xhosa.445.2008 stars
Okukodwa kwiBONA
ARIES
Mar 21 - Apr 21
U SOLOKO uzithembile ulawula, kodwa maxa wambi unomsindo nokungxama.
Kulo nyaka... Zithembe ngakumbi, ucinge ngokuhle. Eli lixesha elihle lokujonga empumelelweni.
Emsebenzini: Uza kuqhuba kakuhle ukuba uzimisele, ibe nemizamo yakho iyabonakala.
Imali: Ukuba usebenzisa ingqondo ungeza nalo icebo lokwenza imali.
Ekhaya: Cwangcisa ngononophelo kuba oku kuza kusombulula iingxaki zakho ekhaya. Musa ukucinga ngento engahambanga kakuhle, milisel' ingqondo ekuyilungiseni.
Uthando: Yiba nesandla esishushu xa ufuna lukhule uthando lwakho.
TAURUS
Apr 22 - May 21
UNOTHANDO nobuchule, usebenza nzima, kodwa ulukhuni.
Kulo nyaka... Qiniseka ngokomelela kwakho nokucwangcisa ubomi bakho.
Umsebenzi: Ngoku izinto zikuhambela kakuhle. Nantoni na oyiqala ngoku umele uyigqibe unoncumo.
Imali: Ufun' ukuphucula indlela yokuphila" Ingaba ufuna ukuba nemali" Qala ngokuzimisela, ulungiselele impumelelo enkulu.
Ekhaya: Xa kukho izinto ezifuna ukulungiswa, qala uzilungise ngokwakho yaye uzibone unethamsanqa lokungqongwa zizihlobo ezilungileyo.
Uthando: Isinqanda-mathe sakho masibe ngumhlobo wakho. Ukuba akunjalo yenza icebo.
GEMINI
May 22 - Jun 22
KUBA unengqondo ekhawulezayo, usuke uphikise kakhulu ngamanye amaxesha.
Kulo nyaka... Uchulumanco lwakho lucacisa gca ukuba uya empumelelweni.
Umsebenzi: Lixesha elifanelekileyo lomceli-mngeni omtsha.
Imali: Impumelelo yezinto eziphathekayo isentendeni yesandla sakho, phulaphula intliziyo yakho iza kukukhokelela ekwandiseni ingeniso yakho.
Ekhaya: Bonisa izihlobo zakho ukuba unako ukuthabatha inxaxheba kwizinto zekhaya.
Uthando: Cinga iindlela zokukhulisa uthando phakathi kwakho nomntu wakho. Uthando olungenampilo luyatyhafa.
CANCER
Jun 23 - Jul 23
AWUTYHILEKI maxa wambi, uyathanda kujongwe kuwe, ukwakuxabisile ukuba wedwa.
Kulo nyaka... Impilo entle nokonwaba emphefumlweni zibaluleke njengokuba nemali eyaneleyo, ngoko sebenzisa amandla nexesha lakho kwizinto ezibalulekileyo kuqala.
Umsebenzi: Yiba nethemba xa uqala ukwenza into entsha.
Imali: Lixesha elihle eli lokuza neendlela ezakhelwe ukwenza imali.
Ekhaya: Qiniseka ukuba kukho ulonwabo. Zama ukudibanisa izalamane.
Uthando: Amaxesha owachitha nesinqanda-mathe sakho aza kuzisa ulonwabo. Ukuba ukhangela uthando, zenze ube nomtsalane ngokuthi ufikeleleke.
LEO
Jul 24 - Aug 24
WONWABILE kwaye unobubele kodwa uphinde uziphakamise. Uthanda ukubiza abantu wenze amatheko kodwa awuthandi ukuhlutshwa ngezinto ezingenamsebenzi.
Kulo nyaka... Qala ngokufunda ukuphila ngokupheleleyo uzise inguqu ebomini bakho.
Umsebenzi: Ukuba ufuna isikhundla bonakalisa ukuba unako, uthembeke.
Imali: Uchulumanco nokuvelisa kukhokelela kwindyebo nokhuseleko lwakho.
Ekhaya: Khuthaza uxolo nentsebenziswano ekhaya. Yiba ngumzekelo ngokuthi uncokole nezihlobo uze wamkele iingcebiso.
Uthando: Yenza izithembiso nesithandwa sakho. Ukuba unesithukuthezi zixube nabantu ngeenjongo zokufumana uthando ukanti akho namathuba okufumana umntu omtsha.
VIRGO
Aug 25 - Sep 23
U NENGQWALASELA, uyacalula, unako nokugxeka, ukwanawo nomoya wenkohlakalo ngamaxesha athile.
Kulo nyaka... Cinga okuhle uza kuba sempilweni.
Umsebenzi: Xa unomfanekiso -ngqondweni wemeko ebhetele kunale ukuyo uyakhuthazeka ukuba uziphucule.
Imali: Iminqweno yakho yokuphila nokukhuseleka iyanda, oko kwandisa imali oyongayo.
Ekhaya: Khumbula - usapho olonwaba kunye luba yimbumba.
Uthando: Uza kufumanisa ukuba ubuhlobo bubaluleke ngokufanayo nomlilo wothando.
LIBRA
Sep 24 - Oct 23
UNOBUBELE nothando, unentsebenziswano nobunye, kodwa usuke wayame kakhulu ebantwini.
Kulo nyaka... Yehlisa ukuxhalaba ukuze ubesempilweni. Kukhumbule oku ukuze usebenze kodwa uzonwabise kananjalo.
Umsebenzi: Yenza konke ngochulumanco kuba eli lixesha lakho lokuphumelela.
Imali: Lindela ukuphucuka kwemo yakho yemali. Phucula ukuzimisela kuza kukunceda.
Ekhaya: Luxabisekile ebomini bakho usapho lwakho. Ingakumbi iinkonde neemveku, banike uthando nohoyo.
Uthando: Luza kuvutha uthando lwakho nomntu wakho. Ukuba akunamntu likhona ithemba lozayo.
SCORPIO
Oct 24 - Nov 23
UKHUTHELE kwaye ungaphumelela nakwintoni na oyenzayo, ukanti unaso nesifuba.
Kulo nyaka... Lungisa indlela otya nosela ngayo xa ikuphazamisa. Gxininisa ekuzomelezeni.
Umsebenzi: Zijul' ijacu ufezekise iminqweno yakho emsebenzini.
Imali: Eli lixesha lokomeleza imeko yakho emalini. Ngokwenjenjalo uza kuza namacebo amahle okonga nokwenza imali.
Ekhaya: Gxininisa ekwakheni umoya omhle. Uhlaziye izithethe ezixatyisiweyo.
Uthando: Utshatile ungatshatanga eli kungaba lixesha elimnandi kuwe. Ungaluvuselela uthando lwakho, okanye umntu omtsha abenomdla kuwe xa ungekabi namntu.
SAGITTARIUS
Nov 24 - Dec 22
WONWABILE, uneminqweno, ulidela-kufa, kwaye uthanda ukuphila ngendlela yakho.
Kulo nyaka... Yilwa neengcinga ezimbi. Uphile emphefumlweni kuqala.
Umsebenzi: Ubuchule bakho buza kukunceda unyuselwe. Abantu baza kuzihlonipha iingcinga zakho.
Imali: Zibone ubeka okanye usenza imali, izakude yenzeke loo nto. Jolisa imizamo yakho kukhuseleko ngokuba nezinto, ungazibona ukwindawo ebhetele.
Ekhaya: Ningayiphucula indlela yokwenz' izinto. Kunganenzuzo kuwe ukunceda abanye.
Uthando: Lindela ukuzola noxolo ukuba unomntu. Ukuba ufuna uthando, khangela ulonwabo kuqala kuba uthando luhamba nolonwabo.
CAPRICORN
Dec 23 - Jan 21
UNGUMNTU osoloko ecinga ngoshishino kwaye unqwenela ukhuseleko macala.
Kulo nyaka... Yandisa ubuhle ebomini bakho.
Umsebenzi: Ubonisa ubukrelekrele obuneziphumo ezihle ngenxa yokuba umceli-mngeni ngamnye uwujonga ngendlela eyahlukileyo.
Imali: Ungenza ubomi bakho bube nolonwabo nempumelelo ngokuthi ujonge ngeliso elinethemba nochulumanco amathuba onawo kwikamva lakho.
Ekhaya: Yiba nexesha lokukhusela ulonwabo losapho lwakho. Yiba ngowokuqala ukungciba iintanda xa zikhona.
Uthando: Libala ngezolo yiba nothando nokuqonda. Ungafumana umntu omtsha ukuba awunamntu.
AQUARIUS
Jan 22 - Feb 20
USOLOKO ubulawula ubomi bakho neenjongo zakho, kodwa maxa wambi unenkani.
Kulo nyaka... Qalisa ukwenza ingqondo nomzimba wakho ube kwimeko entle.
Umsebenzi: Iingcinga, izigqibo nomsebenzi wakho ziyakuncomisa yaye zingakunika nochatha emalini.
Imali: Ungoneliseki nje yimbuyekezo engephi ekubeni izicwangciso ezibhetele nokusebenza nzima zixutywe nethamsanqa zingakhokelela kwinzuzo evakalayo.
Ekhaya: Imizamo yokusombulula iingxaki zekhaya nokudala uxolo inganeziphumo ezihle.
Uthando: Uthando lwakho luchumile yonwabela iziqhamo ezincumisayo.
PISCES
Feb 21 - Mar 20
U YAKONWABELA ukuba ngundaba-mlonyeni kodwa uyaziqhatha maxa wambi ize ke loo nto ikubuyisele emva. Kodwa ke ukwangumntu oqhela lula nosebenzisekayo.
Kulo nyaka... Qinisekisa ukuba usempilweni wena nosapho lwakho ngokuveza iindlela ezintsha zokwenza izinto, ugxininise ukubaluleka kwempilo.
Umsebenzi: Ngokuya izicwangciso zakho zisiba zikhulu nawe uya usiya phambili.
Imali: Ungafumanisa indlela eyodwa yokusebenzisa italente yakho ekwenzeni imali.
Ekhaya: Yiba nothando ekhaya wakhe ulonwabo lwexesha elide.
Uthando: Uthando luza kukhula ngakumbi. Ukuba awutshatanga, ungatyhafi. [x]
Ingaba u-2008 ukuphathele ntoni na" Yiva ukuba ungazomeleza kanjani, ulwe kanjani nobuthathaka bakho, wazi nofanele ukukwenza...
BONA XHOSA - January 2008
ibhalwe nguWILLIAM SMITH
imifanekiso yeyakwaGALLO
ngowakho lo nyaka"
Ingaba
BONA XHOSA - January 2008
u
t
BONA XHOSA - January 2008
Unyaka
ozayo
