xhosa.563. letters may
Ileta ezuze
Ukulwa nobugewu luxanduva lukawonke-wonke!
MHLA ndandibona ibhinqa lidutyulwa phambi kwam ndazixelela ukuba andingeni ndawo. Azange ndiwabize amapolisa nangona ndandimazi umbulali...
... nomama wam wabulawa!
Xa ndibona amasela ethengis' iiselfowuni ezibiweyo ndandingenamsebenzi naloo nto...
... kwebiwa eyam iselfowuni!
Azange ndikhathale ndibona abaqhekezi beqhekeza kwammelwane...
... nam ndaqhekezelwa!
Izidlwengu ezihamba ezitratweni zazingandikhathazi nganto...
... kwaza kwadlwengulwa intombi yam!
Xa kubulewe umntu ndandingafuni kunika bungqina etyaleni ...
... kwaza kwabulawa utata akwabikho mntu unika ubungqina!
Luxanduva lwakho, luxanduva lwam xa abantu besenz' izenzo zolwaphulo-mthetho phambi kwethu kuba luyasichaphazela sonke!
Xa ungaluhoyi ulwaphulo-mthetho uza kuzisola!
nguWilliam Mosepedi, eBloemfontein
i-R100
Iileta Zenu
LIYAQHUBEKA idabi lokulwa nogawulayo yaye khawuzibuze lo mbuzo - kutheni le nto abantu beziphethe kakubi bezibizel' ukufa babe belunyukiswa umhla nezolo"
Ulutsha lufanele lube nezinto ezintathu ezibalulekileyo ebomini neziza kuluphuhlisa, zinciphise amathuba okosulelwa kwalo sesi sifo...
Ukwenz' isigqibo: qinisek' ukuba wenz' isigqibo esisiso esingazuwenza uzisole kamva. Cingisisa ngaphambi kokuba wenze nantoni na! Khumbula ukuba asoze ungaphambuki endleleni!
lUthethwano: thetha ngesi sifo. Nawe yiba nelizwi kodwa ubaphulaphule nabanye.
lIinjongo: xa uzimisele ukwenz' izinto eziza kukuvuza asoze uzilibazise ngokulala namaqabane amaninzi.
Zimisele. Phil' ubomi obukwakhayo yaye uzikhathalele!
nguMM, eSoweto
Umlingo wokuphila
Xa sivul' amehlo sibon' ubuhle bendalo nolonwabo esilungcamla ebomini siyabon' ukuba umhlaba yindawo emnandi enezinto eziyolisayo.
Xa sivulela ulonwabo nabantu esidibana nabo mihla le iintliziyo zethu, sifumana ukulunga okukuthi ebesingakwazi.
Singa singazivul' iintliziyo zethu sizivulele umlingo wokuphila nolonwabo lokubon' izinto ezintsha.
Masilonwabel' ixesha esiliphila emhlabeni!
nguMegan Nkga, eMabopane
Ingozi!
BONA XHOSA - May 2006
LO GAMA sithe gqolo ukulumkisa abantu ngogawulayo kukho umbulali olibhubhisayo eli lizwe - utywala.
Kubuhlungu kakhulu xa ubon' ukuba abona bantu babusela kakhulu utywala lulutsha - nkqu nabantwana abaneminyaka engaphantsi kwe-10 "bayabusela."
Khawuye eklabhini uza kuwabon' amanyala enziwa lulutsha xa luphantsi kwempembelelo yotywala.
Ungatsho nokuthi ukusel' utywala kuyamsasaza lo bhubhane ungugawulayo.
Umntu onxilileyo angazikhathaza njani ngesondo elikhuse-lekileyo"
Masifundis' ulutsha ngotywala nobungozi obayamene nokunxila.Likamva lethu eli litshabalalayo.
nguSD, eBizana
Omny' umbulali!
Ukuze uphalaze izimvo zakho:
bhalela apha: Iileta eziya kuMhleli,
Box 32083, Mobeni,
4060, South Africa
ifeksi: 031-912-2720
okanye i-e-mail: bona@dbn.caxton.co.za
u
t
KUNGANI"
Undidlwengulela ntoni"
Ulitshabalalisela ntoni ikamva lam"
Ndakwenza ntoni"
Nam ndifun' ukonwabel' ubomi. Andonanga mntu ukuba ndingaviswa ubuhlungu obunje! Wena uyabucaphukel' ubomi - ndiyeke mna!
Iintsana azikwazi ukuthetha kodwa ukuba bezikwazi beziza kutsho kanje kwizidlwengu.
Masiyek' ukudlwengula abantwana!
nguMamokoche Mokete, eLesotho
BONA XHOSA - May 2006
Fundani ukuzithathel' izigqibo!
Kulo nyaka ndenza uGrade 10 yaye zindihambela kakuhle izinto. Ikwalixesha lokukheth' into ofun' ukuyifundela usakuphumelel' imatriki.
Kubalulekile ukuyazi intsingiselo yoku.Abany' abafundi abayazi.
Abahlobo bakheth' izifundo kuba beceng' ubuhlobo.
Ndithi kuni kubalulekile ukuba umntu enz' into ayifunayo - zithatheleni nina izigqibo.
Izigqibo ezo ziza kunivuza ekugqibeleni.
nguDineo Z, eLesotho
Ukuxoka ngokudlwengulwa
Linyukile inani lamabhinqa adlwengulwayo kweli - kodwa kuthiwani ngamabhinqa axokayo athi adlwenguliwe"
Ndiyazi kakuhle le nto ndithetha ngayo. Intombi endandincuma nayo yafun' ukuxoka ithi idlwengulwe nguyise.
Yathi loo nto iyenziswa kukuba uyise wayengafuni sithandane. Ndayinqanda kodwa ayaphulaphula.
Ngoku ndisentolongweni yaye ndibone uyise naye elapha. Ndithe xa ndimbuza ukuba ubekwa yintoni apha wandixelel' ukuba intombi yakhe yammangalela isithi uyidlwengulile...
Ibanjwa, eBloemfontein Correctional Services
Indlela eya empumelelweni ilugqatso
Indlela eya empumelelweni ifana neComrades Marathon. Uyihamba iminyaka yaye kufuneka ungaphambuki kuyo nokuba sele kunzima kangakanani na.
Impumelelo kukusek' isiseko esomeleleyo. Umzekelo xa ungafundi asoze uphumelele esikolweni.
Impumelelo isetyenzelwa nzima. Kodwa uyawufuman' umvuzo ekugqibeleni.
nguNM, eMdantsane
Mhla baguquka ubomi bam
Abazali bam baqhawul' umtshato ndinesixhenxe seminyaka. Ndandingazi ukuba ndiza kumelana njani na nokuhlala notata njengoko umama wayendishiyile.
Ndandimkhumbula kakhulu ndingazi ukuba uhambele ntoni. Xa sendimdala utata wandichazela unobangela.
Ndazixelela ukuba asoze ndibashiye abam abantwana nokuba kumnyam' entla.
Kwandomeleza ukukhula ndingenamama - yaye ndigqithisa umyalezo kubo bonke abantwana "abaphulukene" nabazali babo.
Niza kukhula futhi nomelele!
nguConstance Mbokane, Ekangala [x]
Iileta Zenu
Umbono omhle
Kukho lo qulukubhode nje kungokuba abantu bamlibel' uThixo. Xa singathandaza ngokuzimisela nangokholo zingaphela ezi zinto zimbi kangaka ezifana nodushe, ubugewu, indlala neHIV/AIDS.
nguEMP, eWelkom
Ungalisebenzisa
igama ozithiye lona xa
usibhalela, kodwa sicela usinike igama lakho lokwenene nedilesi yakho. Asitsho ukuba siyavumelana nazo zonke izimvo zabafundi kula makhasi, kwaye sinelungelo lokuzihlela ezo
siza kuzipapasha.
