XHOSA.506.stars_2
Okuxelwa Ziinkwenkwezi
BONA XHOSA - August 2006
Umsebenzi: Wabambe amathuba avelayo ukuze uziphucule. Zibonakalise.
Impilo: Zonwabise kodwa utye ukuty' okunempilo.
Imali: Zam' iindlela zokwenz' imali ukuze ube nemali ethe chatha.Uthando: Uza kufuman' umntu okuthandayo.
Umsebenzi: Xa ufun' ukuphumelela ungoyiki ukusebenzis' abahlobo kwishishini.
Impilo: Usempilweni kwaye wonwabile.
Imali: Uza kuba nethamsanqa eliza kukuzisel' imali.
Uthando: Uza kuba seluthandweni. Uza kulifuman' iqabane xa ungenalo.
Umsebenzi: Zithembe kwaye uthath' izigqibo ezizizo xa ufuna ukuphumelela.
Impilo: Wukhathalel' umzimba wakho. Yenz' imithambo rhoqo.
Imali: Uza kulifezekis' iphupha lakho kuba uza kuba nemali ethe kratya.
Uthando: Lukuhambela kakuhle uthando, uyazithemba yaye wonelisekile.
Umsebenzi: Eli lixesha elihle lokuzibonakalisa.
Impilo: Qalisa ukuty' ukutya okunempilo wenze nemithambo qho.
Imali: Qinisek' ukuba uyityale ngobuchule imali yakho.
Uthando: Lixesha elihle lokwenza uthando lwakho lube sisigxina.
Umsebenzi: Xa ufun' ukonyuselwa lixesha elihle eli, zibonakalise.
Impilo: Lumkela ukugula.
Imali: Uza kwenz' impazamo enkulu ngoko ngcakaza ngobulumko.
Uthando: Luza kuhamba kancinci uthando lwakho. Yiba nenyameko nothando.
Umsebenzi: Abantu abanempumelelo baza kukunik' iingcebiso.
Impilo: Uza konwabela ukuphila. Ungayeki ukwenz' imithambo.
Imali: Lumka. Qalisa ukonga ukulungiselel' into engekehli.
Uthando: Lixesha lokuba abathandanayo bonwabe. Xa ungenaye umntu uza kubuyelana nomntu wakho wakudala.
Umsebenzi: Nxibelelana nabantu abaluncedo. Hlalutya iinjongo zakho.
Impilo: Uza konwaba kuba akukho xinzelelo ekhaya nasemsebenzini.
Imali: Uza kuba nemali kodwa yisebenzise ngobulumko.
Uthando: Limamele yaye uvelane neqabane lakho.
Umsebenzi: Lungiselel' iinguqu kuba zenzeka ngokukhawuleza izinto.
Impilo: Unamandla kwaye ukwimo encumisayo.
Imali: Imo yemali iyaphucuka. Yisebenzise ngobulumko.
Uthando: Chith' ixesha neqabane lakho ukuze nazane nangakumbi.
Umsebenzi: Zikuhambela kakuhle izinto. Uza konyuselwa esikhundleni okanye wonyuselwe imali.
Impilo: Yijong' indlela otya ngayo...
Imali: Yichithe kwizinto eziyimfuneko imali uze uyonge enye.
Uthando: Niza konwaba kakhulu neqabane lakho.
Umsebenzi: Lungiselel' iinguqu emsebenzini ukuze ukwazi ukumelana nazo.
Impilo: Yonwabela ukuba sempilweni nokuba namandla.
Imali: Libambe ithuba lokuphucul' imeko yakho yemali.
Uthando: Thetha neqabane lakho yaye ulubonis' uthando.
Umsebenzi: Sebenzisana nabantu osebenza nabo ukuze niphumelele.
Impilo: Phumla. Ungavumeli iingxaki zikudakumbise.
Imali: Funa icebiso kwaye ungoyiki ukulisebenzisa.
Uthando: Uxakekile. Kufuneka uzame ukuba nexesha lokonwaba nelothando.
Umsebenzi: Ukukhuthazeka kukubek' endaweni. Vakalis' izimvo zakho ngokukhululekileyo.
Impilo: Uphilile emzimbeni nasengqondweni.
Imali: Tyal' imali yaye uyisebenzise ngobuchule.
Uthando: Ungoyiki ukuxelel' umntu ukuba uyamthanda [x]
