xhosa.424.10Q
IMIBUZO
KAPATRICK SHAI
1. Nguwuphi umculo owuthandayo"
Phambi kokudlala kuMoferefere, ndandisaziwa njengomlinganisi onesidima - nendoda ethand' amabhinqa uNkwesheng umlinganiswa endandidlala indawo yakhe kwiTV ngeminyaka yoo-1980. Kodwa abantu abazi ukuba ndaqala ndaxhentsa umxhentso wesiZulu kwaye ndisakuthanda ukuxhentsa. Ndiyayithanda isoul nefunk - ihip-hop nekwaito, ngenxa yabantwana bam.
2. Uza kukubhiyozela njani ukuphela konyaka"
Ndiza kusela iHansa okanye iGlenfiddich single malt, okanye nayiphi ekufutshane kwezi.
3. Yeyiphi eyona holide emnandi owakhe waya kuyo"
Iiholide zezezityebi - mna ke andisiso. Kodwa njengomonwabisi wabantu, ndiziva ngathi ndikwikhefu xa ndisebenza. Ndiyalandwa ndilungiswe, ndinxityiswe ndenziwe mhle. Ndiye kwiindawo ebendingenako ukufikelela kuzo ngokwam, nditye nokutya okumnandi. Andiboni ukuba ikho iholide emnandi ngaphezulu koko!
4. Ngubani oyena mntu onqwenela akutsalele umnxeba"
NguNelson Mandela - oku kokuba ndimve esithi, "Molo nyana wam." Kodwa ndiyazi ungutata kuthi sonke. Ngoko entliziyweni yam, sele ndiwufumene loo mnxeba kwaye ndonwabile.
5. NgeCawe unxiba ntoni, wenze ntoni"
Ikhitshi kuba lelam ngeCawe, ngoko ndiqala ngokuya ezivenkileni ndinxibe ushoti wam nesikipha ukuya kuthenga loo nto ndiza kuyisebenzisa xa ndiphekela usapho lwam isidlo.
6. Esona sidlo osithandayo"
Ndiyasithanda isityu senyama yegusha okanye eyenkuku nerayisi okanye isipagethi, imifuno, izipayisi zingagalelwa kakhulu - ndiyithanda kakhulu negarlic. Okanye inyama eyosiweyo - ndiyazenzela imarineyithi ngebhiya, iviniga nezipayisi.
7. Yintoni engakwenza uxoke"
Andikwazi ncam ukuxoka! Kodwa ndingaxoka xa ndifuna ukusindisa umtshato wam. Abantu bayoyiswa yinyani. Ndakuyithetha inyani xa ndisekoneni, kodwa ndimlumkise umntu, ukuba usenokungayithandi into aza kuyiva nditsho ukuba andifuni kumvisa ubuhlungu.
8. Uyayidlala ilotho, kwaye ungayithini imali xa uphumelele"
Ndifuna ukuyimangalela ilotho! Ndaqala ukuyidlala isaqala kodwa andikazibambi iinombolo ezingaphezulu kwesine. Ndifanelwe kukuphumelela - andifanelwanga kukuhlupheka! Kwaye ndingasisityebi esabelanayo. Ukuba ndingafumana i-R20 million, ndinganikela nge-R5 million kwabahluphekayo ndakhe neziko lasekuhlaleni lemidlalo yeqonga ukuze abadala nabancinci babalise amabali abo khona.
9. Uyakonwabela ukuzibukela"
UMoferefere ngumdlalo wam wokuqala ohlekisayo kwaye ndiyawuthanda - kodwa, umthetho wam ndiyakucaphukela ukuzibukela. Xa umdlalo sel' ushicilelwe wayifilim, awukwazi kujika nto, ngoko ndiye ndizicaphukele ndithi, "Kodwa, Patrick, kutheni ungenzanga ngolunye uhlobo"" Umdlalo weqonga nguwona ndiwuthandayo kuba ababukeli baya kunceda uzibone xa uqhuba kakuhle, ndawuthanda ukusukela kumdlalo wam wokuqala omkhulu othi Sophiatown.
10. Ukuba uThixo angakongezela iyure ebomini bakho ungenza ntoni"
Ndisemncinci, akukho nto ndiyenzileyo ukuziphucula. Ngoku ndinama-53, ndibonile ukuba singabanye siphuculwa kukukhula. Ndikunyaka wam wesibini ndikwiNational Arts Council ngoku kwaye bendincedisa ekuvelisweni kweMapungubwe Arts Festival eLimpopo, apho ndisuka khona. Inqongophele imali ejongene nezenkcubeko kule ndawo, ngoko ndingathanda ukuphuhlisa ezenkcubeko.[x]
siNCOKOLA neendwalutho ezisemanqwanqweni
IMIBUZO ELI-10
