imoto ikwindawo ekhanyayo ukuze ujonge ezi zinto zilandelayo...
IRASTI: Hambisa isitsalane (imagnet) emzimbeni wemoto. Kwindawo esingancamatheliyo kuyo kungenzeka ukuba imoto inerasti kakhulu okanye yakhe yabetheka yagcwaliswa ngodaka.
Xa ikhona indlela imoto mayikhweliswe kwirempu uyigoca-goce nangaphantsi. Ungayithengi xa inerasti kakhulu ngaphantsi kuba ifana nephelileyo xa injalo.
I-OYILE: Amathontsi e-oyile ngaphantsi kwenjini abonis' ukuba imoto ifuna iigaskethi ezintsha.
AMAVILI: Qinisekisa ukuba onke amavili ayafana kunye nespele nokuba ayiradial na okanye icross-ply - ujonge nokuba aphele kangakanani.
UMZIMBA: Vavanya umzimba wemoto ngokuyicinezela kakhulu ekoneni uze uyiyeke. Kufuneka inyuke kube kanye ibuyela ekuphakameni kwayo. Xa inyuka isihla kaninzi oko kubonisa ukuba kukho undonakele kwisuspension.
Qinisekisa ukuba iifestile iingcango, ibhuthi nebhonethi ziyatshixeka zivuleke kakuhle.
UKUGUGA: Jonga ukuba izitulo ziguge kangakanani uphakamise neekhaphethi ujonge ngaphantsi kwazo. Irasti kumphantsi wemoto ibonisa ukuba amanzi ayangena.
Jonga amabhanti okhuseleleko ukuba ayasebenza na.
OKUSEBENZA NGOMBANE: Jonga izibani, ii-indicator, iiwayipha nee-washers ukuba ziyasebenza na. Buza umthengisi ukuba ireyido neziny' izinto zifakiwe na kwixabiso lemoto.
I-ODOMETER: Jonga inani leekhilomitha (i-odometer) esele izihambile imoto. Ngaba zibonakala zichanile" Cinga ngemeko yemoto nangembali yayo ebhalwe kwiimpepha zayo.
Umntu onemoto uhamba malunga ne-19 000km ngonyaka, kodwa eyenkampani ingahamba i-65 000km ngonyaka. Unobuqhetseba umthengisi wemoto obuyisela umva inani leekhilomitha ezihanjwe yimoto.
KWINDAWO ENENJINI: Jonga ukuba imoto ayizange ikhe itshayise na ngokubona ipeyinti entsha okanye indawo etshiselweyo.
Jonga ukuba akavuzi na amanzi kuba ukutshintsha iradiyetha kuduru.
Yidumise
Yidumise uyiyeke iduma. Amaqhetseba agalela i-oyile ejiyileyo enjinini nakwigiyabhoksi ukuze ingabi nengxolo xa indala. Yilinde ifudumale ngaphambi kokuba uphulaphule ingxolo.
IDIPSTICK: Amathontsi amanzi okanye igwebu eligreyi kwi-dipstick kuxela ukuba icylinder head inothanda. Vula isiciko se-oyile. Ukuphuma komsi kuso kubonisa ukuba injini iphelelwe.
I-EXHAUST: Yireve emva kwemizuzu embalwa iduma. Ukuphuma komsi omnyama kuxela undonakele kwikhabhareyitha. Umsi oluhlaza uxela ukuba injini ifuna ukwenziwa ngokutsha.
IRADIYETHA: Yicime imoto. Ngokuya iphola vula iradiyetha ngelaphu ukuze ungatshi. Kukho ingxaki xa amanzi ene-oyile okanye enamadlu - xa ingxaki incinane kutshe icylinder head gasket, ukanti xa inkulu icylinder head inothanda.
Kwiimoto ezineradiyetha engenasiciko jonga i-oyile kwitankana egalelwa amanzi.
IBHETRI: Jonga ibhetri ukuba isesemcimbini na ngokuyeka izibani zikhanya imizuzu embalwa, emva koko ubone ukuba iduma lula na.
Yivavanye ngokuyiqhuba
Yiqhube kwindawo enyukayo nakwindlela embi ukuze uve iingxolo ezenzayo, ufumane nendlela ongayiqhuba ngesantya esingaphaya kuka-80km/h kuyo.
IZIQHOBOSHI: Vavanya iziqhoboshi zayo. Xa kufuneka uzinyathele kakhulu okanye imoto itsalela kwicala elithile xa uzinyathela, okanye xa iziqhoboshi zisenz' ingxolo, zifun' ingqwalasela.
IINGXOLO EZINGAQHELEKANGA: Mamel' iingxolo ezingaqhelekanga emavilini nakwisuspension.
Isandi esithi "klonk" xa utshintsha amagiya - nokuphuma kwegiyeri xa uyeka amafutha kubonisa ukuba igiyabhoksi inengxaki.
AMAGIYA: Nyathela amafutha nokuba uhamba ngaliphi igiya. Ukuvakala kwengxolo enjinini kuthetha ukuba kukho ingxaki kwi-big end edibanisa iphistini necrankpin.
I-AXLE: Nyusa isantya uhambe ngegiya eliphezulu. Isandi esitswinayo ngasemva okanye ngaphambili kwimoto etsala ngaphambili kuxela ukuba idiff inondonakele.
IIBHERINGI: Yikhuphe egiyeni imoto ihamba uze uphulaphule. Xa usiva ingxolo ephantsi yobugoxo-goxo emavilini, ziphelile iiwheel bearing.
ISTERINGI: Hamba ngo-50km/h kwindlela ethe ngqo enyuka kancinci, siyekelele isteringi. Xa singcangcazela okanye imoto itsalela ecaleni, oko kubonisa ukuba amavili afuna ukubhalantswa okanye iwheel alignment, okanye kufuneka ulungise isteringi.
IKLASHI: Misa imoto iduma kwindawo enyukayo. Tsala ihandbrake imoto isegiyeni. Ifanele icime ngoko nangoko xa uyek' iklashi. Xa ingacimi ngoko nangoko, oko kuxela ukuba iklashi iphelile.
Okubalulekileyo
Ngaphambi kokwenza isigqibo sokuthenga imoto, licebo elihle nokufumana ingcali ezimeleyo iyigoca-goce.
Xa ungayithembi imoto ethile, kubhetele ulibale ngayo. Uya konga imali nokuphazamiseka kwiindlela zakho ngokufuna enye imoto ebhetele kwenye indawo. [x]
Akukho mfuneko yokuba yincutshe yomkhandi wemoto ukuze uqinisekise ukuba awuqhathwa xa utheng' imoto endala. Jonga ezi zinto zilula ngaphambi kokuba uyithenge...
BONA XHOSA - February 2008
