xhosa.1510.siphokazi
USiphokazi Maraqana
Akasenantloni ngeenyawo zakhe
AKALUTHWALANGA entloko udumo. "UThixo unesizathu ngokundenza ndaziwe ngoko andifuni ukumphoxa ndenze imikhwa emibi enxamnye naye," utsho uSiphokazi Maraqana.
Uneminyaka engama-29 yaye akakatshati. Uphila ngawo umculo. Akakwazi nkqu nokutyelela usapho lwakowabo eTranskei ngenxa yokuxakeka emculweni kuba utyelela ilizwe lonke eyocula.
Wakhuliswa nguninakhulu noyisemkhulu eLusikisiki eMpuma Koloni nabo ababeziimvumi. Abazange bamvumele ukuba abe yimodeli yaye bamvumela ukuba eze eJozi xa enama-22 eminyaka sele ekulungele ukuba yimvumikazi.
Wafika eJozi wabhalisela ukufunda umculo kwisikolo esiseEastlands apho afika afunda noBheki Khoza noMusa Mhlongo.
"Ndandizimisele ukuphumelela emculweni ndaza ndombelela eziny' iimvumi xa ndingekho eklasini. Kwakunzima kona kodwa ukuze uphumelele kufuneka udlule kwizinto ezinjalo," utsho.
"Ndaba nethamsanqa kuba ndafumana imisebenzi eliqela ndaza ndafunda ngeshishini lomculo lo gama ndicula."
Ukhe wombelela iimvumi ezifana noSimphiwe Dana, uTshepo Tshola, uRingo Madlingozi noZamajobe kwiikhonsathi zabo nakutyelelo eYurophu naseFar East kodwa ngelo xesha wayengakungxamelanga ukuba yimvumi ebalaseleyo.
Wayeneentloni. Unobude obuyi-1,79m njengoNaomi Campbell - kwaye esakhula wayeqhulwa ngobude bakhe ziintanga zakhe.
Kuqengqeleke iminyaka exhalatyiswa ziinyawo zakhe ezinkulu.
Iinyawo
"Zazindikhathaza yaye zazindenza ndibe neentloni nangakumbi. Xa ndandikwiBanga lokuQala ndandinxiba usayizi 1. KwiBanga leSibini ndandinxiba usayizi 2. KwelesiBhozo ndandinxib' usayizi 8.
"Ndandinoloyiko lokuba ndiya kuthi xa ndisenza ibanga leshumi ndibe sele ndinxiba usayizi 12 kodwa zayeka ukukhula iinyawo zam xa ndinxiba usayizi 8."
Ungoyena mde kowabo, mde nakuyise kodwa wayeka ukuba neentloni xa wayecula noTshepo Tshola.
"Ndandisoyika nkqu nokuba ndisombelela. Ndandisoyika nokuyiloza de liphele ilizwi lam lingavakali. UTshepo wawuphelisa loo mkhwa mbi. Wandixelela ukuba andiyilozi ngoko mandikhululeke xa ndicula ukuze ilizwi lam livakale."
USiphokazi ungomnye weemvumikazi ezinxiba kakuhle eJozi.
Unxiba iimpahla zabayili befashoni abaphambili uSun Goddess yaye uhlala enomtsalane. Kwipati yeeSAMA wadibana nendoda eyambuza ukuba unalo na iqabane yaza yathi: "Xa ungenalo, zithathele mna."
Unikine intloko wathi, "Sisiqhulo nje eso kuba andihambisani namadoda nakanjani na. UThixo uza kundipha indoda endifaneleyo lakufika ixesha."
Inkuthazo
Wamthumela kwiprodyusa eyamtshintsha ekubeni yimvumikazi eyombelelayo waba yimvumikazi ezimeleyo.
USipho Sithole owayeyingqonyela yakwaGallo Music watshintsha uThandiswa weBongo Maffin waba yimvumikazi ezimelelyo etshisayo ngo-2004 yaye wenza loo nto nakuSimphiwe Dana ngo-2005.
USiphokazi yimvumikazi ekwangumbhali weengoma yesithathu ayivumbululeyo kwinkampani yakhe iNative Rhythms.
"USiphokazi uza kuphumelela. Ukhuthazwa ngabantu abafana noThandiswa noSimphiwe.
"Bonke baneztayili zabo ezizodwa zomculo yaye impumelelo kaSiphokazi kwiiSAMA zalo nyaka ibonisa umfutho owenziwa licwecwe lakhe."
Icwecwe lakhe lokuqala lithi Ubuntu Bam. Ingoma ephambili ithi Vula Mama, le ngoma yekaPatrick Matshikiza yaye uSiphokazi uyiculela unina uNobuhle owasweleka ngo-2003.
USipho wasibona isiphiwo sikaSiphokazi esakumva ecula iingoma zejazz zeminyaka yoo-1950 kumdlalo weqonga onomculo ongeSophiatown.
Wathi xa emva ecula estudiyo xa kushicilelwa iingoma zecwecwe likaMatshikiza wamsayinisa isivumelwano.
Inkolelo
"Ndandifuna ukuyicula kwicwecwe lam le ngoma ethi Vula Mama kuba itsho lukhulu kum," utsho uSiphokazi.
USiphokazi ukhulisa abantwana bakowabo ababini abancinane kuye - omnye useLusikisiki ukanti omnye ufunda eVereeniging.
"Ndikholelwa kuThixo yaye ndiyazi ukuba zonke izinto ziyenzeka," utshilo.
"Ubalulekile umsebenzi wam yaye nekhaya lam libalulekile. Njengokuba umculo wam usaziwa nje ndihlala ndixakekile kakhulu.
"Kufuneka ndenze izinto ngobuchule. Ndiyakunqwenela ukutshata ndibe nabantwana kodwa xa loo nto ingenzeki de ndibe neminyaka engama-30 avisayo kulungile.
"Ndisakuthanda ukuba yimodeli nangona ndandingavunyelwa ekhaya. Ngoku ndiyalifunda ikhono lokumodela kuba ndisebenza neziko lefashoni eliphambili naxa ndisenza
iividiyo." [x]
BONA XHOSA - August 2007
kubhale uDOUG GORDON
BONA XHOSA - August 2007
USiphokazi uneembasa ezimbini zeSAMA yaye unomtsalane - kodwa akazimiselanga ukusebenzisa udumo lwakhe ukuze aphile ubomi obubalekayo
