XHOSA.1494.stars
okuxelwa ziinkwenkwezi
BONA XHOSA - June 2007
Umsebenzi: Vul' ingqondo xa usebenzisana notshaba.
Impilo: Uza kuba sempilweni entle.
Imali: Uza kufuman' imali ngobuhlobo onabo. Kufuneka intsebenziswano.
Uthando: Xa ungenaqabane, ziza kukulungel' izinto.
Umsebenzi: Uza kufumana ulwazi xa udibana nabantu abanamava.
Impilo: Chith' ixesha nabantu abakonwabisayo.
Imali: Zama iindlela zokwenz' imali.
Uthando: Yiba nothando novelwano. Cingela wena neqabane lakho, ungazicingeli wedwa.
Umsebenzi: Uza kufuman' umsebenzi okanye wonyuselwe emsebenzini.
Impilo: Usempilweni entle.
Imali: Uza kuba nethamsanqa. Lisebenzise eli thuba wenz' imali.
Uthando: Uthando lwakho neqabane lakho lomelele.
Umsebenzi: Unamathuba amahle okuphumelela.
Impilo: Uza kuba sempilweni - xa ugula uza kuphila.
Imali: Iinguqu ezithile ziza kukuzisela imali.
Uthando: Isimemo okanye ukwaziswa ebantwini kuza kukuphathel' iqabane elitsha.
Umsebenzi: Baluncedo abantu. Uyavana nabasemagunyeni.
Impilo: Zinik' ixesha lokuphumla.
Imali: Sebenzis' ingqondo ukuze ufuman' iindlela zokwenz' imali ethe kratya.
Uthando: Uza kufuman' uthando olutsha.
Umsebenzi: Umnqweno wakho wokufunda uza kuwuzuza.
Impilo: Unamandla ngoko uza konwaba.
Imali: Yenz' izinto ngexesha elililo ukuze wenz' imali ethe kratya.
Uthando: Nyaniseka ukuze iqabane lakho likuhloniphe.
Umsebenzi: Yiba nobudlelwane obuhle nabantu osebenza nabo.
Impilo: Chitha ixesha elininzi kwindawo enik' umdla.
Imali: Boleka imali kwisalamane okanye umhlobo.
Uthando: Niza kuthandana nomntu ongamaziyo oza kudibana naye.
Umsebenzi: Zifundise ukuceba kuselithuba.
Impilo: Qalisa inkqubo entsha yokutya neyokwenz' imithambo.
Imali: Yek' ukudyakaz' imali ukuze uphucul' imeko yakho yemali.
Uthando: Uza kudibana nomntu omhle noza kumthanda.
Umsebenzi: Uza kuzifuman' iziphumo ozifunayo.
Impilo: Linganis' ixesha lemithambo emandla nelokuphumla ukuze ube sempilweni.
Imali: Uza kufuman' iingcebiso zokwenz' imali ebantwini abanemali.
Uthando: Zamani ukuchith' ixesha elininzi kunye neqabane lakho.
Umsebenzi: Usendaweni entle emsebenzini, ungayoni.
Impilo: Awunaxhala lanto yaye awunangxaki.
Imali: Wasebenzise amathuba.
Uthando: Unothando nobubele ngoko uza kulonwabisa iqabane lakho.
Umsebenzi: Uza kuphumelela xa ubonis' ukuzimisela neempawu zobunkokheli.
Impilo: Ungazihoyi iintlungu.
Imali: Zimilisele izimvo zakho. Uza kulungelwa.
Uthando: Uza kufumana iqabane eliza kukuthanda xa ungenalo.
Umsebenzi: Xa uzimisele uza kuphumelela.
Impilo: Xa uphumla yaye usebenza ngexesha elilinganayo uza kuba sempilweni entle.
Imali: Uyakwazi ukusebenzis' imali ngoko uza kwenz' imali entle.
Uthando: Nxiba kakuhle ukuze ube nomtsalane![x]
