xhosa.437.road
Qhubela ukuphila
ABADLALI bebhola abangooGift Leremi, uFernando Matola, uClifford Moleko, uConrad Hendricks noLesley Manyathela, nemvumikazi enguLebo Mathosa... bayinxalenye yabantu abaneziphiwo abasutywe kukufa ziingozi zendlela kweli loMzantsi Afrika kulo nyaka nakwiminyaka edlulileyo.
Ukufa kwabo kuyabonisa ukuba akukho mntu ukhuselekileyo - kwaye ngokutsho kwabeArrive Alive rhoqo ngeyure kusweleka umntu kwingozi yendlela eMzantsi Afrika.
Baninzi nabantu abasinda cebetshu ekufeni. Umntu omnye kwabasixhenxe abaphilayo kweli uza kuhlelwa yingozi okanye ukhe wehlelwa yingozi yendlela emenzakalisileyo.
Ukuxhoma kwenani labantu abafa kwiingozi zendlela kwenza eli lizwe libe kwindawo yesithathu emazweni aneengozi zendlela ezininzi ehlabathini ngokutsho komphandi wezothutho kweli, uMoira Haarhoff.
Xa kwakuqaliswa iphulo leArrive Alive ngo-1997 babemalunga ne-10 000 abantu ababesifa kwiingozi zendlela zeli. Ngoku elo nani liphindwe kabini lakuma-20 000 emva kweminyaka elishumi laqaliswayo eli phulo kodwa kube kusetyenziswe i-R350 yezigidi kulo.
Ngoku nkqu neWorld Health Organisation inoloyiko lokuba inani labantu abafa ezingozini zendlela liya kuba lingaphezulu kwelabantu ababulawa yiAIDS ngo-2020.
Ingaba uphi ke undonakele eMzantsi Afrika xa besizama kangaka ukunciphis' iingozi zendlela"
Eli phulo laba yimpumelelo kwiminyaka yokuqala njengoko inani lokufa kwabantu ezingozini zendlela lehla nge-30% kwiphondo laKwaZulu-Natal. Kodwa ukususela ngo-2002 laqala ukunyuka kwakhona.
Linyuswa yintoni"
Ziliqela izinto ezinegalelo ...
#1 Ukwanda kweemoto: Linyuke nge-26% inani leemoto ezibhalisiweyo ezihamba ezindleleni zeli kunasekuqaleni kuka-1997 xa kwakuqaliswa iphulo leArrive Alive.
Iimoto ezindala azikhutshwa ezindleleni. Uphando luka-2004 lubonise ukuba phantse isiqingatha seemoto zeli zineminyaka engaphezulu kwe-10, malunga ne-16% zineminyaka engaphezulu kwama-20 ukanti i-3% zineminyaka engaphezulu kwama-30.
Loo manani ebemakhulu kakhulu ezibhasini (i-53% zineminyaka engaphezulu kweli-10 ize i-25% zibe neminyaka engaphezulu kwama-20). Zingaphezulu kwe-60% iiteksi ezineminyaka engaphezulu kwe-10 kodwa iphulo likarhulumente lokutshabalalisa iiteksi ezindala liyazinciphisa.
Ngaphezulu ke kukho neemoto ezingabhaliswanga...
#2 Ukubhideka: Emva kwempumelelo yephulo leArrive Alive xa laliqala laya libabhida abantu. Umzekelo ngo-2002, uphando lwabonisa ukuba abantu babeyiyamanisa neIDS intetho ethi "Ungavutheli emoyeni ubomi bakho" endaweni yokuba bayiyamanise nezixhobo zokuvavanya umyinge wotywala obuselwe ngabaqhubi.
Abamaninzi namaphulo okhuseleko ezindleleni ababhidayo abantu baza bangayiva imfundiso yawo.
#3 Imali: Imali yamaphulo okhuseleko ezindleleni yatsala abantu abaninzi abaneembono ezigwenxa ngeendlela emayisetyenziswe ngayo.
Imali eyayingasetyenziswa kwezempilo, kwimfundo nasekwakheni izindlu yasetyenziswa kumaphulo okhuseleko ezindleleni angenaziphumo zibonakalayo.
Asithethi ngemali enikelwa ngamanye amazwe apha, koko sithetha ngemali yabarhafi eyabelwa iSebe lezoThutho neyerhafu oyihlawula xa uthenga amafutha eyayivela kwiRoad Accident Fund de kwaba ngo-2002.
Ukwanda kweemoto ezindleleni kwenza kwabanzima nangakumbi ukuzigcina zikhuselekile, yabe nemali iphela.
NeRoad Accident Fund yayeka ukuxhasa amaphulo okhuseleko ezindleleni yagxininisa kumsebenzi wayo wokuhlawula imbuyekezo amaxhoba eengozi zendlela. Emva koko iSebe lezoThutho lanciphisa iindleko zephulo leArrive Alive.
Kwenziwa ntoni ngoku"
Njengoko linyuka kwakhona inani labantu abafa ezindleleni zeli, iSebe lezoThutho lithi oko kubangelwa kukuba ngoku liwaqokelela onke amanani azo. Kodwa kwalona liyavuma ukuba alikayichani indlela yokunciphisa iingozi.
Ngoku amaphulo okhuseleko ezindleleni aqhutywa ngokuthelekelela ulwazi lwabaqhubi bezithuthi nendlela abaluqonda ngayo ukhuseleko ezindleleni.
Oko ke akuzincedi nganto iintsapho zabantu abamalunga nama-20 000 abasweleka ezindleleni zeli ngonyaka.
Kunjalonje oko akubonakali kuza kusenza siyiphumeze iMillennium Development Goal yokunciphisa eli nani ngesiqingatha ngo-2014.
Ngoku kuzanywa ukutshintsha ukuziphatha kwabaqhubi njengokuba sibheke ku-2010.
Ingaba abafanelwanga kokubhetele abantu baseMzantsi Afrika" Ingaba ubomi babo abufanelanga ukukhathalelwa nokuhlonitsha nokuba akukho siganeko sehlabathi esiza kweli"
Inkoliso yabantu bahamba nje imigama emifutshane ngezithuthi unyaka wonke - kodwa nakwezo hambo zibakho iingozi ezimbi.
Ngeeholide zokuphela konyaka sihamba imigama emide sityelela iintsapho nabahlobo bethu - size sibe semngciphekweni weengozi ngakumbi.
Kulo nyaka iphulo leArrive Alive libinzwe ngama-R50 ezigidi, ukanti i-R15 lezigidi kuloo mali liza kusetyenziswa ngoDisemba ukusikhumbuza ngokhuseleko.
Uphando olwenziweyo lubonisa ukuba nangona i-90% ikhe iyive yaye iyikhumbula imiyalezo yephulo leArrive Alive oko asiyinanzi... kuze kuqhubeke ukufa kwabantu ezindleleni. [x]
Balumkele abaqhubi abathanda isantya esiphezulu - uphando lubonisa ukuba baba baninzi ngeCawe kunangeziny' iintsuku zeveki kwaye phantse isiqingatha sabaqhubi baseMpumalanga bayawugqitha umyinge wesantya omiselweyo.
Uphando lweBONA
Xa uhamba ngeenyawo...
Umntu omnye kwabathathu abafa kwiingozi zendlela kweli ngumhambi ngeenyawo. Kwaye abane kwabahlanu kubo ngamadoda antsundu. Nantsi indlela yokuzikhusela...
u Yazi ukuba imoto ingema emva kwexesha elingakanani - nokuba umqhubi uyakubona.
u Zenze ubonakale lula - iimpahla ezinombala okhanyayo azincedi kakhulu. UMoira Haarhoff uthi kubhetele unxibe impahla enemigca elayitayo ebusuku njengaleyo enxitywa ngamagosa endlela.
u Hamba uthi ngqo kwaye ungaseli uhambe endleleni yeemoto - ezi zizinto ezibangela isiqingatha seengozi zabantu abahamba ngeenyawo.
Ingaba kukho undonakele kubaqhubi bezithuthi beli" Yintoni ephanzisa amaphulo okhuseleko ezindleleni" Zingancitshiswa njani iingozi zendlela kweli ngeeholide zokuphela konyaka" Funda eli nqaku...
kubhale uPATRICIA McCRACKEN iifoto zezakwaGALLO
u
t
Iimpazamo zabantu zenza i-90% yeengozi zendlela!
Indlela yokuphepha iingozi kwiindlela zethu
Yiba nobuchule: Iimpazamo zabaqhubi nokungabi nabuchule kwabo kwenza i-90% yeengozi zendlela. Qinisekisa ukuba uyinkcutshe ekuqhubeni kangangoko unako kwaye uzifundise ukuqhuba ngokukhuselekileyo.
Thob' isantya: Isantya esiphezulu sibangela i-30% yeengozi zendlela - kwaye senza i-75% yezo ngozi zibembi kakhulu kuba kwenzakala abantu bafe nokufa.
Lehla inani labantu abafa kwiingozi zendlela kweli ngo-1974 xa iingxaki zehlabathi ze-oyile zenza yanqongopphala ipetroli eMzantsi Afrika saza nesantya esiphezulu sathotyelwa ku-80km/h okwethutyana.
Ukunyusa isantya esiphezulu eUS kwanyusa ukufa kwabantu kwiingozi zendlela nge-34%, ukanti ukusinciphisa eSwitzerland naseSweden kwehlisa inani lokufa kwabantu ezingozini nge-21%.
Ungaseli uza kuqhuba: Oku kubangela i-40% yeengozi zendlela. Xa nisiya kwindawo yentselo yibani nomntu ongaseliyo oza kuniqhubela. Xa niliqela labahlobo ningatshintshana ngaloo nto.
Lumkela neziyobisi namayeza akwenza ungakwazi ukwenza izigqibo ezizizo xa uqhuba.
Bopha ibhanti: Ukufak' ibhanti xa uqhuba kunciphisa amathuba okufa engozini nokwenzakala nge- 40%.
Gcina imoto yakho ikulungele ukuba sendleni: UMzantsi Afrika awukabinawo umthetho othi imoto mayihlolwe ukuba ikulungele na ukuba sendleleni qho ngonyaka ngaphambi kokuba inikwe idiski entsha njengakwamany' amazwe. Kodwa uphando lubonisa ukuba abantu bayakuxhasa oku kuba i-30% yeengozi zibangelwa ziimoto ezingafanelanga ukuba sendleleni.
Phumla: Ukudinwa kubangela i-10% yeengozi zendlela. Xa uhamba umgama omde, qinisekisa ukuba uyaphumla rhoqo emva kokuhamba iikhilomitha ezili-160 okanye emva kokuqhuba iiyure ezimbini.
Shiya isithuba esaneleyo: ISebe lezoThutho lithi abaqhubi abane kwabahlanu bayilandela kufutshane kakhulu imoto ephambi kwabo. Abaphandi behlabathi bathi uthabatha umzuzwana nesiqingatha ukucinga omawukwenze, elo xesha liba lide xa uncokola nomntu, umamele umculo okanye ubuka iindawo. Shiya isithuba semizuzwana emibini kwimoto oyilandelayo.
Ungathethi nefowuni: Ungathethi neselfowuni uqhuba!
