xhosa.372.project
Amakhasi okuzo-nwabisa eBona
BONA XHOSA - October 2006
Asikwazi ukuphila ngaphandle kwemali
Wonk' umntu ufun' ukuba sisityebi kodwa bambalwa abantu abanazo izixhobo nolwazi lokuzenzela ubutyebi. Xa abazali bakho bekupha i-R100 ngenyanga, mali leyo uza kuyisebenzisa ngokuthanda kwakho, ngaba
uyisebenzisa yonke okanye unayo oyibeka bucala uyongele ukuthenga into oyifuna ngenene" Kolu shicilelo siza kujonga iindlela esiyiphatha ngazo imali.
Olu lwazi siniphathele lona siluthabathe kuluhlu lweMaths TODAY olupapashwa ngabakwaMaskew Miller
Longman. Uluhlu lweTODAY lunayo yonk' imiba yemfundo ukususela kwekaGrade 7 ukusa kuGrade 9.
Ziqingqele imali
Xa ukwazi ukuyiphatha kakuhle imali uselula uba nesiseko esisiso
ngokuphathwa kwemali uze ube nekamva eliqaqambileyo. Ukuqingqa imali (nokuncamathela kuqingqo-mali) linyathelo elililo eliya empumelelweni.
Qwalasela: Xa uqingqo-mali lwakho lungaphaya kwemali onayo loo nto intama ukuba usengxakini
yemali kuba uphila ubomi obuxhome ngaphezu kwemali onayo.
Ucinga ukuba lunjani nje uqingqo-mali
lwabazali bakho" Bahlawula iindleko zombane, ezomnxeba, bahlawule indlu, amanzi, iindleko zesikolo, batheng' ukutya neempahla zekhaya, iindleko zemoto nepetroli, iimpahla zokunxiba,
i-inshorensi, imali yomhlala-phantsi, iindleko zolonwabo njalo, njalo.
Luyintoni
uqingqo-mali"
Luluhlu oluqingqiweyo lomvuzo
nenkcitho-mali.
Kuzo zonk' izinto ozifunayo, zingaphi ezona ziyimfuneko kuwe kwezi"
Ilungele abantwana abanemi-nyaka
esi-8-14
Xa ukwazi ukuzilawula ungayonga imali kuloo ntwana unayo ukuze uzithengel' izinto ozithandayo!
Yongel' iimini zikaxakeka
Kufuneka sonke sizame ukong' imali kuloo ntwana siyifumanayo ukuze sikwazi ukwenza eziny' izinto - ezifana nokuzikhupha, ukutheng' izipho, iiCD -
kwanokulungiselela nantoni na enokuthi gqi ingabhungisanga - njengokunethwa yimvula ungenayo i-ambrela okanye idyasi yokuzikhusela!
Qalisa ngoku ukonga! Iibhanki ezininzi zineemveliso eziliqela ezilungiselelwe ukong' imali ingakumbi kubantu abaselula.
Yiya ebhanki ekufuphi nawe uzivulele i-akhawunti.
Siphisa ngeekopi ezi-5 zeMaths Formulas Pocket Book entsha.
Thumel' iinkcukacha zakho kule dilesi:
Maths Giveaway
Maskew Miller Longman
PO Box 396
Cape Town
8000
Ungalibali ukubhal' igama lakho, idilesi, inombolo yomnxeba kunye negama lesikolo sakho.
BONA XHOSA - October 2006
Isipho!
