xhosa.3.bongani
UBongani Nchang uthetha ngothando, isondo nokuzikhwebula kulo
Kuyanceda ukuzikhwebula kwisondo"
IMVUMI yeMalaika uBongani Nchang uza kutshata emva kweminyaka emibini ezikhwebule kwisondo. Uthe: "Bekunzima kuba sobabini sisebatsha yaye siyathandana kakhulu kodwa sifunde lukhulu ekuthandaneni kodwa singabelani ngesondo."
UBongani onama-30 eminyaka wasindiswa ngo-1997 lingekabiphi ukuduma iqela leMalaika. IMalaika ithengise amacwecwe asondele kuma-600 000 yaye sele ityelele ihlabathi kwaye uthi uBongani ukuzinikela kwabo kuThixo kubancedile baphepha iziyobisi nabalandeli abafuna ukulala nabo.
"Ndafika eJoburg ndivela eKlerksdorp ndizofuna ukucula ndaza ndagagana nezilingo ezilolu hlobo. Mna noJabu saqala sasebenza kunye egameni leNkosi - sasihlala simahla emishini size sisebenze ecaweni eyayilapho.
"Ukuze siphumelele emculweni sakhuthazwa ziinkolelo zethu. UThixo wayenenjongo afuna ukuyifezekisa ngathi yaye sasizimisele ukuyifezekisa."
UBongani wadibana nesithandwa sakhe ngo-2004 xa kanye iqela leMalaika lalisafika emculweni. UNthabiseng Mphela uligosa lonxibelelwano kwiSebe lokusiNgqongileyo noKhenketho. Baqala ukubonana xa eli qela laliza kucula kwikhonsathi eyayiseGarankuwa apho azalelwa khona uNthabiseng.
Saphandlana
"Saphandlana ngaloo mzuzu. Ndamthanda ndiqal' ukumbona kodwa sasinabantu esasithandana nabo ngelo xesha singafuni ukuzibophelela eluthandweni.
"UNthabiseng wayengandazi ukuba ndiyimvumi ngoko ndandingekho phantsi koxinzelelo. Wothuka xa sele endibona ndicula eqongeni. Wayesoyika ukuthandana nemvumi kodwa saba ngabahlobo de sakwazi ukukhululeka sithandane."
Balizwa ngonyana uOnthatile ("uThixo undithandile") ngo-2005 yaye ngelo xesha uBongani watyhilelwa ngezifundo zeTestamente eNdala xa wathi wasinda kwiingulo eziliqela ezazimhlasela.
Kwaba kubi nangakumbi ngeeholide zehlobo zika-2005 xa kwanyanzeleka ukuba abalekiswe esibhedlele ukuze atyandwe intliziyo waza waphoswa lithuba lokuyocula neMalaika eYurophu.
"Xa kugula ilungu leqela lomculo elaziwayo kuthi ndii amarhe. Ndandinamahlwili ayevale intliziyo yam. Ndema emculweni iiveki eziliqela kodwa ndabuya ngamandla.
"Ndaphaphama emva koko - uThixo wandiphilisa ngoko kwakufike ixesha lokumbulela ngokuzinikela kuye ngokupheleleyo, ndinikele ngobomi bam bonke kuye."
Kwakunzima ingakumbi kuNthabiseng owayenama-22 eminyaka ngelo xesha ezama nokubuyisela ukuzithemba kwakhe emva kokubeleka. "Kwaba nzima kakhulu kuye kunokuba kwakunzima kum ekuqaleni ukungazibandakanyi ngesondo.
"Sasithandaza sobabini ukuze sifumane amandla okulandela iZibhalo. Ekugqibeleni ndavuka ngeny' intsasa ndingamkhanuki njengesiqhelo," utsho uBongani.
Ukwahlukanisa ukukhanukana nokuthandana njengoko isitsho iBhayibhile kuluncedo. "Eneneni uThixo uyazixolela izono zethu. Thina kusenze sathandana nangakumbi," utsho uBongani.
Abahlali kunye
Esi sibini sagqiba ekubeni singahlali kunye de sitshate. "Ukwabelana ngesondo kwenza ningaziboni iingxaki ezinkulu eluthandweni lwenu yaye thina sifunde lukhulu eluthandweni ngaphandle kokwabelana ngesondo. Endaweni yokwabelana ngesondo siyaphatha-phathana, siphululane, sangane sincokole kamnandi ngothando lwethu iiyure eziliqela.
"Saqala sangabahlobo ngaphambi kokuba sithandane ngoko sabuyela kobo bumnandi basekuqaleni."
UBongani uyicacisile into yokokuba ngokuthetha ngothando lwakhe akazami ukuthengisa icwecwe leMalaika elitsha.
Akazithandi iimvumi ezenza uThixo indawo yokuphephela.
"Inkqubela yeMalaika isekelwe emthandazweni yaye iya kusoloko injalo.
"UThixo usisiseko somculo wethu. Ziyandicaphukisa iimvumi zeli nezehlabathi ezibulela uThixo kuphela xa zifumene iimbasa.
"Sekufana nesimbo esithile ukwenjenjalo ze emva koko umntu angaphili ubomi bomntu okholwayo ngenene," utsho uBongani.
Akalindelanga ukuba indlela aphila ngayo ibekele bucala abalandeli beMalaika nkqu nabo baphil' ubomi obubalekayo.
"Icwecwe lethu lokugqibela lithengise iikopi ezingama-50 000 kwiintsuku nje ezimbini liphumile. Umculo wethu uyazithengisa ngokwawo. Ukuzikhwebula kwisondo ngumba otshis' ibunzi nakubathandi bomculo wethu yaye uhambisana nephulo lokulwa nogawulayo esilixhasayo sonke." [x]
UBongani weMalaika uthi bekunzima kodwa bafunde lukhulu ngokuthandana kodwa bengabelani ngesondo. Kodwa ngoku baza kutshata...
BONA XHOSA - July 2007
kubhale uDOUG GORDON
BONA XHOSA - July 2007
"Abalandeli bethu bayakwazi ukubaluleka kokuzikhwebula kwisondo kule mihla," utsho uBongani.
