xhosa.417.rape
Inkxwaleko yamabhinqa nabantwana
Kwenzeka amanyumnyezi ahambis' umzimba kummandla okumda osempuma waseCongo kwaye abantu baseAfrika nabehlabathi bayibethisa ngoyaba le meko
U-OMBENI ushiywe lixesha. Isikolo siyangena kwimizuzu engama-20 kwaye kusafuneka aqokelele iincwadi zonyana wakhe uDaniel, amenzel' ilantshi enze nemisetyenzana embalwa yasendlwini. Umzi wakhe yindlu yodaka enamagumbi amabini eBukavu kwimpuma yeDemocratic Republic of Congo (DRC).
Uhamba isiqingatha seyure xa usiya esikolweni usuka kuloDaniel. U-Ombeni ugqitha esikolweni sikaDaniel aye kwesakhe esikumgama ongephi.
Lo ngunyaka wakhe wokuqala esikolweni yaye inqununu yakhe ithi ungumfundi ongumzekelo omhle.
Ngokweminyaka yakhe uOmbeni ubemel' ukuba wenz' unyaka wokugqibela eyunivesithi, mhlawumbi abe ufun' umsebenzi.
Ubomi bakhe nemfundo yakhe zaphazanyiswa kabuhlungu kwiminyaka emihlanu edlulileyo xa wayene-15 leminyaka.
Kowabo kwakusezilalini apho wayesebenza emasimini xa engekho esikolweni.
Ngeny' imini waxhwilwa ngabavukeli-mbuso esasebenza kuloo masimi. Amenza ikhoboka lawo lesondo nokubethwa iinyanga eziliqela kwiinkampu ezahlukeneyo ngakumda waseRwanda.
Wabuyela kowabo ekhulelwe kwaye ebhitye engumcinga ngenxa yendlala. Wayebuyiselwa ukuba ayobhubhela kubazali bakhe.
Kodwa akazange abhubhe kwaye ngoku uzama ukuvuselela ubomi bakhe. UDaniel uyasithanda isikolo kwaye uyevana nabantwana afunda nabo.
Kunyaka ozayo unina uza kuqeqeshelwa ubutitshala kwiyunivesithi yalapho. Emva kolo qeqesho lweminyaka emibini unethemba lokuba uya kwamkela imali eyaneleyo ukuze azithengel' umzi kwindawo ekhuselekileyo.
Nangona wehlelwa seso sihelegu uzibona enethamsanqa. Maninzi amaxhoba okubethwa nokuxhatshazwa ngokwesondo angathethi ngako eDRC.
Isihelegu
Kummandla okumda osempuma oku kuxhatshazwa sele kuyinxalenye yobomi. Abenzi bobu bubi baquka amaInterahamwe angamajoni amaHutu abaleka eRwanda ngo-1994 emva kokubulala abantu abaninzi; umkhosi waseCongo; abemi abaxhobileyo; nabantu nje basekuhlaleni.
"Bonke aba bantu badlwengula amabhinqa. Oko kubo ungathi ngumdlalo. Wonk' umntu onxibe iimpahla zamajoni ulutshaba kumabhinqa," utsho uChristine Deschryver osebenzela umbutho woncedo waseJamani. Iingxaki zalo mmandla zaqala emva kokubulawa kwabantu ngobuninzi eRwanda ngo-1994 aza amawaka amaxhoba nababulali abaleka atsiba umda welaa lizwe. Angaphezulu kwe-10 000 amajoni eFDLR ashiyeka ehlala emahlathini naphilisa abantu ubomi bentshontsho.
Ilizwe laseRwanda aliwafuni abuyele khona, kwaye nokuba belivuma, uninzi lwawo akasafuni kubuyela khona. Umkhosi waseCongo awuzimiselanga kuwabuyisela eRwanda ngetshova. Amajoni awo nawo aziphilisa ngokuba kuba kuqengqeleka iinyanga engamkeliswa.
Le ndawo ijike yangummandla kafayayo kwaye linyuka mihla le inani lokudlwengulwa kwamabhinqa nokubulawa kwabantu.
"Okwenzeka eDarfur kuncinane gqitha xa ukuthelekisa nokwenzeka apha eCongo," utsho uDeschryver oqhubekayo nokwazisa abantu ngentlungu ejongene namabhinqa aseCongo nangona efumana izoyikiso zokumbulala.
Umsindo
Asinguye yedwa onomsindo yile meko. NoGqr. Mukwege ongugqirha oneminyaka engaphezulu kwama-20 ephangela kwiilali zaseBukavu unomsindo kukunceda amaxhoba okuxhatshazwa ngokwesondo.
Uphangela ePanzi Hospital eyakhiwa ngo-1999 nenezigulana ezingaphezulu kwama-350.
Qho ngemini kulaliswa abantu abali-10 abadlwenguliweyo, ukanti abanye ziimveku ezineminyak' elithoba ezifun' utyando lokulungisa amalungu angasese.
UGqr. Mukwege akakhange atsho nokuba liyanyuka na inani labantu abadlwengulwayo. Kodwa kona bayi-10% abantu abangeniswa kwesi sibhedlele bedlwenguliwe.
Amaqela ezidlwengu ngoku aziwa ngezinto ezibuhlungu azenzayo - elinye iqela lifaka umbhobho wompu kwilungu lebhinqa emva kokulidlwengula lize lidubule lidlakaze ilungu langasese lebhinqa.
Amanye amaqela agrogrisa amadoda ngemipu awanyanzele ukuba adlwengule oonina noodadewabo abantu bebukele. Inkoliso yezi zidlwengu zineHIV kwaye zibosulela ngabomu abantu ezibadlwengulayo.
Ezi ziganeko zokutshatyalaliswa koluntu ngale ndlela zixhaphake kakhulu kwiMpuma yeCongo kwaye akukho zinzame zenziwayo ukuzinqanda. "Ndidla ngokubona amadoda engazi nokuba makathini emva kokuba indoda ibone umfazi wayo edlwengulwa phambi kwayo," utsho uGqr. Mukwege.
"Asinakungayihoyi into eqhubeka apha size sithi sisithethe esibuhlungu saseAfrika njengokuba abanye abantu besitsho."
Emva kokuthetha noGqr. Mekwege sincokole namaxhoba ebelinde unyango.
Abanalusini
UMugoli Muhamiri wayelindele iindwendwe zomtshato mhla wavulela umntu owayenkqonkqoza emnyango kwiinyanga ezintandathu ezidlulileyo.
Kwambonzeleka iqela lamadoda ambopha izandla neenyawo atshintshana ngokumdlwengula.
Wawabona enqumla umqala womyeni wakhe nabantwana babo ababini bebulawa ngokungenalusini. Uthi wadlwengulwa ngamadoda asixhenxe ngaphambi kokuba afe isiqaqa.
Ngoku washiyeka nomntwana omnye ogama linguStephen ongaziyo ukuba unina uneHIV. "Ndifumana unyango olululo apha, kodwa ndiyazi ukuba ndiza kusweleka ngeny' imini," utsho.
"Andikwazi ukuwatya kakuhle amayeza athomalalisa iHIV kuba ndibulawa yindlala. Ndiya kufa kabuhlungu ndishiya umntwana wam eyinkedama."
Ixhoba lokugqibela esithethe nalo nguFuraha Tajiri wephondo laseNinja oneminyaka eli-15 okhulelweyo. Uthi kwafika amajoni kowabo ebusuku belele ababopha aza ababetha nabazali bakhe.
"Emva koko ndawabona ebulala abazali bam, mna andithatha aya nam ehlathini apho ndadlwengulwa ngamajoni ali-17. Andigcina apho iinyanga ezintandathu, ndidlwengulwa ngamadoda amabini rhoqo ngemini," utsho.
Intshabalalo
Uva amabali afanayo kuyo yonk' iMpuma yeCongo. Lincinane kakhulu ithemba ebantwini bale ngingqi yaseAfrika. Ubulungisa nokuvuselelwa kwezimilo yinto engaziwayo ngabantu bakhona.
Kwimiyuziyam yokukhumbula ukubulawa kwabantu ngobuninzi eKigali eRwanda, kukho umbhalo kaKofi Annan agxibha kuwo ukubulawa kwabantu ngo-1994. Kuloo mbhalo uyavuma ukuba ayenganceda amazwe ehlabathi.
Nangona kunjalo kukho amajoni ali-17 000 eUN eDRC kodwa akenzi nto ngentshabalalo egquba kumgama ongephi ukusuka kwindawo akuyo.
Kutshanje bekutyelele intloko yoNcedo loLuntu yoMbutho weZizwe eziManyeneyo, uJohn Holmes eBukavu. Watyelela nasePanzi Hospital, washiyek' ebambe ongezantsi ngamabali nemeko yabantu abalaliswe kwesi sibhedlele.
Waphinda wabonana noChristine Deschryver. "Ndamxelela ukuba yintshabalalo le yenzeka apha. Andizange ndifihle nto kuye - ndathi kuye useCongo ngoku uza kwenza ntoni ke" Awukhange ukwazi ukuzibamba iinyembezi yinto oyibone esibhedlele njengabanye abantu. Kodwa nawe uza kuhamba uze ulibale ngokubonileyo njengabanye. Singaphinde sikubone njengabo," utshilo Deschryver. [x]
BONA XHOSA - December 2007
kubhale kwafota abeFEATURENET.CO.ZA
Apho ukudlwengulwa kuyinxalenye yobomi
U-Ombeni ukhapha unyana wakhe uDaniel umsa esikolweni. U-Ombeni waphazanyiswa ekufundeni kukwenziwa ikhoboka lesondo ngabavukeli.
BONA XHOSA - December 2007
u
Onke amajoni abonwa eziintshaba ngamabhinqa
t
Amaxhoba okudlwengulwa ethandazelana odwa.
u
t
Wabona ngekona yeliso enqunyulw' umqala umyeni wakhe
UMugoli Muhamiri wavula emnyango ecinga ukuba ziindwendwe zomtshato ezazinkqonkqoz' emnyango. Kwambonzeleka iqela lamadoda amdlwengula.
