XHOSA.409.BURIAL
Zilungiselele!
Ukwenza umbutho wosapho kamasingcwabane kuyanceda kakhulu ekuhlawuleni amatyala eniwenza xa nivelelwa kukufa okulibhaqo
kubhale uFORCE KHASHANE
kufote uCLIVE THOMPSON
XA usapho lunombutho walo kamasingcwabane aluxakeki lusakuswelekelwa lelinye ilungu losapho. Xa lo mbutho niwuphethe kakuhle ungenza amalungu osapho abe nobudlelwane obuluqilima.
Nazi ezinye zezinto ekufuneka niziqwalasele xa nivula umbutho kamasingcwabane wosapho...
Ukunyaniseka nokuziphatha kakuhle kuwenza uzinze umbutho wenu. Abo basezintanjeni apha embuthweni kufuneka bakwamkele yaye bakukhuthaze ukugxekwa okwakhayo kuba kuza kuwenza uphumelele.
Nikhumbule ukuba nilusapho ngoko ke akufuneki nikuvumele ukungavisisani kwenu kunixabanise.
Khethani amalungu osapho aneempawu zolawulo olululo xa nikhetha abantu abaza kulawula umbutho wenu. Kodwa kufuneka nibaxhase kangangoko ninako nibe yinxalenye yombutho nonke bangabikho abazibekela bucala.
Abo nibonyulele ukulawula umbutho wenu abaquka usihlalo, umgcini-mali nonobhala kufuneka babe bathembekile yaye bakwazi ukugcina iinkcukacha zonke bazise namanye amalungu ngento yonke eyenzekayo.
Kufuneka nonyule usihlalo, unobhala, umgcini-mali namalungu amabini ongezelelweyo kube ngabo abaza kulawula umbutho yaye kufuneka nibonyule qho ngonyaka.
Onke amalungu kufuneka athathe inxaxheba kwiingxoxo abe yinxalenye yezigqibo ezithatyathwayo ekumiliselweni kwemithetho eza kulawula umbutho wenu. Onke amalungu anamalungelo alinganayo yaye kufuneka aqinisekise ukuba ayawusayina umgaqo-siseko wombutho.
Imali ehlawulwayo kufuneka ifikeleleke kuwo wonk' umntu olilungu. Xa nibaninzi ningahlawula imali encinane.
Imithetho nemigwaqo yokuziphatha kwamalungu mayigxininiswe.
Amalungu angenazizathu ziphathekayo zokungabikho entlanganisweni nafika emva kwexesha kufuneka ahlawuliswe imali yesohlwayo. Le mali inyusa ingxowa yombutho.
Yigcineni ebhanki imali kuba yindawo ekhuselekileyo. Jongani iinkqubo zotyalo-mali eziza kwenza imali yenu ikhule.
Kubalulekile ukuba nibe neendibano zokuqokelel' imali xa kuphel' inyanga. Mayihlawulwe kwiintsuku ezisixhenxe le mali yaye umntu ongayihlawulanga ohlwaywe. Khethani umzi wokubambel' iindibano nekuhlawulwa kuyo imali.
Ningacingi ukuba asoze kubekho ukuqhathana kuba ningamalungu osapho. Kufuneka nizijonge iziliphu zasebhanki zonk' iinyanga khon' ukuze niyazi into eqhubekayo ngemali yenu.
Umbutho wenu mawube nencwadi yokubhala zonk' iinkcukacha zeendibano eniba nazo, imali engenileyo nezohlwayo, imali esetyenzisiweyo neziny' izigqibo enizenzayo kwiindibano eniba nazo.
Gcinani iinkcukacha zamalungu onke ezifana needilesi neenombolo zawo zeminxeba.
Lo mbutho kufuneka uhlawulele ilungu lawo, iqabane lalo kunye nabantwana balo. Kufuneka nigcine amagama abo, iidilesi, iinombolo zezazisi neziny' iinkcukacha zaba bantu bakhankanywe apha ngasentla.
Ningagqiba ekubeni niyinyuse imali xa ngaba ilungu liza kufuna ukufaka amanye amalungu amathathu okanye amane phezu kwalawo elisele liwafakile. Imali ehlawulwa kwabanye abantu abaphantsi kwelungu iba ngaphantsi kwaleyo yelungu.[x]
BONA XHOSA - October 2005
Ukulawula umbutho kamasingcwabane
