xhosa.430.letteroct
NDICELA abahambi ngeenyawo balumke xa behamba endleleni. Nditsho kuba ndibona uhlobo abangalukhathalelanga ngayo ukhuseleko lwabo ezindleleni.
Abanye abahambi baye bacingele ukuba umqhubi uza kubabona kanti akubi njalo onke amaxesha.
Ezidolophini abahambi ngeenyawo bawela izibane zivulele iimoto. Kungenjalo bahamba kancinci de izibane zibavalele. Akubalulekanga ukwazi ukuba kufanele kuwele wena - kufuneka uhambe kwindlela yabahambi ngeenyawo.
Kaloku yindlela yabantu abahamba ngeenyawo leyo.
Ndiyaphinda ndithi akubalulekanga ukuba ngubani okufanele awele koko abahambi ngeenyawo kufuneka bayazi into yokokuba umqhubi usenokungakwazi ukusimisa isithuthi.
Abantwana mabayeke ukudlalela endleleni!
Umhambi ngeenyawo ongakhathaliyo uza kufa!
nguZokwana John, eKoringpunt
Zikhuseleni!
Lo ngumyalezo obalulekileyo endiwubhekise kulutsha. Mlisela nomthinjana, jongani, phulaphulani nize nenze izigqibo ngezinto enifun' ukuzenza ebomini.
Zikhuseleni xa nisabelana ngesondo kungenjalo niza kufa nibancinane.
Eyona nto ibhetele kukulibala ngesondo nifunde. Zimiseleni ngokufunda khon' ukuze nibe nekamva eliqaqambileyo!
nguMM, eLesotho
Iimpawu zendlela zabahambi ngeenyawo
Ileta ezuze
i-R100
Ndikuthenga nyanga zonke!
BONA, ndikuthenga nyanga zonke. Xa ndingakufumangana ndiziva ndilahlekile. Xa iphela inyanga ndiyaqinisekisa ukuba ndiyakuthenga nokuba kumnyam' entla.
Xa kukho umntu ondityeleleyo uyakuthatha yaye xa ndibe nethamsanqa ndambhaqa ekuthatha ndixabana naye kakubi ndithi makakushiye.
Baye bandixelele ukuba ndisakugqiba ukukufunda mandikuphe bona bazokufunda.
Ndifuman' ulwazi kuwe. Ndingenel' ukhuphiswano ndifunde neenkwenkwezi. NdiyiCapricorn yaye yonk' into oyitshoyo kule nkwennkwezi yam ihambisana nobomi bam ngqo.
nguHG Hadebe, eClernaville
Iileta Zenu
BONA XHOSA - October 2006
Ukuze uphalaze izimvo zakho:
bhalela apha: Iileta eziya kuMhleli,
Box 32083, Mobeni,
4060, South Africa
ifeksi: 031-912-2720
okanye i-e-mail: bona@dbn.caxton.co.za
Wanikeni ithuba
Nabani na unako ukunganyaniseki eluthandweni okanye enze izinto ezimbi, ingakumbi kolu lufunyanwa ngembalelwano. Masiyeke ukucalu-calula amabanjwa. Umntu xa esentolongweni akutshiwo ukuba akasoze aguquke.
nguMandla Mthetheleli Mseleku, eVryheid
Masiyeke umona
Sahlukile kwizinto esizenzayo. Kodwa qho xa sidibana nabantu abafunde ngaphezulu kwethu siba nomona.
Sithi xa sidibana nabantu abafunde ngaphantsi kwethu sibajongele phantsi.
Umona nguwo lo usenzela iingxaki ekuhlaleni yaye ndithi masohlukane nomona.
Masibathande abantu abangekho krele-krele njengathi kuba kaloku zikho izinto abazaziyo thina esingazaziyo.
Nakwabo bafunde bhetele kunabanye kuyafana. Masiyihloniphe impumelelo yabo sikhumbule ukuba nathi siyagqwesa kwizinto ezithile!
nguRC, eMmakau
u
t
MFUNDI, UCINGA NTONI WENA"
Abafundi mabathi 'Hayi!'
NDIKHATHAZWA ngabafundi abathandana neetitshala zabo. Iititshala maziyazi into yokokuba abantwana bayofunda esikolweni.
Abafundi abayi esikolweni ukuze babe ngamaxhoba eetitshala! Iititshala zona ziyobaxhobisa ngolwazi abafundi - hayi ukonelisa iinkanuko zazo zesondo kubafundi.
Lihlazo ukubona ititshala ithandana nabafundi!
Anditsho ukuba iititshala mazingavani nabafundi kodwa into endingayifuniyo kukuthandana kwazo nabafundi!
Uyabetheka umfundi emva koko! Uyayeka ukuzimisela ezifundweni okanye akhulelwe - kusakuba njalo ke ulahlwa jwi yititshala!
Abafundi mabazifundise ukuthi "hayi" kwiititshala ezibarhalelayo. Kunjalonje mabangoyiki ukuzixela ezo titshala zingakwaziyo ukuziphatha.
nguG.M, eJouberton
lUcinga ntoni wena" Ititshala ethandana nomfundi iphoxa umsebenzi wayo yaye ibonisa ukuziphatha kakubi nobugwala. Kufuneka zixelwe iititshala ezenza lo mkhwa mbi kangaka. Wande kangakanani lo mkhwa"
Sibhalele usixelele into oyaziyo okanye eyenzeka kuwe!
BONA XHOSA - October 2006
Amazwi obulumko...
u Indlu iyindlu nje - de ifunyanwe luthando. Uthando lutshintsha indlu ibe ngumzi, indawo ebalulekileyo yabantu ababalulekileyo.
nguMack Makalla, eSeabe
u Ukupha akufuni mali kuphela. Yindlela opha ngayo ebalulekileyo. Uthando, ububele nembeko - ezi zizipho ezibalulekileyo.
nguGM, ePolokwane
u Usapho olunothando nenkathalo sisixhobo sethu sokulwa nobundlobongela. Kaloku usapho olunothando nenkathalo luvelisa abemi abawahlonelayo amalungelo abanye abantu, bathathe inxaxheba ekukhuliseni ilizwe lethu.
nguPO, eSoweto
u Masilibale ngezinto ezadlulayo kuba azizi kusisa ndawo. Masijonge ikamva loMzantsi Afrika. Masisebenzisane!
nguAfika Ndenga, ePietermaritzburg [x]
Iileta Zenu
UTHINI WENA MFUNDI"
Thenga iBONA, ufumane ulwazi!
THENGA iBONA kuba uza kufunda lukhulu kule magazini. Ndiluthanda kakhulu olu luhlu lutsha olufundisayo oluqale ngoFebruwari.
BONA, ungungqa-phambili!
nguNhlanhla Maphumulo, KwaMaphumulo
lNgaba abanye abafundi, abadala nabancinci luyabanceda okanye lubanika umdla olu luhlu lwethu olufundisayo" Ngaba zikho izinto ofuna sibhale ngazo"
Sibhalele usixelele!
Ungalisebenzisa
igama ozithiye lona xa
usibhalela, kodwa sicela usinike igama lakho lokwenene nedilesi yakho. Asitsho ukuba siyavumelana nazo zonke izimvo zabafundi kula makhasi, kwaye sinelungelo lokuzihlela ezo
siza kuzipapasha.
