XHOSA.565.starsjan
Okuxelwa Ziinkwenkwezi
BONA XHOSA - January 2007
Umsebenzi: Imeko entle emsebenzini ikwenza uzive ukhuselekile.
Impilo: Tshintsha indlela otya ngayo ukuze ube sempilweni.
Imali: Vavany' imeko yakho yemali wongele ikamva.
Uthando: Yonwabel' ukuba seluthandweni. Xa ungenamntu uza kumfumana omtsha.
Umsebenzi: Uza kuzithemba kwakhona ngenxa yokuphucuka kwemeko yomsebenzi.
Impilo: Zicingele ukuze ube nokuphumla kwengqondo.
Imali: Fun' iingcebiso ngokukhusel' utyalo-mali lwakho.
Uthando: Zikuhambela kakuhle izinto eluthandweni yaye uqalisa ukucebel' ikamva.
Umsebenzi: Zibonakalise ngemisebenzi uza kuvuzwa.
Impilo: Jong' indlela otya ngayo ungavumeli uxinzelelo ludlale ngawe.Imali: Lumkel' ukuba nesisa kakhulu - yichithe ngobulumko imali.
Uthando: Lonwabile yaye lonelisekile iqabane lakho. Ungoyiki ukulibonis' uthando.
Umsebenzi: Lixesha lokuzibonakalisa. Libamb' ithuba lokonyuselwa.
Impilo: Lawul' impilo yakho ngokwenz' into eyifaneleyo.
Imali: Yiphathe ngobulumko imali. Ungangcakazi ungaqinisekanga.
Uthando: Yiba nenyameko nomonde yonk' into iza kulunga.
Umsebenzi: Ungaliyeki ithuba lempumelelo. Gqithisel' izimvo zakho kwabaphetheyo.
Impilo: Mamel' icebiso lomhlobo xa ufun' ukuphucul' imeko yakho.
Imali: Yenza indlela entsha yokwenz' imali ukuze ube nemali eninzi.
Uthando: Uza kuba seluthandweni ukanti xa ungenamntu uza kumfumana.
Umsebenzi: Zinikele emsebenzini. Jonga amaphupha akho kwakhona.
Impilo: Uzolile nto leyo ikunik' ukuphumla kwengqondo.
Imali: Liqaqambil' ikamva ezimalini.
Uthando: Yiba nenyameko xa ufuna ukuqhubeka nothando.
Umsebenzi: Lenze laziw' iphupha lakho ukuze uthathelw' ingqalelo.
Impilo: Yitya ukutya okusempilweni ukuze ube namandla. Zifundise ukuphumla.
Imali: Lumkel' ukudyakaz' imali ngethemba lenzuzo entle kutyalo-mali.
Uthando: Bonis' uthando iqabane lakho ulikhumbuze ezaa mini.
Umsebenzi: Ukusebenza ngokuzinikela kuyakuvuza yaye uyazingca.
Impilo: Thath' icebiso labantu abakufuphi nawe bayikhathalele impilo yakho.
Imali: Uza kuba nethamsanqa.
Uthando: Yenz' into ethile ukomelez' uthando lwenu.
Umsebenzi: Lixesha leenguqu.
Impilo: Cinga kakuhle wenz' imithambo womeleze umzimba.
Imali: Ithuba loshishino okanye utyalo-mali luza nomvuzo omhle.
Uthando: Uza kubuya laa mntu wakushiyayo xa ungenaqabane. Mxelele xa ufuna niqhubeke nithandane!
Umsebenzi: Milisel' ingqondo uza kufuman' ithuba elihle.
Impilo: Yenz' imidlalo uza kuba namandla.
Imali: Yiqingqe ngobulumko imali wongele namaxesha kaxakeka.
Uthando: Uza kufuman' uthando olutsha!
Umsebenzi: Uza kuxakeka kakhulu. Zimisele ukuxhamla.
Impilo: Phucul' indlela ophila ngayo. Yek' imikhwa emibi.
Imali: Lumka - uza kuphumelela kuphela xa ungcakaza ngamandla.
Uthando: Ezothando zikuhambela kakuhle. Xa ungenamntu dibana nabantu abatsha.
Umsebenzi: Abantu abatsha baza kuphucul' amathuba akho.
Impilo: Linganis' ixesha lomsebenzi, elokuphumla nelokuthamba.
Imali: Ungabi nesisa ngokugqithisileyo. Yanelis' iimfuno zakho.
Uthando: Xa nisenz' into eniyithanda nobabini neqabane lakho luza komelel' uthando
lwenu. [x]
