xhosa.481.cellphones
Okutsha kokulwa ulwaphulo-mthetho kweli
UBEN KHUZWAYO wayehamba ngemoto evela ePietermaritzburg xa kwathi gqi iFord eluhlaza yaphazamisa iVW Polo eyayiphambi kwakhe. Wothuka xa ebona loo Polo iphum' endleleni isiya kutshona emngxunyeni umqhubi wayo wabetheka kanobom kwifestile engaphambili.
Ngoku loo Ford yezimanga yayiphambi kukaBen. Intliziyo yakhe yaseyibetha ngamandla waza wayiphepha waphum' endleleni ukuze angayingqubi ngasemva wayigqitha.
UBen wajonga indoda eyayiyiqhuba waza wafikelwa yingcingane yokuba inxilile.
Kwakungekho mapolisa kufutshane kodwa uBen wayefuna ukuyibambisa loo ndoda. Wafowunela amapolisa ngeselfowuni yakhe ewaxelela apho ikhoyo imoto neenombolo-mbhalo zayo.
Emva koko wayilandela imizuzu embalwa de athi gqi amapolisa.
Ayimisa aza ambamba umqhubi wayo.
"Siyabulela ngokusibiza, eli nxila selenze enye ingozi ngobu busuku," latsho ipolisa kuBen.
Rhoqo ngenyanga abantu baseMzantsi Afrika bafowunela izihlandlo ezingama-50 000 kwiinombolo zemo yongxunguphalo, bexela abantu abaqhuba benxilile, abathengisa iziyobisi, abaqhekezayo nabaxhwil' iimoto.
Amapolisa ayangqina nawo ukuba abantu abaneeselfowuni bangamehlo neendlebe zawo.
Ukuqhagamshelana
Phantse bonke abantu baseMzantsi Afrika baneeselfowuni kwaye bathi ziyimfuneko ebomini babo.
Ngenxa yokungabi nangxaki kwazo, nkqu nabahlanguli baqhagamshelana ngazo xa kukho izikhukula, iinyikima nemililo yamadobo.
Namapolisa asebenzisa zona xa engafuni ukungxolelwa ziireyido azisebenzisayo.
Abemi beli ke bazisebenzisela nokubambisa izaphuli-mthetho.
Nanku omny' umzekelo. Ngeny' intsasa ngoJanuwari iTazz eluhlaza yayihamba ilungelene nekhumbi eyayilayishe abafundi.
Ngequbuliso umqhubi waloo Tazz wathi rhuthu umpu wadubula loo khumbi wenzakalisa omnye wabafundi. Umqhubi weny' imoto wabona loo nto waza wafowunela amapolisa ngeselfowuni yakhe.
Loo Tazz yathi shwaka phakathi kweziny' imoto. Emva koko abahlali bendawo ekufutshane nalapho babona imoto efelwe yifestile ipakwe kufutshane nendawo elungisa imizimba yeemoto.
Bakhumbula iindaba ebezithetha ngemoto efelwe yifestile, baza bafowunel' amapolisa. Wabanjwa loo mntu wayedubula zingaphelanga iiyure ezili-18.
Uthintelo
Iiselfowuni zingaluthintela nolwaphulo-mthetho kwaye ziyawanceda amabhinqa xa ehamba odwa, ingakumbi ebusuku.
UGrace Mhlongo waphiwa iselfowuni nguyise, uJacob, mhla wayebhiyozela ukufinca iminyaka engama-24.
"Uhamba kakhulu ngemoto, nasi ke isipho endikunika sona esingakunceda ngamaxesha kaxakeka," watsho.
Kungaphelanga neeveki ezintathu emva koko, wathi uGrace egoduka kwabakho isigadla esihamba abafana ababini esazama ukumkhupha endleleni.
Waphum' endleleni kodwa waphinda wabuyela. Eso sigadla sasimvalela ngaphambili.
Wayesoyika eqond' ukuba ukufa kufikile! Wayeqala ukuzibona elixhoba elilula lezikrelemnqa abe ehamba yedwa.
Okwakumxhalabisa nangakumbi kwakungekho moto yimbi kuloo ndlela kwaye kwakungabonakali mntu nakwifama ekufutshane.
Ngelo xesha kwathi qatha engqondweni yake ukuba makafowunele amapolisa ngeselfowuni yakhe!
Wabeth' inombolo zongxamiseko, wachazel' usisi owaphendul' ifowuni esikhululweni samapolisa okwenzekayo.
"Ungadyuduzeli yaye ungami nokuba sekutheni, amapolisa asendleleni eza apho," watsho loo sisi kuGrace.
Eso sigadla sanqumleza indlela kwanyanzeleka ukuba makeme uGrace. Wajonga umqhubi waso wabe ethetha kwiselfowuni yakhe. Umqhubi wesigadla wamjonga waza wasusa isigadla wahamba.
UGrace waxelela amapolisa inombolo-mbhalo yaso waza wasuka wahamba. Esothukile enjalo wafowunel' uyise wamchazela okwenzekileyo.
"Umqhubi weso sigadla ubonile ukuba ndifowunel' amapolisa, wabaleka. Ndiyabulela kakhulu ngesipho owandinika sona," watsho kuyise embalisela okwenzekileyo.
Ethubeni abanjwa amadoda ayehamba ngeso sigadla.
Zikhuselekile
Xa zazifika iiselfowuni amapolisa ayekhathazekile ukuba ziza kuphazamis' abaqhubi baze benz' iingozi.
Ngoku kunxamnye nomthetho ukuqhub' isithuthi ube uthetha neselfowuni. Kufanele phofu oko ukungabikho mthethweni kuba kuyingozi. Kodwa xa iselfowuni isetyenziswa ngendlela nangezizathu ezivakalayo zingazenza iindlela zeli zikhuseleke ngokuba zisetyenziselwe ukuxela abaqhubi abophul' umthetho ingakumbi abaqhuba benxilile.
Nyakenye uFreddie Mkhize wayeqhub' imoto yakhe kunxweme olusemantla eKZN wabona ibhodi enombhalo okhuthaza abantu ukuba baxele abaqhubi abaqhuba benxilile neemeko zongxamiseko ezindleleni.
Xa abaqhubi benokuba nezo nombolo kwiiselfowuni zabo, kungaba lula ukuqhagamshelana nabantu abafanelekileyo xa kukho imeko engxamisekileyo.
UFreddie ophangela kumasipala wabona iyinto entle leyo ukuba yenziwe nakwiphondo lakhe.
Ngobuny' ubusuku ngoMeyi uFreddie wayehamba noVusi ongunyana wakhe ngemoto. Imoto eyayiphambi kwabo yayingcwal' indlela.
"Masihambe apha emva kwayo," watsho kuVusi.
UFreddie wafunda iinombolo-mbhalo zayo waza wafowunela amapolisa endlela ngeselfowuni yakhe.
Wayilandela loo moto de yangen' egaraji, nalapho kwagaleleka amapolisa amabini ambamba umqhubi wayo. Kwafumaniseka ukuba usele utywala obuwuphinde kathathu umyinge osemthethweni.
"Siyenze yakhuseleka indlela yethu kobu busuku," watsho uFreddie kuVusi xa begoduka.
Okomboniso
Abemi baseMzantsi Afrika babambise izikrelemnqa ezininzi abazibhaqe zisenza ulwaphulo-mthetho - maxa wambi kungathi ngumboniso kubo.
Ngeny' intsasa ngoDisemba uRobert Dlamini wahamba ngemoto esiya kumatshini wokukhuph' imali (i-ATM) eVerulam.
Wabona ngefestile indoda ephethe umpu ibutha imali kulo matshini. Emva koko wabona abaphangi bephuma apho bebaleka. Waqonda uRobert ukuba akanakuziyeka ezo zikrelemnqa zibaleke nemali zingabanjwa.
Zangena emotweni zabaleka ngayo. Wathi chu emva kwazo ehamba efowunel' amapolisa ngeselfowuni yakhe.
"Ndilandel' imoto yezikrelemnqa eziqhekez' ibhanki," watsho kwipolisa elaphendula ifowuni.
Wayilandela imizuzu embalwa uRobert loo moto iphinyeleza ezitratweni zehlomela-dolophu. Kusenjalo kwathi gqi imoto yamapolisa athi makangene kuyo.
Bafika kwindlela engena kuhola wendlela ezo zikrelemnqa zibanjwe leliny' ipolisa.
"Zizo ke ezi zikrelemnqa," watsho uRobert emapoliseni.
Waphindela emotweni yakhe uRobert evuyile ngumsebenzi owenziwe yiselfowuni yakhe.
Wayeyithengele ukuyisebenzisela ushishino. Wayengazi ukuba ngeny' imini iya kuze incede ekubambiseni izikrelemnqa.
Ngoko kule mihla ungaziboni ungenanto ingakunceda xa usengxakini yolwaphulo-mthetho ube unayo iselfowuni. [x]
BONA XHOSA - May 2008
Ingaba ukruqukile lulwaphulo-mthetho? Awufanelanga uzibone ungenamncedi. Kungathi kanti isesandleni sakho into engakuhlangula. Abantu baseMzantsi Afrika bancedwa ziiselfowuni ekubambiseni izaphuli-mthetho eziyingozi
ibali NKOSAZANA SITHOLE KUFOTE ALEXIS DIACK
UKUZIBANDAKANYA
Heyi wena! Lumka! Nditsalel' umnxeba amapolisa!'
BONA XHOSA - May 2008
BONA XHOSA - May 2008
Siyenze indlela yakhuseleka ngobu busuku
