xhosa.582.erectile
Ukungavukelwa KAKUHLE
Kufuneka indoda ivukelwe ngokupheleleyo ukuze ikwazi ukuba nendibano yesondo - iqala apho ke inkathazo. Ukungavukelwa kakuhle kungancedakala...
UKUNGAVUKELWA ngokupheleleyo akuyongxaki ekhathaza amadoda amadala kuphela. Injalonje le ngxaki ayinanto yakwenza "nobudoda" bakho. Yingxaki echaphazela isinye esithathwini samadoda ehlabathini jikelele.
Indoda ivukelwa emzimbeni nasengqondweni. Okwenzeka emzimbeni kukuba igazi lizalisa ilungu lobudoda lize liqine. Kodwa ke kukho izinto eziliqela ezingenza oku kungenzeki.
Ezo zinto ziquka ukusela kakhulu utywala okungenza ungavukelwa ngokupheleleyo ngeziny' iimini, ukusebenzisa amayeza athile okanye eziny' iingxaki zempilo ezikwenza ubenale ngxaki.
Ama-70% abantu abanengxaki yokungavukelwa baneengxaki ezisemzimbeni - ukanti oko kungaba luphawu lweengxaki ezinkulu ezizayo ngokutsho kukaGqr. Shingai Mutambirwa waseSoweto onyanga amadoda anale ngxaki.
"Amadoda amathathu kwamane anesifo seswekile anamaxesha okuba nengxaki yokungavukelwa," utsho.
Kungabangelwa nakukuba nekholesteroli eninzi okanye ihayi-hayi - ngxaki ezo zichaphazela ukubaleka kwegazi okubalulekileyo!
Kuze kubekho neengxaki ezinento yokwenza nengqondo... Uxinzelelo lwengqondo (istresi) lolona luyingxaki kakhulu. Yiloo nto iingcali ezinjengoNjing. Raymond Rosen ongumlawuli wenkqubo yezesondo
e-US zisithi xa unengxaki yokungavukelwa ngokupheleleyo,
oko akuthethi kuthi awuseyiyo indoda.
Oko kubonisa ukuba ukukhuthalele ukusebenza okanye imicimbi
yosapho de ikwenze ubenoxinzelelo lwengqondo. Xa unoxinzelelo kubanzima ukuvukelwa ngokupheleleyo - nkqu nasemadodeni asematsha.
Nako ke ukungavukelwa ngokupheleleyo kukwenza lukuphathe ngamandla uxinzelelo. "Uyacaphuka, uzibone ungeyondoda yaye ungenamandla okwenza nto," utsho uRosen.
Ukusuka apho ugxeka iqabane lakho, okanye ufune iqabane elitsha, zinto ezo zingayi kukunceda. Endaweni yokuba zikuncede ziyenza mandundu ingxaki yakho. Nokusebenzis' amayeza akuncedi. Ekuqaleni ungawabona engathi ayakunceda - oko kwenziwa kukuba xa into ukholelwa ukuba iyasebenza, ibangathi iyasebenza ekuqaleni.
URosen uthi kufuneka ukhumbule nokuba, "ukusebenzisa
amayeza angakuncediyo kungayiqhubela phambili ingxaki yakho kunokungasebenzisi nto."
Eyona nto ibonakalayo kukuba ukungavukelwa yenye yeengxaki ezinyangwa kakhulu kule mihla! Into eyifunayo nje indoda kukuba nesibindi sokuya kugqirha! [x]
Umbhali: Patricia McCracken
Ukuze ufumane eziny' iinkcukacha, qhagamshelana neSA Sexual Health Association: ku: 0860-100-262; okanye uye
ku-www.sexualhealth.co.za
BONA XHOSA December 2008
INQAKU LEMPILO
Ukusebenzisa amayeza angancediyo kungayenza mandundu le ngxaki
Ungayibethisi ngoyaba le ngxaki: Amaxesh' amaninzi amadoda anengxaki yokungavukelwa ngokupheleleyo akafuni ukuthetha ngengxaki yawo - uwafumane esela de kuhambe ubusuku nabahlobo okanye aphangele de abuye kade.
Thetha ngengxaki yakho nangonyango lwayo: Intlungu oyiva engqondweni yokungavukelwa ngokupheleleyo kungakwenzakalisa kakhulu kuneengxaki zomzimba ezihambisana nale ngxaki.
Ungazibeki wena ityala: Kuba kuyenza mandundu ingxaki yakho ukuzibeka wena ityala.
Mncede afuman' uncedo: "Amayeza engxaki yokungavukelwa ngokupheleleyo akamenzi umntu athande isondo okanye abesesichengeni sokusulelwa yiHIV," utsho uRosen. Obo bubuvuvu nje. Ukunyangwa kwayo kuyawusindisa umtshato wakho, ingakumbi xa nisebenzisana neqabane lakho ukulungisa le ngxaki.
Yiloo nto iyeza lokunyanga le ngxaki kusithiwa ngu-"vusumuzi," utsho uGqr. Jackie Gumede.
OKUNGENZIWA NGAMABHINQA
