Xhosa.463.10ques
IMIBUZO
kaRobert "Madluphuthu" Marawa
Ungumsasazi wezemidlalo oyintandane, dibana naye ke ngoku engekho kwi-TV
1. Wawuyincutshe ekwenzeni ntoni usemncinane"
Ndandineentloni. Mna neentloni sasingabahlobo bokwenene.
2. Ingaba wawuyincutshe kwezemidlalo"
Ndandikuthanda ukubaleka imigama emide, ndandilubaleka nogqatso oluyi-800m. Esikolweni samabanga aphakamileyo ndandiyikapteni yeqela lokuqala lebasketball iminyaka emibini ndaphinda ndamela iNatal Midlands. Ndandidlala nakwiqela lesibini lombhoxo kunye noBobby Skinstad. Eyunivesithi ndandidlalela iligi yesikolo kwisoka nakwibasketball.
3. Uqale nini ukuba nentombi oncuma nayo"
Amabhinqa kufuneka esoloko ejongwe "ngeliso lothando" nokuba angakanani. Ha ha! Ngaphandle kokuqhula, andikhumbuli. Ndicinga ukuba ndophuka intliziyo ngenxa "yothando" esikolweni kwaye ndandiqinisekile ukuba ndiza kuyitshata loo ntombi.
4. Ingaba wawunendlela ethile yokucela uthando"
Ukuthenga iCrunchie okanye iLunch Bar kwakusoloko kundisebenzela, xa zifike zingekanyibiliki kubanini bazo. Ndandingelilo iciko noko kodwa uLuther Vandross, uJames Ingram, uTeddy Pendagrass babendinceda ngamazwi abo xa ndibhala iincwadi zothando.
5. Unaye umntu othandana naye ngoku"
Kunjalo, ndithandana nomsebenzi wam. Ndiza kubona ethubeni ngesinqanda-mathe.
6. Lisukaphi eli gama likaMadluphutu"
Kaloku ndiyaluthanda uphuthu.
7. Usapho lwakho luthini xa lukubiza"
Usapho lwam lundibiza ngoThemba. Khumbula kaloku ukuba kuqala wawusiba negama lesikolo nelasekhaya, ngoko ke uRobert kwakuligama lam lobukhoboka.
8. Nguwuphi oyena mdlali unomdla oke wadibana naye"
NguTiger Woods, uSerena Williams, uMaria Mutola, uFrank Fredericks, noBaby Jake Matlala. Bathand' ukuba liqela kwaye bonke bayamangalisa, kuquka nooMongameli abane emva kwenkululeko yeli.
9. Yintoni eyona nto ikonwabisayo ngeNdebe yeHlabathi ka-2010"
Ubukhulu balo msitho buza kucaca ebantwini xa sele ufikile. Ingaphaya kokuqonda. Ndivuyela abadlali abasemanqwanqweni abaza kuba lapha kunye nethuba lethu njengelizwe lokubonisa ihlabathi esinako.
10. Ukuba ungatshintsha umsebenzi ungenza ntoni"
Umqhubi weemoto obekisayo!!![x]
Umqulunqi: Ntokozo Maseko
INCOKO NENDWALUTHO
