xhosa.500.Project
Iprojekthi yeBona
Naku okufunayo: 7 amaphepha-ndaba amadala, iglu
BONA XHOSA - February 2006
Phucula isiphiwo sakho sokuyila ngale projekthi yobuChwepheshe! Landela la manyathelo alula okwenza itreyi emcaba ngephepha elidityanisiweyo nekhadibhodi ongayisebenzisa ekhaya okanye esiko-
lweni. Yenza isidlo sakusasa okanye ixesha leti lisoloko likhumbuleka ngokunika abantu ukutya ngetreyi oze-nzele wena.
Siyathemba uza kuyithanda le projekthi icatshulwe kwiincwadi zeTechnology TODAY Series ezipapashwa ngabakwaMaskew Miller Longman.
Uluhlu lweencwadi zeTODAY zifundwa ukususela kuGrade 3
ukuya kuGrade 8.
Uza kufuna: iflawa, amanzi abilayo, isitya necephe
1.
a.
2.
a. Galel' ikomityi enye okanye ezimbini zeflawa.
b. Galel' amanzi wenze intlama.
c. Galel' amanzi abilayo. Kufuneka uwagalele ebila.
d. Zamisa ngokukhawuleza. Yakuthamba ukwazi ukubona ngaphaya kwayo, sele ikulungele ukusetyenziswa.
e. Yisebenzise ngokukhawuleza ukuncamathelisa amaphepha.
a.
ZENZELE EYAKHO IGLU
LUNGISA AMAPHEPHA-NDABA UWANCAMATHELISE NGEGLU
IPROJEKTHI:
b.
Zenzele eyakho itreyi
a. Yandlala iphepha-ndaba kwindawo eflethi. Yandlala iglu yogqume lonk' iphepha (sebenzisa iglu ekwangako kwiphepha lesibini).
b. Beka iphepha lesibini ngaphezulu kwelithanjiswe ngeglu. Lona libeke linqumleze kwelokuqala. Nalo lithambise ngeglu ukuze uncamathelise ezinye ngaphezulu.
c. Qhubeka nokwenza oko de uwancamathisele osixhenxe amaphepha-ndaba. Ungayithambisi iglu kwiphepha-ndaba lesi-xhenxe.
d. Sika iphepha libe yimicu emincinane, ibe nobukhulu obuyi-3-4cm nobude obuyi-10-15cm. Le micu yephepha-ndaba iza kuse-
tyenziswa ukwenza iphepha-ndaba elincanyathiselwe ingekomi iglu.
Izinto zokuyenza: n amaphepha ama-khulu asi-7 nangaphezulu n ikhadibhodi eli-
malunga ne-A4 isayizi yalo n iglu (oza ku-yenza ngeflawa neglu) n ibrashi yokupeyinta n isandpaper (xa uthanda)
c.
ISILUMKISO Abantwana abancinane mabancedwe ngabantu abadala xa bephethe amanzi abilayo.
Ilungele abantwana abanemi-nyaka
esi-8-14
b.
3.
4.
a.
a. Qalisa ukulamineyitha ngokudibanisa imicu yamaphepha-ndaba uwathambise ngeglu macala omabini.
a. Yakoma ngokupheleleyo itreyi, yihombise. Sebenzisa ipeyinti, iifoto, amaso, amaqokobhe, iphepha lokusonga. Ukhumbule ukuba le yitreyi yakho ngoko sebenzisa ubuchule bakho.
b. Ongakwenza xa uthanda: Yenze ibentle ngokuyipeyinta
ngevanitshi.
d. Qhubeka nokwenza oomaleko abalungelelene nobude namanqumlezileyo bemicu yephepha-ndaba kwikhadibhodi de babe bane okanye babe bahlanu.
e. Xa uphelelwa yimicu yamaphepha-ndaba, ungasika eminye kumaphepha- ndaba angancanyathiselwanga namanye, kodwa kuya kufuneka wenze oomaleko abaninzi.
f. Yibeke kwindawo efudumeleyo itreyi yakho ukuze yome, ungayibeki elangeni, yibeke apho kubetha umoya. Iya koma emva kweentsuku ezimbini.
g. Khuhla iziphelo zetreyi ngesandpaper.
YENZA ITREYI NGEPHEPHA-NDABA
ELINCANYATHISELWE NELINYE NEKHADIBHODI
OKOKUGQIBELA
c. Ncamathisela ngeglu umaleko wesibini wemicu yamaphepha-ndaba. Ngoku imicu kufuneka inqumle ubude bekhadibhodi lakho, ukuze incamathele inqumleze kumaleko ongaphantsi.
b. Beka le micu yogqume ikhadibhodi lonke. Yibeke imicu uyiyamanise.
Itreyi xa seyigqityiwe ipeyintiwe.
Isipho!
Thumel' iinkcukacha zakho kule dilesi:
Make a Tray Giveaway
Maskew Miller Longman
PO Box 396, Cape Town, 8000
Ungalibali ukufak' igama, idilesi, nenombolo yefowuni yakho negama lesikolo sakho.
Jonga iprojekthi yethu elandelayo yeTODAY kwinyanga ezayo.
Umnxeba: +27 (0)21 532 6000 Ifeksi: +27 (0)21 531 0716
www.mml.co.za customerservices@mml.co.za
b.
Siphisa ngeeIllustrated Science and
Technology Dictionaries ezi-5!
BONA XHOSA - February 2006
AMANYATHELO AMA-4
1. Zenzele iglu yakho.
2. Lungisa iphepha-ndaba.
3. Dibanisa itreyi.
4. Hombisa uze uvanitshe itreyi yakho.
c.
