xhosa.1497.free
okwasimahla
Phelisa istresi ngokwendalo
ITranQuin Stress Spray idibanisa izinto zendalo ezithintela ukuba nestresi nezinto ezisiphelisayo ebantwini abadala nakulutsha.
ISpasmopep Junior inceda iintsana nabantwana bazole kwaye iphelisa amahlaba nokuluma kwesisu.
Zombini ziyafumaneka ekhemesti.
IBONA inezixa zeTranQuin and Spasmopep Junior ezingama-22 ephisa ngazo ezixabisa i-R200 sisinye. Ukuze uphiwe esinye, thumel' igama, idilesi nenombolo yefowuni ofumaneka kuyo emini ngephoskhadi kule dilesi: BONA/Stress Support Giveaway, Private Bag X1030, Lyttelton, 0140, okanye uthumele iSMS ethi STRESS ku-35919.
BONA XHOSA - August 2007
Gcina amaphepha ngendlela!
AbakwaTidy Files abaphambili ekwenzeni iifayile banecebo lokugcina amaphepha akho ngendlela.
Zazi apho zikhoyo iimpepha zakho nezosapho eziquka ezamatyala, izatifiketi namanye amaphepha ababulekileyo ngokuzigcina kwiifayile ezintle.
Yeka ukuba namaphepha abalulekileyo athe saa ngokuwagcina ndawonye kwiTidy File.
Sinezixa zeeTidy File ezisibhozo ezixabisa i-R500 sisinye esiphisa ngazo. Zibeke ethubeni lokufumana esakho ngokuthumel' igama, idilesi nenombolo yefowuni ngephoskhadi kule dilesi: BONA/Tidy Files Giveaway, Box 32067, Mobeni, 4060, okanye uthumele i-SMS ethi TIDY FILES ku-35919.
Isibulala-vumba samadoda
IFighting Temptation yakwaRasasi sisiqholo samadoda esivela kwamany' amazwe esinevumba elimnandi.
Ngendlela esinevumba elimnandi ngayo uya kuba nomtsalane owenza abantu basoloko befuna ukusondela kuwe.
IFighting Temptation yenzelwe amadoda athanda ukuba nomtsalane kodwa angahendeki lula.
IBONA inezixa zeRasasi Fighting Temptation ezili-10 zesibulala-vumba samadoda ephisa ngazo. Ungazibeka ethubeni lokufumana esakho ngokuthumel' igama, idilesi nefowuni yasemini ngephoskhadi kule dilesi: BONA/Rasasi August Giveaway, Box 1393, Westville, 3630, okanye uSMSe uRASASI ku-35919.
Impilo oyifunayo...
Iimveliso ezintsha zeMixture of Life zakwaPep zikunika okufikelelekayo okunesondlo nokodidi oluphambili. I-Instafood (enencasa yevanilla okanye inatural) ikunika izidlo ezili-10 ezinesondlo ogalela nje amanzi okanye ubisi kuzo; iAloe-X isisongezo sezondlo esingamanzi nesenziwe nge-aloe ferox, iAfrican potato neevithamini ezinceda ukomeleza amajoni omzimba nezikunika amandla; iImmune Booster ineeminerali, iivithamini neAfrican potato kwaye ifumaneka ingamanzi okanye iziipilisi - iphelisa ukudinwa, ithomalalise izifo ezinganyangekiyo, iphelise ukungathandi ukutya, iphelise ukudumba kwamadlala nokuphelelwa ngamandla; i-5 Rounds Vitamin Supplement for Men ivuselela inkanuko yesondo inike amadoda amandla.
Sinezixa ezingama-50 zeemveliso zeMixture of Life ezixabisa i-R170 sisinye. Ukuze ubesethubeni lokufumana esakho, thumel' igama, idilesi nenombolo yefowuni yasemini ngephoskhadi kule dilesi: BONA/Pep Mixture of Life Giveaway, Box 32067, Mobeni, 4060 okanye uthumele iSMS ethi PEP ku-35919.[x]
Izipho ezixabisa i-R20 500
Umhla wokuvalwa:
31 Agasti 2007
(I-SMS nganye iyi-R3.)
u BONA - August 2005
