xhosa.593.jeff
iingxaki zomthetho
Iingxaki zomthengisi
INGXAKI: Ndathi xa ndizibandakanya neSANDF ndacela umhlobo wam ukuba andithengisele isithuthuthu sam. Ndamnika zonk' iimpepha zaso. Sathengwa ndaza ndamhlawula umhlobo wam.
Umthengi waso wandibek' ityala esithi umthengisi waso wathi sesika-2002 ukanti sona sasisesika-1999.
Ndaya enkundleni ndaza ndagwetywa i-R2 300 yomonakalo neendleko zomthengi zomthetho.
Umhlobo wam wamqhatha umthengi kuba ndandimnike zonke iinkcukacha zesithuthuthu kuquka nonyaka esenziwa ngawo. Ndizimisele ukummangalela umhlobo wam ukuze andihlawule iindleko aze abuyise nemali endamhlawula yona kuba endithengisele esi sithuthuthu. Ngaba ndingaphumelela"
ICEBISO LABAKWASCORPION:
Ngokomthetho wacela umhlobo wakho ukuba abe yi-arhente yakho ekuthengiseni isithuthuthu sakho.
Umhlobo wakho waqhatha umthengi wathi sesika-2002.
Xa unayo ikopi yerekhodi yetyala owabekwa lona, ubungqina obanikwa enkundleni buza kucacisa ukuba awuzange umgunyazise umhlobo wakho ukuba aqhathe umthengi yaye wena wawungenalwazi lokuba wasithengisa ngobuqhetseba.
Obo bungqina buza kucacisa nokuba umthengi waphulaphula into eyayithethwa ngumthengisi emcenga ukuba asithenge isithuthuthu eso.
Xa umangalela i-arhente yakho kuza kufuneka ubonise ukuba ngenene wamqhatha umthengi nto leyo yakhokelela ekubeni umthengi akubeke ityala kamva.
Kufuneka ufumane ikopi yesigwebo owasifumanayo kwelo tyala uze usinike inkundla ukunik' ubungqina bemali owayihlawuliswayo kwaneendleko ezenziwa leli tyala. Xa wawumelwe ligqwetha, imali owayihlawula elo gqwetha nayo iyinxalenye yezo ndleko.
Kufuneka ufumane ikopi ye-akhawunti yegqwetha elo okanye ulibize enkundleni lizonika ubungqina bokuba ngenene walihlawula malini na.
Ungaliwina eli tyala kodwa kufuneka ufumane igqwetha eliza kukunceda. Xa igqwetha owawulisebenzisa etyaleni lakho langaphambili lakonelisayo, licele kwakhona likumele. Xa unengxaki yokufumana igqwetha ungaqhagamshelana ne-ofisi yakwaScorpion ekufuphi nawe ukuze ufumane igqwetha eliza kukumela. [x]
ABAFOTIWEYO BAYABONISA NJE
Sizamile ukuqinisekisa ukuba ufumana iingcebiso ezizizo. Kodwa ke ityala netyala lifuna ukuphandisiswa kwaye abeScorpion Legal Protection (Pty) Ltd, igqiza labacebisi neBONA nabashicileli bayo abanakubekwa tyala ngelahleko engafunyanwa ngumntu osebenzise iingcebiso zalo mhlathi.
BONA XHOSA - July 2007
Niziphathelwe yiBONA nabeScorpion Legal Protection
Thumel' ingxaki yakho yomthetho kule dilesi BONA Legally Yours, Box 32083, Mobeni 4060 - uya kufumana ithuba lokuxoxa negqwetha imizuzu engama-30 kwii-ofisi zalo naphi na kweli okanye uthethe nalo ngomnxeba.
UJEFF MOLOI uyacula" Mhlawumbi singatsho. Ungamva ecula kwinkqubo yakhe yakusasa kwiKaya FM ethi Live And Switched On. Abanye abantu bathi iinkampani ezivelisa umculo mazimtyikityise isivumelwano.
Usuka ancume xa umbuza ngokucula kwakhe. "Iingoma esizicula kule nkqubo zezokuzidlalela nje.
"Ndisafunda kumabanga aphantsi ndandicinga ukuba ndingaba yimvumi kodwa ndakhutshwa kwikwayala yesikolo kuba esithi umbhexeshi ndimfutshane kakhulu," utshilo.
Yinyaniso leyo! Umbhexeshi wekwayala wayefuna amakhwenkwe amade ngesithomo ukuze abonakale xa ecula phaya emva. Wayengawafuni amakhwenkwe amafutshane asithwayo ngamantombazana.
Le mbalasane eyayifudula isasaza imidlalo ku-e-tv ithi igama likaJeff Moloi asilogama lakhe lokwenene.
"Igama likaJeff Moloi ndazithiya lona ukuze ndahlukanise umsebenzi wam wokuba ngumsasazi nowokuba yititshala. Ngoku wonk' umntu undibiza ngoJeff," utshilo.
Igama lakhe lokwenene nguTebogo Mohlomi. Ngethuba etitsha eMthatha wayesasaza kwisikhululo sosasazo sasekuhlaleni ebusuku esenza inkqubo yeendaba nezemidlalo.
"Kwakunzima ukubiza uTebogo Mohlomi emaXhoseni ndaza ndazithiya igama likaJeff Moloi kuba ndaliva limnandi yaye kulula ukulibiza," utshilo.
Wazithiya eli gama ukunik' imbeko kuTebogo Moloi owayengumdlali nomqeqeshi wePirates.
UJeff wasebenza iminyaka emibini kweso sikhululo soluntu. "Ndandisebenza ndingafumani mvuzo ndifumana amava kuphela."
Wayesazi ukuba ufuna ukuba ngumsasazi noxa nje wayefundele ukutitsha.
Uyabahlonipha kakhulu ootitshala uJeff noxa nje awushiyayo lo msebenzi.
Uthi, "Kwakunzima ukutitsha abantwana abazele iklasi. Babengaphaya kwama-80 abantwana kwenye yeeklasi zam. Ndaqalisa ndineminyaka engama-21 yaye abanye babafundi babebadala kunam abanye betshatile. Babendihlupha kuba babengafuni ukuva ngomntu omncinane kunabo."
UJeff uthi uyabamonela ooDJ bomculo. "Bathandwa kakhulu bona ngamantombazana," utshilo.[x]
kubhale uFORCE KHASHANE kufote uPAPI MORAKE
OoDJ bomculo bazifumana zonke iintombi!
UJeff Moloi "wokwenene"
BONA XHOSA - July 2007
Umsasazi oculayo
EKHOHLO: UJeff eziphumlele emzini wakhe.
NGASENTLA: UJeff nemoto yakhe aneqhayiya ngayo.
