xhosa.549.Illness
Iingulo zabantwana
Iintsuku zesikolo
Akuqalis' ukufunda umntwana wakho unexesha lokudlala nabany' abantwana yaye uba sesichengeni sokufumana usuleleko oluthile...
UMNTWANA wakho udibana nabany' abantwan' esikolweni ahlale nabo eklasini ixesh' elide. Omnye wabantwana uyagula aze abeke abanye esichengeni sokosulelwa yintsholongwane njengoko inwenwa izal' indlu yonke.
Nazi ezinye zeengulo ezingaphatha umntwana wakho...
n Irhashalala. Le yenye yeengulo ezixhaphakileyo ebantwaneni yaye ivela kakhulu ebantwaneni abaneminyaka emibini ukusa kwesibhozo. Isasazwa ngumoya okanye kukuphatha umntu onayo.
Iimpawu: Le yingulo esulelayo kakhulu engena ngomkhuhlane, umqala obuhlungu nokungacaceli ukutya. Kuvela irhashalala erhawuzelayo ebomvu ebusweni, kwintlonze, esifubeni, emqolo, ize ivele kancinci emilenzeni nasezingalweni emva kosuku okanye ezimbini. Le rhashalala izala amanzi ize igqabhuke, yome ivuthuluke.
Inobungozi kangakanani" Kufuneka umselise iparacetamol yomkhuhlane nento yokuhlis' ukurhawuzelela. Ungamselisi i-aspirin kuba iza kumgulisa kakhulu.
Xa irhashalala iba shushu, ibe bomvu okanye ithambe intama ukuba umntwana unosuleleko lweentsholongwane olufuna ii-antibiotics yaye kufuneka asiwe kugqirha okanye ekliniki. Mfumanel' unyango olukhawulezayo xa exhalabile, ehlanza, exhuzula, engakwazi kuzimela okanye elala kakhulu.
n Idiphtheria. Le yingulo eyosulela ngomoya okanye ngokufumana amathe okanye umkhunyu womntu onayo.
Iimpawu: Xa isempumlweni kuphela iqala ngokunga ngumkhuhlane. Kusuka kuphume umkhunyu onuka kakubi onqumbululu oqaqambisa ulusu lwempumlo nolomlebe ongasentla.
Xa intsholongwane isemqaleni iba ngathi ngumqala obuhlungu ohambisana nomkhuhlane ongephi xa usaqala. Kusuka kuphume inwebu engwevu okanye emhlophe emqaleni yogqume iindimla, inkalakahla namacala omqala. Le nwebu inwenwela nakuqhoqhoqho okanye kumbhobho womoya uze udumbe umqala.
Inobungozi kangakanani" Mnyange ngokukhawuleza xa urhana ngathi unediphtheria umntwana wakho. Mabangadibani nabanye abantwana abanale ngulo enobungozi khon' ukuze bangosulel' abanye. Amalungu osapho nabantu abasondeleyo kuye mabalumke baze basele iyeza elilwa neentsholongwane ukuzikhusela.
n Imasisi. Lo ngumkhuhlane osulelayo ochaphazela ulusu nothungelwano lwamalungu okuphefumla. Isasazeka ngokuthimla kwalowo onayo zize iintsholongwane zingene empumlweni okanye emqaleni walowo ongenayo.
Iimpawu: Umntwana uba neempawu zomkhuhlane ezifana nesifuba esomileyo, umkhunyu omanzi, amehl'abomvu adumbileyo, umfixane, ukuthimla nefiva.
Kuvela irhashalala ebomvu ebusweni nasemqaleni kwiintsuku ezimbini ukusa kwezine imqalile ize inwenwele emqaleni, emqolo, emilenzeni nasezingalweni.
Inobungozi kangakanani" Alikho ichiza lokuyinyanga ngoko umntu ophethwe yiyo akadibani nabany' abantu, uyalala aseliswe iparacetamol, iyeza lesifuba, athanjiswe nekhrim yolusu ukuthothisa ukurhawuzela nokukhohlela.
Imasisi iphelisa ugonyo emntwaneni nto leyo imenza alufumane lula usuleleko.
Mbalekise kugqirha okanye ekliniki xa enefiva engapheliyo, yaye edakumbile.
n Imeningitis. Le ngulo inobungozi kakhulu kuba ikralisa iinwebu ezikhusele ingqondo nomnqonqo. Inobungozi kakhulu ebantwaneni kuba iyabulala.
Iimpawu: Nangona le ngulo inobungozi yaye ibulala iqala ngeempawu ezifanayo nezeziny' iingulo ezingabulaliyo.
Abantwana abanemeningitis baqala babe nefiva emandla, intloko ebuhlungu, bangakuthandi ukutya, babe nobuthongo kakhulu okanye babe nesicaphu-caphu. Maxa wambi bayaphandlwa kukukhanya baze babe nomjika-ntamo.
Eziny' iimpawu ziquka ukucatshuzelelwa, ukuhlanza, ukubhideka nokulala kakhulu. Ingamhlasela kakhulu umntwana ade amkelwe ziingqondo.
Inobungozi kangakanani" Xa urhana ngathi umntwana wakho unemeningitis mse ekliniki, kugqirha okanye esibhedlele ngokukhawuleza.
Le ngulo inobungozi yaye umntu onayo kufuneka akhathalelwe ngokukodwa kwaye neeyure nje ezimbalwa zingenza omkhulu umahluko. Ukuphila kuxhomekeke kwiminyaka yomntwana, ukomelela kokuzikhusela komzimba nexesha alufumene ngalo unyango.
n Uqwilikane (mumps). Le ngulo eyosulelayo ixhaphake kakhulu ebantwaneni abakwiminyaka emihlanu nelithoba. Yosulela ngamathe nangento ephuma empumlweni nasemqaleni walowo unayo.
Iimpawu: Iqala njengefiva, intloko ebuhlungu, umzimba oqaqambayo nokungaziva mnandi.
Iimpawu ezivela kwiintsuku ezimbini iqalile ziquka ukuphathwa yindlebe nokudumba nokuba buhlungu kwamadlala amathe.
Inobungozi kangakanani" Ayinabungozi butheni yaye ayifuni kunyangwa kutheni ngaphandle kwesithomalalisi-zintlungu uze umselise namanzi kakhulu.
Ungamselisi iAspirin. [x]
BONA XHOSA - February 2006
liqulunqwe nguPRIMROSE WILLIAMS
ifoto yeyakwaGREAT STOCK!
BONA XHOSA - February 2006
Lumka uze ubagome
Abantwana bangenwa lula zizifo ezininzi ezingathintelwa ngogonyo. Kungoko kubalulekile ukuba umntwana wakho atofwe ngethuba.
Xa abantwana begonyiwe imizimba yabo ivelisa izinto ezilwa nosuleleko oluthile. Xa bengagonywanga baze badibane nezi zifo kulula ukosuleleka baze bagule basweleke nokusweleka.
Ukugonywa kwabantwana kuthintela uluntu luphela kuba kaloku ukugonywa komntwana ngamnye kunciphisa amathuba okunwenwa kwesifo.
Khumbula ukuba ungamnika umntwana wakho isipho sempilo - mgome khon' ukuze uthintele izifo ezinobungozi. Isitofu sibuhlulngu kodwa kubhetele iintlungu zaso kuba ziyaphilisa kunentlungu yokugulelwa okanye yokufelwa ngumntwana.
Abazali neetitshala kufuneka badlale indima ebalulekileyo ekukhuseleni abantwana kwiingulo ezivelayo.
Izifo ezininzi zosulela ngenxa yezandla ezimdaka ngoko ke kubalulekile ukuhlamba izandla qho xa uza kutya nasemva kokutya, xa uvela ngasese, xa ugqiba ukufinya, xa ugqiba ukukhohlela okanye ukuthimla, xa ubuphethe inkunkuma okanye ukutya okukrwada, xa ubudlala okanye ubuphethe isilwanyana, xa ubudlala phandle, xa ubukhwele ibhasi okanye iteksi xa ubuy' esikolweni okanye xa ubukwindawo kawonke-wonke naxa umntwana ezibona zimdaka izandla zakhe.
Mabafundiswe abantwana ukuba bayogqum' imilomo neempumlo xa bethimla okanye xa bekhohlela. Sebenzisa itissue ukufinyis' umntwana onomfixane nothimlayo ize ilahlwe kude phaya.
Mabafundiswe ukuba bangabolekisi ngeekama, iibrashi zamazinyo neempahla.
Xa enikwe iyeza lokubulal' iintsholongwane kufuneka alisele de aligqibe ukuze angafunyanwa ziintsholongwane kwakhona.
