xhosa.558.pep
inqaku lentengiso elixhasiweyo
Hlala uphilile
AMAJONI akho omzimba asebenza ubusuku nemini - akhusel' impilo yakho.
Zizigidi ngezigidi iindidi zeentsholongwane ezifuna ukuhlasela umzimba wakho. Amajoni akho omzimba asebenza ngamandla ukuwukhusela kwezi ntsholongwane aze awugcine usempilweni ukuze wonwabel' ubomi, umsebenzi kwaye wonwabe nosapho lwakho.
Amajoni omzimba afun' ukuxhaswa xa ugula. Buza kugqirha ukuba ngaba ufanelwe lunyango na uze uqalise ukusebenzisa amayeza okomeleza amajoni omzimba. Lumkela ezi mpawu zilandelayo:
Ukudinwa
Ukungafuni kutya
Izilonda
Amadlala adumbileyo
Ukubila ebusuku
Iingulo ezingapheliyo.
Wakhathalele amajoni akho omzimba ukuze akhusele umzimba wakho ngokukuko. Khetha:
Ukutya okunesondlo
Ungaseli utywala
Ungatshayi
Lala ngokwaneleyo
Ungabi noxinzelelo.
Phumla kwezi holide zizayo ungahambi iipati kakhulu. Sebenzisa isongezi sesondlo esifana neMixture Of Life Herbal Immune Booster yakwaPEP.
Iza kukunceda iphelise ukudinwa, ikunike amandla inyange nengulo ekuphetheyo. Kaloku ineevithamin eziliqela neHypoxis rooperi eyaziwa ngokuba yiAfrican potato okanye inkomfe, ineminyaka isetyenziswa njengeyeza elomeleza amajoni omzimba.
Ungalindi de kuqale unyak' ozayo ukuze ukhathalele impilo yakho. Qalisa ngoku! [x]
Amajoni akho omzimba angundoqo empilweni yakho - womeleze xa uweva ngathi abuthathaka
