Xhosa.476.toilet
Umakhi wezindlu zangasese
Iingcango ezibomvu zezindlu zangasese ezintsha ziphawula izitalato zezi lali.
IGAMA lakhe nguClivé Mashele kwaye yonk' imihla uvuka kumpondo zankomo anxibe impahla yokusebenza aze anduluke emzini wakhe oseTzaneen aqhub' imoto umgama we-250km ukuya apho aphangela khona. Akanangxaki nokwenza loo nto kuba uyazibona iziqhamo zomsebenzi wakhe.
Wanikwa umsebenzi wokwakha iithoyilethi ezili-1 500 kwiilali ezingama-21 zomasipala iVhembe okumda woMzantsi Afrika neZimbabwe.
"Yonk' imihla ndiya kwiindawo ekwakhiwa kuzo ukuze ndibone ukuba umsebenzi uhamba kakuhle na," utshilo.
Kwiminyaka emibini edlulileyo wakhele iithoyilethi abantu abangaphezulu kwe-10 000 kwiphondo laseLimpompo. Kwimisebenzi ayenzayo sele evule amathuba emisebenzi ebantwini abangaphaya kwama-20 000!
Ngo-2007 uzuze imbasa yeWomen In Water, Sanitation And Forestry Award ngokwakha iithoyilethi nokufundisa abantu ucoceko.
Ezi mbasa kuwongwa ngazo impumelelo yamabhinqa asebenza nzima ephucul' ubomi babany' abantu.
"Ndavuya gqitha kukuwongwa ngaloo mbasa. Yandikhuthaza ukuba ndizimisele nangakumbi ekuveliseni amathuba omsebenzi nokuphucula ubomi babantu bakowethu," utshilo uMashele.
Eli bhinqa linama-41 lakwilokishi yaseNkowankowa ngaseTzaneen, liyayithanda imiceli-mngeni.
Lalingunontlalo-ntle iminyaka eli-14 laza lalahla ngo-2005 laya kuziqalel' ishishini lalo.
"Ndandidikiwe kukwenza umsebenzi omnye," utshilo.
Ngoku inkampani yakhe iqeshe abasebenzi abangama-26 abasebenza e-ofisini kwaye umsebenzi wayo kukuphucula uluntu, ukwenza uphando nokulwakhela iithoyilethi.
Ikwanceda noluntu olwasuswa ngetshova kwimihlaba yalo ngexesha localulo ukuba lwenze amabango aloo mihlaba. Ikwasebenzisana namasebe karhulumente ukufundisa abantu ngeAIDS nezakhono zokuziphilisa.
Inkampani kaMashele ixhasa nokhuphiswano "lwesona sikolo sicocekileyo".
Amabhaso asusela kwiikhompyutha, iidesika nezitulo. "Injongo yalo kukukhuthaza abafundi ukuba bagcine izikolo zabo zicocekile," utsho uMashele.
Kodwa ngumsebenzi wakhe wokwakha iithoyilethi owenza wathiwa jize nge-R12 000 nguMphathiswa uLindiwe Hendricks eJoburg ngomhla wama-31 ku-Agasti nyakenye.
UMashele ongumama wabantwana abathathu uthi eli bhaso akalizuziswanga kukwakha iithoyilethi kuphela, koko ulizuziswe nakukuba ufundisa noluntu ngococeko nangempilo.
"Ngek' undikholelwe, kodwa kukho abantu abangazange bayisebenzisa ithoyilethi ebomini babo. Siqesha abantu abahamba befundisa abantu ngokubaluleka kokusebenzis' ithoyilethi.
"Kulula ukusebenzisa iithoyilethi zethu kwaye kulula nokuzicoca. Sibanika nezinto zokugcina amanzi ngasethoyilethi ukuze bahlamb' izandla emva kokuya ngasese," utshilo.
Ishishini lokwakha lisenamadoda ikakhulu, kodwa urhulumente uvule amathuba okunceda amabhinqa angene kweli shishini.
"Ndalisebenzisa elo thuba kwaye ndifuna namany' amabhinqa alandele ekhondweni lam," utshilo uMashele. [x]
ABANTU BETHU
Ndifuna nabanye bazek' emze-kweni
Lo somashishinikazi uvulela amany' amabhinqa iingcango kwishishishini lokwakha - ukanti uphucula nobomi babantu basezilalini
UClivé Mashele ubonisa ngembasa yakhe.
Kubhale kwafota:
uNeville Maakana
