xhosa.416.questions
IMIBUZO
1. Yeyiphi eyona nto uzidla ngayo kosele uzenzile"
Ndigqibe ugqatso lweComrades Marathon, lo nyaka ngokhethekileyo. Ukugqiba izifundo zam noxa ndixakekile nako kundonwabisile.
2. Yintoni oyithanda ngenene"
Zizihlangu, iincwadi - nokuwolwa!
3. Yintoni oyithandayo nongayithandiyo ngabantu"
Ndikuxabisile ukunyaniseka, ubulungisa nobubele. Andisebenzi kakuhle nabantu abaneenjongo ezimbi nabanengxaki yokungazithembi nomona.
4. Ingaba umsebenzi wakho omtsha wokusasaza kwiziko leendaba elisasaza iiyure ezingama-24 le-etv ubutshintshe njani ubomi bakho"
Ndisebenza iiyure eziliqela kunangaphambili! Ngoku imini yam iziiyure ezingama-25, kufuneka ndiqiniseke ngendikwenzayo emva kwenkqubo yam kuRadio 702 emini maqanda ukuze ndithi ngo-5 wasemalanga ndiqale ke ngoku kwa-etv.
Ngeli xesha ndibaleka i-10km ngentsimbi yesi-5 ekuseni. Andisabi nazo iindibano zexesha lesidlo sasemini kwaye ndiziyekile nezinto ebendizenza ngorhatya.
5. Uthanda ukwenza ntoni kubusuku bezothando"
Yho! Andingomntu unzulu kwezothando. Kodwa ke ndiyakonwabela ukuchith' ixesha neqabane lam - nokuba senze ntoni xa sihleka ndiyonwaba.
6. Ukuba ubungenzi oku ukwenzayo ubuza kukhetha ukwenza ntoni"
Bendizakuba ngumbhali ndifundise noncwadi.
7. Ngubani ongathanda ukutya naye idinala okhoyo nongasekhoyo"
UBarack Obama - Ndiyamthanda.
8. Yintoni ongayithandiyo ngoMzantsi Afrika"
Ulwaphulo-mthetho nabaqhubi beeteksi.
9. Yintoni oyithandayo ngeli lizwe"
Abantu - ifuthe labo, nokunyamezela.
Ndithanda indlela esiphila ngayo. Sisiphiwo sokwenene.
10. Lithini icebo ongalinika ilizwe"
Ukulwa indlala luxanduva lomntu wonke. [x]
kaRedi Direko
siNCOKOLA neendwalutho ezisemanqwanqweni
INCOKO NENDWALUTHO
