xhosa.580.lettsfeb
Ileta ezuze
Umbuzo obalulekileyo
WONKE umzali unomceli-mngeni wokuphendula lo mbuzo ubalulekileyo - "Ndimnike inkululeko engakanani umntwana wam""
Kufuneka ube ngqongqo ukuze ukwazi ukulungelelanisa inkululeko ingabi nkulu futhi ingabi ncinane kakhulu. Umnt' omtsha ubona ngathi uvinjwa inkululeko aze angalawuleki xa engavunyelwa ukwenza unothanda. Kungenjalo umntwana uyabacaphukela abazali bakhe xa bemyeka azenzele unothanda kuba esithi abamkhathalelanga.
Izityalo ezincinane ezinkcenkceshelwa qho azikwazi ukuphila xa kushushu okanye komile zibe zingasankcenkceshelwa. Kodwa xa zingaqheliswanga ukunkcenkceshelwa ziyakwazi ukuphila ngaphandle kwamanzi ixesha elide.
Obu "bunzima" buzenza zikwazi ukumilisel' iingcambu emhlabeni zifuna amanzi. Ngaloo ndlela ke ziyomelela kunezinye.
Nabantwana ke bafuna ukukhuliswa ngolo hlobo. Xa bekhula bebuk' iTV okoko besenz' unothanda yaye bengafundiswa ukuba noxanduva baza kuba nengxaki besakukhula.
Bangabonwabela obu bomi kodwa xa behlangabezana neengxaki zobomi babhideke.
Kwenzeka ntoni ke emva koko - bajika babe zizaphula-mthetho...
Abantwana abaqeqeshiweyo ngabazali babo bayakwazi ukumelana neenzingo zobomi. Bayaphumelela, bayazinza yaye bahlala besempilweni.
Xa umfekethisa umntwana wakho umonela ikamva kuba asoze akwazi ukumelana neenzingo zomhlaba.
nguKeko Moshoeshoe, eMatatiele
Ndikhathazekile ngeendlela zethu
Ndifuna ukubongoza abemi beloMzantsi Afrika ukuba benze unako-nako ukuze bakhuseleke ezindleleni.
Masingazibonakalisi kubahlobo bethu isantya esikhulu esibaleka ngaso. Kubhetele ufike emva kwexesha kunokufel' endleleni.
Ningaseli niza kuqhuba. Ningathwali ngokugqithisileyo. Lumkani nibe nomonde.
nguNicholas Mavumengwana, eKapa
Fundani
Imfundo sisitshixo sempumelelo. Isisitshixo sokuvul' iingcango. Yimfundo eza kukhokelela eli lizwe empumelelweni.
Xa unyamezela, uzibamba yaye usebenza ngokuzinikela uza kufuman' imfundo ephucukileyo.
Kukuwe hayi omny' umntu!
nguALM, eThekwini
Isisombululo"
Masisombulul' ingxaki yentswela-ngqesho ngokuhlis' iminyaka yomhlala-phantsi. Xa abantu bewuthatha beneminyaka engama-50 kuza kuvuleleka amathuba emisebenzi!
nguVictor Mabena, eJoubert Park
Unganikezeli!
Abantu bayinikwa nguwe imvume yokukwenza uzive ungento. Ungabaniki loo mvume. Yiba nomnqweno wokuphumelela ulibale ngezinto ezimbi ezidlulileyo. Unganikezeli yaye khumbula ukuba impumelelo iyasetyenzelwa.
nguIsaac Tema, eBirchleigh North
Masifunde ukulumka
Umntu olumkileyo ngumntu okwaziyo ukusombulul' iingxaki, ukudibanis' imibuzo neempendulo ukuze kuphume iziphumo. Nabani na angalumka.
Lo gama abantu bekhala ngokunqongophala komsebenzi, abalumkileyo bona bazakhela eyabo imisebenzi.
Izidenge zibhenela kulwaphulo-mthetho; abalumkileyo bayacinga baphume nezisombululo zokuzikhupha ebuhlwempini.
Ubulumko buyaphumelelisa.
nguCharles Khoza, eNamakgale
Aluhlawuli
Ngeny' imini ndabanjwa ndisiba evenkileni. Azange ndikholwe ukuba ndiyabanjwa. Ndandicinga ukuba asoze ndibanjwe yaye ndandinexhala lokuba baza kuthini abazali bam xa besiva ukuba ndibanjiwe.
Ziphatheni kakuhle ningenzi izinto eniza kuzisola ngazo.
Aluhlawuli ulwaphulo-mthetho. Xa unabahlobo abalahlekisayo, yahlukana nabo.
Xa uphulaphula le nto ndiyithethayo asoze uzifumanise ukwimeko endazifumana ndikuyo.
nguNhlanhla Maphumulo, eSoweto
Abafundi bavakalis' izimvo zabo...
Ingeniso ngabantwana
Ndinama-25 eminyaka yaye ndihlala eMhluzi. Ndikhathazekile ngamantombazana akhulelwa eselula. Ndiyazi ukuba uninzi lwawo akhulelwa kuba ebamba amadoda athandana nawo.
Mawayazi into yokokuba abantwana sisipho esivela kuThixo hayi indlela yokwenza ishishini okanye ukufuman' into oyifunayo.
Ngaba acing' ukuba ukuzal' umntwana kuza kuwenza athandwe"
Xa ingakuthandi indoda, ayikuthandi ke. Iza kukucaphukela nangakumbi xa uzam' ukuyibamba ngokuyihlawulis' imali yesondlo.
Xa ingafuni kukutshata, qhubeka nobomi ufumane omny' umntu oza kukuthanda. Musani ukutshabalalis' ubomi benu ngokukhulelwa.
Abantwana bafun' uthando nokukhathalelwa. Ningazali ngenxa yezizathu ezingalunganga!
nguNatacia Mokomane, eMiddelburg
Hloniphani imizimba yenu
Ndineminyaka eli-19 yaye ndihlala kwindawo ehlelelekileyo. Amantombazana aneminyaka eli-12 ukusa kweli-16 ahamba eziklabhini aze athandane namadoda amadala awaxhaphazayo ngokwesondo.
Emva koko osulelwa yiHIV kuba awakwazi ukuthi hayi kula madoda. Kungenjalo ayakhulelwa aze angazi kwakuba ngubani uyise womntwana.
Ndiyanicela zintombi zasezilalini masifunde, sidlal' imidlalo senze neziny' izinto ezakhayo. Makhe sifunde ukuhloniph' imizimba yethu.
nguLondolani M, eBerea
Mayipheliswe igranti!
Makayiphelise igranti urhulumente kuba ayayixhaphaza. Ayakhulelwa kuba efun' ukufumana le mali.
Kutheni engasebenzi nje" Ayekelen' ukufunda" Athi xa efun' imali inyuke akhulelwe kwakhona.
Le mali ityiwa ngabo abakhathaleli ngayo abantwana.
nguPM, eHillbrow
Kuxhomekeke kubo
Ndakhulelwa ndine-14 leminyaka. Ndandingazi nto ngesondo ngoko kungekho mntu uthetha ngalo nam.
Ndandithandana nomfana oyintanga yam. Wothuka ndakumxelela ukuba ndikhulelwe.
Nam ndothuka kakhulu. Ndandicinga ukuba ndisemncinane kakhulu ukuba ndingaba nomntwana. Ndandizibuza ukuba kungenzeka njani ukuba ndibe nomntwana ndibe nam ndingumntwana"
Wandikhanyela umfana! Wayexoka yaye yandikhathaza kakhulu loo nto.
Kwandithath' iminyaka ukuyigqithisa loo nto. Ndaphindela esikolweni.
Ngoku ndiyaphangela yaye ndifuna ukuxelela ulutsha lwale mihla ukuba lunethamsanqa kakhulu lona kuba kuyathethwa nalo ngesondo, izifo ezosulela ngesondo nokuval' inzala.
Maluqiniseke ukuba aluwayeki la mathuba alolu hlobo kuba luyaxhotyiswa.
nguDorcas Sebatjane,
eTembisa [x]
i-R100
Iileta Zenu
Ndiyititshala yaye ndifumanise ukuba inqaku lenu elithi "Iqhayiya lokuba ngumAfrika" liluncedo. Iyothus'indlela esingenalwazi ngayo ngamazwe angabamelwane bethu.
Ndicela nisibhalele ngamazwe ehlabathi"
Siyalufun' ulwazi ngala mazwe ezikolweni zethu.
nguSydney Lesiba, eMokopane
Amazwe
ehlabathi
BONA XHOSA - February 2006
Ukuze uphalaze
izimvo zakho:
bhalela apha: Iileta eziya kuMhleli, Box 32083, Mobeni, 4060, South Africa
ifeksi: 031-912-2720
kanye i-e-mail:
bona@dbn.caxton.co.za
u
t
Sibhalele!
BONA XHOSA - February 2006
NDILONWABELE kakhulu inqaku lenu elithi "Elikhethekileyo loMculo weHlobo" (BONA, Disemba). Kube mnandi ukufunda ngeemvumi zeli.
Kodwa niya kuze nisibhalele nini ngeFreshly Ground"
nguAA, eNewcastle
# Ngubani ofun' ukufunda ngaye" Iimbalasane zeefilim, ezamabali othando, iimbalasane zemidlalo, iimvumi neemvumikazi zeli nezaphesheya - sibhalele usixelele.
Iileta Zenu
Amantombazana
asengxakini
Ungalisebenzisa igama
ozithiye lona xa usibhalela, kodwa sicela usinike igama lakho lokwenene nedilesi yakho. Asitsho ukuba siyavumelana nazo zonke izimvo zabafundi kula makhasi, kwaye sinelungelo lokuzihlela ezo siza kuzipapasha.
