xhosa.492.yourlifeguide_muthi_2
UNELISHWA kwezothando"
Yiphelise le ngxaki!
Ingaba usoloko ulahlwa ngaphandle kwesizathu esivakalayo" Ingaba amadoda acel' umtshato kuwe emva koko anyamalale" Ingaba uyakoyika ukuthandana" Lingakunceda igqirha
UKUDIBANA namadoda akuyongxaki kulo mfundi waseJoburg - ingxaki nje kukuwagcina. "Emva kweeveki ezimbalwa sithandana ayanditshintshela. Asuka andiphathe kakubi emva koko iphel' int' ibithethwa. Ngoku ndiyakoyika ukuthanda, kwaye sele imine iminyaka ndingenandoda," utsho.
Akunguye yedwa okule meko. "Izinqanda-mathe zam zisoloko zindilahla ngaphandle kwesizathu esivakalayo," ubhale watsho umfundi waseBhayi. "Ingaba ikho into endiyenzayo engalunganga"" ubuze watsho, ekwathi usoloko eyihlonipha indoda athandana nayo kwaye uzama ukuyonwabisa kangangoko enako.
Kodwa akukho nto isebenzayo. "Amanye ade acel' umtshato, emva koko anyamalale. Ngoku ndibhidekile," utsho. "Ingaba kukho into engalunganga ngam" Kutheni ndisoloko ndithanda amadoda angathembekanga""
Igqirha lamxelela ukuba la madoda agxothwa nguthikoloshe. "Kodwa kunzima ukuyikholelwa loo nto kuba andizange ndahlutshwa nguthikoloshe ngaphambili."
Abo bangakwaziyo ukugcina amadoda abathandana nawo ixesha elide baqala beve amagama anjengala; "isimnyama" okanye "isichitho". Kodwa unobangela ayikokuba "nelishwa kwezothando" nje kuphela.
Isimnyama nesichitho akuzozinto zifanayo, isimnyama sona sahlulahluliwe.
Umzekelo, kukho isimnyama esiza nokufa kwesihlobo segazi. Ngoko ke ilishwa onalo kwezothando, alenziwa zizinto enizenzayo okanye eningazenziyo neqabane lakho.
Kubekho ke ngoku esibangelwa kukwabelana ngesondo nomntu ongakhange ahlanjwe emva kokusweleka kwenkosikazi okanye umyeni wakhe.
Isichitho sona, yinto yangabom, awunakuthi lilishwa ncam kuba "sisenzo somntu".
Senziwa ngumntu oneenjongo ezingendawo kwaye ungasifumana xa usabelana ngesondo nomntu onaso. Nanjengoko igama lisitsho, siza "kuchithekela" ebomini bakho, kuquka nezothando.
Zikho nezinye ke izinto ezinokuba ngunobangela wokusoloko unelishwa kwezothando.
Umzekelo yingqumbo yeminyanya engenza izinto zingakuhambeli kakuhle kwezothando. Mhlawumbi ziqumbele ukuba awusawenzi amasiko, okanye awubahloniphi abantu abadala bekhaya.
Xa kunjalo kufuneka uye egqirheni ukuze ufumanise ukuba ziqumbele ntoni na. Liza kuphosa amathambo igqirha likukhokele ubuyele endleleni.
Kanti ke abo bazifumana benelishwa kwezothando bamel' ukuhlanjwa ngamayeza abukhali esintu. Kodwa andinakubanika amachiza afunekayo, kuba umntu onesichitho okanye isimnyama kufuneka akhandelwe sesinye isandla iyeza lokumnyanga.
Awunakuzihlamba ngokwakho. Kodwa akunyanzelekanga ukuba iyeza lide lixutywe ligqirha.
Umntu omdala wosapho nokuba ngutat' omdala okanye udadobawo bangalenza eli yeza.
Eyona nto ibalulekileyo kukufumana unyango ngokukhawuleza. [x]
Bhalela kuForce Khashane: Muthi Talk, Box 473014, Parklands, 2121, e-mail: muthi@caxton.co.za
UNYANGO LWESINTU
Isichitho senziwa ngabantu abaneenjongo ezimbi
kwaye sikosulela ngokwabelana ngesondo
EZAMAYEZA
MUSA UKUZILIBALA!
Siyazikhathaza izinyanya xa sizilibala, xa singafuni ukulandela amasiko nezithethe okanye singahloneli abantu abadala. Ukuqumba kwezinyanya, kungakwenzela iingxaki ebomini bakho.
Ngaphandle kokuya egqirheni likuphosele amathambo, thetha nabantu abadala bakowenu.
Ukuba unethamsanqa lokuba noomakhulu, okanye ootat'omkhulu, ootat'omncinci noodadobawo, ungamosh' ixesha babuze ngezinyanya zekhaya!
ISONDO ELIKHUSELEKILEYO!
Zikhona ezinye izifo eziyingozi ezisulela ngesondo - kwaye, njengamagqirha onke, ndiyakubongoza sebenzisa ikhondom ukuze uzikhusele! Zikhathalele - unobomi obunye kuphela!
