xhosa.577.diarrhoea
BONA - August 2005
BONA - August 2005
USANA lwakho luyagxwala, luyahlanza emva kokuba ulutyisile, akuhlali nto esiswini salo yaye luyatyatyaza. Yonke le nto iyakukhathaza.
Ngethamsanqa utyatyazo alubi mandla kodwa ngamany' amaxesha luba mandla kangangokude lushiy' usana lungenamanzi emzimbeni nto leyo inobungozi. Xa uzazi iimpawu zako, ukulunyanga nokuba uye kulufuna nini uncedo lukagqirha kungakunceda umelane notyatyazo losana lwakho.
Ndazi njani xa usana lwam lunotyatyazo"
Abadlezana abaqalayo ukuba nabantwana baye bacinge ukuba ukuzithuma okoko kosana kukutyatyaza.
Ukuzithuma kwalo kuxhomekeka ekubeni uluncancisa ibele na okanye ibhotile. Iintsana ezincanca ibele zizithuma kaninzi zikhuphe into ethambileyo. Ezincanca ibhotile zona zikhupha into eqinileyo ukanti azizithumi okoko.
Kufuneka uqwalasele iinguqu ezenzeka kwinto ekhutshwa lusana lwakho xa luzithuma. Usana luyatyatyaza xa luzithuma into emanzi kakhulu, luzithuma rhoqo okanye xa lunomkhuhlane lubhitya naxa luzithuma into enuka kakubi.
Lwenziwa yintoni utyatyazo"
Unobangela wotyatyazo kukungcola, ukunqongophala kwamanzi acocekileyo, ukuhlala kwabantu abaninzi endaweni encinane nokuncancisa usana ibhotile endaweni yebele. Iintsana ezincanca ibele azifane ziphathwe lutyatyazo.
Zininzi eziny' izinto ezenza utyatyazo nokuhlanza. Iintsana ezingavaniyo nobisi lwenkomo okanye ezingavaniyo namaqanda nobisi ziyahlanza. Xa urhana ngathi usana lwakho aluvani nokutya okuthile luse kugqirha okanye ekliniki.
Kungakho ingxaki xa ukutya kosana kugalelwa iswekile okanye xa luseliswa ijusi kakhulu. Omnye unobangela kukuqala ukutya okuqinileyo kodwa luyakhawuleza ukuphela olwenziwa lolu tshintsho.
Maxa wambi usuleleko lwesinye nezifo ezifana neencephalitis, ukudumba kwethunjana nesifo seswekile zingenza iimpawu ezihambisana notyatyazo.
Lungahlanza xa lunentloko ebuhlungu okanye kuvaleke ithumbu losana lwakho. Lungaphathwa yimalariya xa lusendaweni ethandwayo sesi sifo.
Kutheni le nto lunobungozi"
Utyatyazo lunobungozi kakhulu ezintsaneni nasebantwaneni abathe dlundlu kuba baphelelwa ngamanzi emzimbeni. Xa usana luphelelwa ngamanzi ngenxa yotyatyazo luyoma njengesityalo esingafumani manzi.
Uninzi lwazo lubulawa kukuphela kwamanzi neetyuwa ezibalulekileyo emzimbeni. Njengoko utyatyazo luhambisana nokuhlanza, aphela msinyane amanzi emzimbeni.
Abany' abadlezana abazityisi yaye abaziphi namanzi iintsana zabo xa zityatyaza kuba bakholelwa ekubeni kuzenza zityatyaze ukanti loo nto ikhokelela ekubeni zife iintsana ezininzi. Lungafa xa usana lungaseliswa amanzi lube lutyatyaza.
Ndilubona njani usana lwam xa luphelelwe ngamanzi emzimbeni"
Xa utyatyazo lungemandla usana lwakho lunxanwa kakhulu kunesiqhelo. Ungalubona ngomlomo nolwimi olomileyo, lungaphumi iinyembezi yaye lungachami rhoqo. Umchamo walo uyangcola unuke kakubi.
Kubalulekile ukuba usana lwakho uqinisekise ukuba luyachama khon' ukuze izintso zalo zihlale zisebenza. Lubalekise ekliniki okanye kwagqirha xa lungachami kwaphela.
Luba yinto esoloko isozela lube buthathaka nolusu lwalo luqine. (Xa ulubamba ngeminwe ulutsala lungabuyeli endaweni yalo ngokukhawuleza.) Amehlo alo ayatshona zize iimveku zona zishukunyelwe lufokotho.
Xa lome kakhulu usana lwakho izandla zalo neenyawo ziyabanda uthi xa uzibamba uziqinisa lithath' ixesha igazi ukubuyela. Luphefumlela phezulu nentliziyo yalo ibethe ngamandla.
Ndilunyange njani"
Lunyange nje usakurhana ngathi lunotyatyazo. Abantwana asele bethe dlundlu kufuneka baselisw' amanzi ukubuyisa lawo abaphulukene nawo. Xa behlanza betyatyaza kakhulu kufuneka baseliswe amanzi kakhulu.
Kufuneka baseliswe umxube owenziwe ngeepakethe zomgubo othengwa ekhemisti okanye ekliniki kunokubaselisa iziselo.
Xuba lo mgubo namanzi abiliswe apholiswa - ungawuxubi nobisi, isuphu, ijusi okanye isiselo esihlwahlwazayo. Ungayigaleli iswekile. Landela imiyalelo esepaketheni injengoko injalo, kuba xa ugalela amanzi amancinci usana lwakho lungatyatyaza kakhulu. Lukhuthaze ukuba luwusele lo mxube kangangoko lunako. Ungawugcina iiyure ezingama-24 kodwa uwuchithe emva kweli xesha wenze omnye.
Xa ungenazo ezi pakethe zeORS xuba iitispuni ezine zeswekile nesiqingatha setispuni yetyuwa kwilitha yamanzi abiliswe apholiswa.
Qiniseka ukuba umxube wakho uwenza ngokwemilinganiselo kuba xa uyigalela kakhulu iswekile wenza utyatyazo luqatsele ukanti netyuwa eninzi inobungozi kakhulu.
Ungaluselisi usana lwakho ijusi, iziselo ezihlwahlwazayo, icordial, ilemonade, okanye iLucozade engangxengwanga kuba zilwenza lutyatyaze kakhulu luze luphelelwe ngamanzi emzimbeni.
Ungaluselisi ijusi ye-apile neyeplam kuba ziyahambisisa. Ungalutyisi ukutya okunekhalori ephantsi okanye iziselo zokunciphis' umzimba.
Ungaluselisi amayeza okunqanda utyatyazo. Avakala ngathi ayanceda kanti awazilungelanga iintsana kuba azenzela iiingxaki.
Utyatyazo luba mandla xa usana lungakufuni ukutya nomdlezana aze angalutyisi kuba lungakufuni ukutya.
Umntwana onotyatyazo kufuneka atyiswe ukutya okunezondlo yaye kubalulekile ukuba asoloko etyiswa ngolo hlobo. Ukutya kuyanceda nako ekunqamleni utyatyazo kuze kuncede umntwana wakho aphile msinyane.
Iintsana
Xa usana lwakho sele lusitya ukutya okuqinileyo qhubeka nokulutyisa kodwa uluselise kakhulu namanzi. Xa lungakufuni ukutya luselise into eselwayo kakhulu de lukucacele ukutya. Kubalulekile ukuba luthi lusakunqamka utyatyazo ulutyise kakhulu usana lwakho khon' ukuze lubuyele emzimbeni msinyane. Ngeli xesha kaloku usana lwakho lufuna ukutyiswa luncanciswe kakhulu ukuze kubuye izondlo namandla ahambe notyatyazo.
Lungathintelwa bethu utyatyazo"
Ewe luyathintelwa utyatyazo ngokuncancis' umntwana ibele, ukumgomela imasisi, ukusebenzisa indlu yangasese, ukugcin' ukutya namanzi ecocekile, ukuhlamb' izandla ngaphambi kokuphatha ukutya, xa ubuya ngasese, xa ugqiba ukumtshintsha ilweyile, xa ububambe izilwanyana naxa uphethe inyama ekrwada nokutya okuvuthiweyo.
Iibhotile zeentsana mazihlanjwe zibulawe iintsholongwane. Izinto ezingcolileyo ezifana namalweyile mawahlanjisiswe okanye alahlwe kwindawo efanelekileyo. Inyama mayiphekwe ivuthwe xa iza kuphiwa abantwana bangayinikwa ekrwada.
Iintsana ziyaphathwa lutyatyazo ngamaxesha athile. Kodwa xa uyazi into omawuyenze nokuba ulufuna nini uncedo lukagqirha ungabuthintela ubungozi bokuphela kwamanzi emzimbeni wosana lwakho
liqulunqwe nguPRIMROSE WILLIAMS
ifoto yeyakwaGREAT STOCK!
L
unobungozi utyatyazo
Ukulunyanga nokuluthintela
BONA XHOSA - November 2005
u
t
Utyatyazo luyanyangeka
BONA XHOSA - November 2005
Ndingalufuna nini uncedo"
Uninzi lweentsana ezinotyatyazo ziyaphila emva kweentsuku ezimbalwa. Kodwa ezinye ziphelelwa ngamanzi emzimbeni zize zibe neziny' iingxaki zempilo ezifun' ukunyangwa ngugqirha. Luse kugqirha okanye ekliniki xa:
Luneempawu zokuphelelwa ngamanzi.
Lukhangeleka lungaphilanga lukukhathaza.
Utyatyazo lunganqamki kwisithuba sosuku kwiintsana ezingaphantsi konyaka neentsuku ezimbini kwiintsana ezingaphezulu konyaka.
Luhlanza rhoqo kungahlali nto esiswini.
Luhlanza igazi okanye lukhupha into eluhlaza okanye emdaka.
Lutyatyaza into emanzi kakhulu.
Luzithuma ilindle elinegazi.
Lulunywa sisisu. (Kunzima ukubon' imveku elunywa sisisu.)
Luphathwa ngumkhuhlane.
Lungaphantsi kweenyanga ezintandathu.
Lubhatyu-bhatyu, lungavuki okanye lungekho zingqondweni.
Xa lungafuni kusela okanye lungancanci.[x]
