xhosa.469.yourman_coaching
IINYAWO
zomlingo
UKUBA utata ufuna ukunceda unyana wakhe aphuhlise isakhono sakhe sokubamba ibhola ngonyawo, kufuneka angawushiyi umculo, utsho uFana Tshabangu ongumqeqeshi nowayengumgcini-zipali we-Orlando Pirates.
Wongeza athi, ukutrepha ibhola ngomphezulu wonyawo sesinye sezakhono ekunzima ukuzifunda. Kangangendlela esinzima ngayo umntu okwaziyo ukusenza kakuhle kude kuthiwe nguStyles, ngu-Ace okanye nguProfessor.Badla ngokubizwa ngokuba bazinkomo abo babhola ibeth' entungweni ibashiye, kwaye baxelelwe nokuba bangaba ngoonozinti abafanelekileyo.
UJacob "Baby Jake" Matlala owayefudula eyintshatsheli yehlabathi emanqindini kunye nonyana wakhe oneminyaka eli-12, uMasego ongumdlali waphambili weRobertsham Callies FC.
UQEQESHO LWEBHOLA
Indlela umculo nomdaniso onganceda ngayo ukufundisa unyana wakho ukusebenzisa iinyawo ebaleni lebhola
IZINTO OKUMELE UZAZI
1 YIBANI nesithuba esingangeemitha
ezi-4 phakathi kwenu, mjulele kakuhle unyana ibhola, qinisekisa ukuba ingaphezulu kancinci kwentloko yakhe. Makaqwalasele kakuhle ibhola unyana aye kuyo ingekafiki phantsi.
2 ZIMBINI iindlela zokwenza le nto. Eyokuqala, unyana uyaxhuma kancinci, ame ngonyawo olunye abe ebamba ibhola ngolunye.
3 EYESIBINI indlela, unyana wakho makaye kwicala eya kulo ibhola. Agobe umlenze ubemnye awuphakamise omnye elungiselela ukubamba ibhola ngonyawo.
4 ESI isakhono sifuna umntu othambileyo nonamaqatha athambileyo. Mkhuthaze unyana wakho ukuba aziqhelise ukushukumisa unyawo lwakhe, oko ke kukuziqeqesha okwenziwa nokuba kunini.[x]
imbhali: Force Khashane
umfoti: Peter Whitfield
Xa eziqeqesha ebaleni ekhaya, khupha isidlali-mculo, ufake icwecwe lomculo alithandayo, atsho adude. Oko ke kuya kunceda ekuqiniseni isantya seenyawo zakhe. Kwaye ke asikho isizathu sokuba ungadudi wena ngexesha usalungiselela ukumjulela ibhola!
INGCEBISO
