xhosa.48.yourstories_dating
UNGATHANDANI
NOMNTU ONJE
SADIBANA kwivenkile ethile eMalamulele eLimpopo. NgoFebruwari ka-2008, ndazibika kuTsakane wandivuma. Izinto zahamba kakuhle ekuqaleni. Ndandineminyaka
engama-28 kwaye ndandizinikele kolo thando kuba ndandifun' ukutshata.
Ethubeni zaqala iingxaki. Rhoqo xa ndimpha imali wayekhalaza ngokuba ayonelanga. Ndandisamkela umvuzo omhle kuba ndandingumphathi kwinkampani yokhenketho, kodwa ndandifuna ukuyongela ingomso lethu imali.
Ndandicinga ukuba uza kuqonda ukuba ndakha umzi ndonga nemali yokumlobola, kodwa njengoko wayeneminyaka engama-21, ndiyacinga wayengakuboni ukubaluleka kwezo zinto.
Sasidla ngokuxambulisana kakhulu ngemali. Wayeba neengcwangu xa sixabana angandiboni nokuba ndiyintoni, andityabeke nangezithuko phambi kwabantu abadala. Ndamsa kumfundisi ukuba amyale wathi mandimxolele, ndavuma.
Kuthe ngasekupheleni konyaka ophelileyo wathi masohlukane. Siphinde sabuyelana ngoFebruwari kulo nyaka, saphinda sohlukana kwakhona emva kokuxabana ngemali. Ndamxelela ukuba ndisafun' ukubethwa ngumoya kuba andinakunyamezela into yokuba sisoloko sisilwa ngento enye. Ndamxelela ukuba uthando yinto yobomi kwaye olwethu aluqhubeli ndawo. UTsakane wala ukuba sohlukane, kodwa ndamxelel' ukuba akukho nto angayenza.
Wamane esiza endlwini yam ebusuku afike ankqonkqoze. Xa ndingavuli ankqonkqoze efestileni. Xa ndingamvuleli, wayehlala apho phandle ubusuku bonke, kuze kwakusa afune ukuthetha nam.
Xa ndingayivalanga ifestile wayengena ngayo.
Ngeny' imini wazama ukuzibulala ngokusela amayeza am onke ngexesha elinye. Wathi akoyisakala apho wathabatha ibhanti yam wathi uyozixhoma xa ndingavumi sibuyelane.
Andingomntu woyikiswa lula, kodwa ndaqal' ukukhathazela ndicinga ukuba ungenwe yimimoya emibi. Ndaya kufuna umyalelo wokhuseleko emapoliseni athi loo mcimbi mandiwubike nakomkhulu.
Wabizwa uTsakane ngabadala bakomkhulu bamxelela ukuba uwatshabalalisile amathuba okuba singabuyelana, bamxelela nokuba uza kugxothwa kulo mmandla xa beke baphinda beva amabali amabi ngaye.
Uyekile ngoku ukundikhathaza, kodwa akukabi lithuba elide. Ndisabethwa ngumoya ngoku kodwa ndilala obentaka!
Umbhali: Ntokozo Maseko
EZOTHANDO
IBALI LIKANTAKO:
Wayebonakala elibhinqa elilungileyo, kodwa wayenemimoya emibi neengcwangu sakuxabana
IBALI LIKAKHENSANI:
Baqala bangabahlobo emva koko bathandana, kodwa lwathi lwakungahambi kakuhle uthando lwabo, umfana wayihlaza intombi phambi kosapho lwayo
NGO-2004 ndathanda umhlobo wam. Ndandimazi ukuba uyazithand' ilokhwe, kodwa ndandicinga ukuba ndingamthemba xa esithi uthanda mna ndedwa kuba sasingabahlobo ixesh' elide.
Ekuqaleni izinto zahamba kakuhle kuba besingabahlobo ngaphambi kokuba sithandane, ngoko sasesigqithile ekuthini "sisafundana" apho uzikhathaza ngokuba omnye ucinga ntoni ngawe.
Ndandingumfundi eyunivesithi mna umfana ehlohla kuloo yunivesithi. Wandithengel' iselfowuni nempahla. Sade sathenga iimpahla ezifanayo.
Wayendinceda xa ndandifundela iimviwo, yonk' into imnandi.
Ethubeni ndiqale ukukrokra ukuba akathandani nam ndedwa. Ekuqaleni waphika walala ngomqolo ukuba unenye intombi wandiqinisekisa ukuba ndim ndedwa.
Kodwa kwakusoloko kukho izinto ezaziwenza ungaqini umnqwazi wam. Emva koko waqala ukundixelela ukuba wayengandiqhathi. Wathi ubesenza "isigqibo" sokuba ufanele andixelele na into okanye angandixeleli.
Ndathi ndakuyicingisisa loo nto, ndamxelela ukuba siza kohlukana xa eqhubeka naloo nto, watshintsha okwexeshana. Andizange ndibone nto okanye ndive nto endenza ndikrokre ukuba unamanye amankazana.
Emva koko kwasweleka u-anti endandimthanda kakhulu. Ndaxakeka ngamalungiselelo okungcwatywa kwakhe, ndathi ndisaxakeke njalo - ndabhaqa ukuba uthandana nomhlobo wam.
Ndaphoxeka kakhulu yiloo nto! Ndathi masohlukane. Kodwa wafun' ukundivis' ubuhlungu ngakumbi. Sathi sisazilele ukusweleka
kuka-anti, weza emzini woomakhulu ezolanda iselfowuni neempahla owayendithengele zona.
Wathi mandibuyise nesiqingatha semali ayichithe kum ngethuba sithandana, kuquka neziselo owayendithengela zona nabahlobo bam.
Wathi yena angathandana naye nabani na amfunayo nokuthi kuza kubandim endiza kusokola kuba andizukuyifumana imali yakhe.
Ndothuka kukuva umntu owayeqale ngokuba ngumhlobo wam ethetha ngolo hlobo.
Ndambuyisela zonk' izinto owayendithengele zona, kodwa ndamxelela ukuba uphambene xa ecinga ukuba ndiza kubuyisa nemali yeziselo owandithengela zona nabahlobo bam.
Ndisambona nangoku kwiyunivesithi endandifunda kuyo, kodwa asithethisani. Yintoni endingayithetha naye" Kaloku wayenze ngokungathi ungumntwana ofuna izinto zakhe zokudlala xa ningasevani.
Umbhali: Kamogelo Sebola
IBALI LIKANTAKO
(liyaqhutywa):
IBALI LIKAKHENSANI (liyaqhutywa):
Amagama abantu abakula mabali atshintshiwe.
