xhosa.406.policing
Indlela yokulwa ulwaphulo-mthetho
Noxa amanani asemthethweni ebonakalisa ukuba luyancipha ulwaphulo-mthetho eMzantsi Afrika, kodwa abemi beli abaninzi bakholelwa ekubeni ayanyuka - kaloku abantu abazikhathazi ngokuxela ulwaphulo-mthetho kuba besithi amapolisa akazukwenza nto. Kodwa ikhona indlela esingalwa ngayo ulwaphulo-mthetho - yaye siloyise... kubhale Kwafota uGAVIN FOSTER
ULWAPHULO-MTHETHO luyalitshabalalisa eli lizwe, kodwa ukuba mna nawe singasebenzisana ekulweni nale ngxaki singawenza umehluko. Imibutho egada ebumelwaneni, eyasekuhlaleni, egcin' ucwangco nekhusela abahlali ingasebenzisana ukuze izikrelemnqa ziphil' ubomi bentshontsho aze akhuthazeke namapolisa amel' ukukhusela abantu.
Imibutho egada abamelwane kulapho abahlali kwiindawo ezisezidolophini bevumelana ukuba baza kuncedisana ekugadeni imizi yabo. Bayasebenzisana bedibene namapolisa, amavolontiya azula-zula ezitratweni ebusuku egadile.
Xa kukho umntu oya eholideyini abamelwane bayamgadela indlu yakhe.
Kodwa inye into efanele ukuba ingavunyelwa, kukuba abantu bathabathele umthetho ezandleni zabo. Ukuba nizibambile izikrelemnqa, zinikezeleni emapoliseni. Ewe kona unganqwenela ukuzohlwayela ngokwakho, kodwa loo nto ikwenza ufane nqwa nezikrelemnqa ozama ukuzilwa.
IiCommunity Policing Forum
(CPF) yimibutho emikhulu kuneyabamelwane abagadelanayo, kwaye sele yenze umsebenzi oncomekayo kwezinye iingingqi, ingakumbi eNtshona Koloni.
Umthetho uyanyanzelisa ukuba iiCPF zixhaswe zizikhululo zamapolisa kwaye zakhiwa ngabahlali, amaqela ezenkolo, ulutsha, iiklabhu zemidlalo, imibutho yoonoteksi, ooceba noosomashishini abahlala kwiindawo eziphantsi kweso sikhululo samapolisa, kunye namagosa asiphetheyo isikhululo.
I-CPF iba neendibano kanye ngenyanga nalapho kuxoxwa ngokwenzekayo kuloo ngingqi.
Imibandela efana nolwaphulo-mthetho nezinto ezikhokelela kulwaphulo-mthetho ziyaphicothwa kuze kuziwe nezisombululo.
Eyona nto incedayo ke ngeCPF kukuba intsebenzo yamapolisa iyajongwa kwezi ndibano, izinto azenzayo ezingafanelekanga, xa engawenzi umsebenzi okanye esebenzisa amagunya ngendlela engeyiyo, kuze kudityanwe ngokukhawuleza namagosa aphetheyo akulo ngingqi.
I-CPF idibanisa yonke imibutho yabamelwane abaqadelanayo ephantsi kweso sikhululo samapolisa sibandakanyekayo.
Ingcamango esandula kuqalwa yiCommunity Safety Forum (CSF) yona ibandakanya iingingqi eziliqela kuneCPF - inakho ukudibanisa iindawo eziphantsi kwezikhululo zamapolisa ezi-5 okanye ezi-6 - kwaye ayijongi lwaphulo-mthetho nje kuphela.
KuMeyi wonyaka ophelileyo uCharles Nqakula onguMphathiswa weSebe loKhuselo noKhuseleko, uthe lo mbutho mtsha uza kuba nolawulo oluphangaleleyo kunemibutho yabamelwane abagadelanayo neeCPF.
Uza kusebenza namasebe karhulumente njengeSebe lezeKhaya ukuqwalasela imeko yeembacu, incedisane neSebe leeNkonzo zoLuleko kwinkqubo yokukhulula amabanjwa ukuba abuyele eluntwini akugqiba izigwebo zawo, isebenze kwaneSebe lezoBulungisa ekuqinisekiseni ukuba uluntu luyawazi kwaye luyawaqonda amalungelo alo.
Ngokuqinisekileyo ke bukho ubuthathaka kule nkqubo. Akhona kwaye maninzi amapolisa anobuqhophololo nangawenziyo umsebenzi kwaye ukuba akasebenzisani noluntu oluzama ukuphucula intlalo yeli, iziphumo azinakuba zezihle kwaphela. [x]
BONA XHOSA June 2008
GETTING INVOLVED
Ukuqala
Qhagamshelana nesikhululo samapolisa ufumanise ukuba kule mibutho ayikho na esele iqaliwe (ukuze ungazichithel' ixesha). Ukuba ikhona esele iqaliwe, cela inkcukacha zayo ukuze uqhagamshelane nayo unikele ngeenkonzo zakho ezinokunceda.
Qala ngeCommunity Safety Forum uye usiya ezantsi kwiCPF ukuya kwimibutho yabamelwane abagadelanayo, ngolo hlobo uyakufumana inkxaso kuMkomishinala wengingqi, wenkonzo yamapololisa oMzantsi Afrika, iSebe lezeKhaya namanye amasebe karhulumente, loo nto itsho ikunike isithunzi kumagosa angezantsi. UMphathiswa uNqakula wathembisa nokuba inkxaso yemali izakubakho ukuhlangabezana neemfuno ezinjengendawo ye-ofisi neziny' indleko zeeCommunity Safety Forums ezikhoyo. Buza ngale nyewe, utyhale ngesifuba ukuba kukho imfuneko.
Beka abantu ezikhundleni ezibafaneleyo ukhethe ngobulumko. Sebenza ngolwazi abantu abasele benalo kunokuqala ubaqeqeshe. Kumba wentsebenziswano namapolisa, fumana elona polisa likwisikhundla esiphezulu onokulifumana nelinoncedo.
Musa ukutyhafa xa sele uqalile. Amaxesha amaninzi abantu benza njengemibutho yabamelwane abagadelanayo yona iqala ngodlamko, kodwa ikhawuleze ukutyhafa xa ingafuman' ingxelo okanye izincomo.
Ukuba isikhululo samapolisa sengingqi asinantsebenziswano, gqithelani kwabangaphambili - iSebe loKhuseleko lwabaHlali lephondo liza kunincedisa ukwenza izinto zihambele phambili.Bhalelani abaphathi bamapolisa aseMzantsi Afrika kanti namajelo eendaba ukuba niqala ukuxhalaba. Kweliny' icala, ukuba amapolisa "enu" enza umsebenzi omhle, bonakalisani umbulelo.
BONA XHOSA June 2008
Ungawanceda amapolisa ekulweni ulwaphulo-mthetho ngokuba nenxaxheba oyidlalayo!
SIBHALELE
INGABA ucinga ukuba ukuzibandakanya kwabahlali ekulweni nolwaphulo-mthetho kuza kunceda? Ingaba sele uwuqalile umbutho iCPF, iCSF, okanye umbutho wabamelwane abagadelanayo kwingingqi yakho, kwaye ingaba kuluchaphazele kanjani ulwaphulo-mthetho? Bhalela iBONA kule dilesi, Box 32083, Mobeni, 4060, usixelele awakho amava.
