xhosa.357.survey
UKWABELANA ngesondo kuyaphucuka ngokuya ukhula! Le ngxelo ivele kwi-56 phesenti yamabhinqa akuma-40 eminyaka abethabath' inxaxheba kuphando lwesondo olwenziwe kutshanje. Athi wona ayalonwabela isondo qho.
I-Female Nation Survey ekhutshwe yiWomen24 ibijoliswe kumabhinqa akwi-15 nama-65 eminyaka yaye iveze eziny' iinkcukacha ezinik' umdla...
Uninzi lwamabhinqa athabathe inxaxheba kolu phando athe alonwabela qho isondo.
Ngaphandle kokuba amabhinqa akuma-40 eminyaka elonwabela isondo, kuvele nokuba ukuba nomntwana kwenza amabhinqa alonwabele isondo. Phantse i-90 phesenti yamabhinqa anabantwana abangaphantsi konyaka bezelwe athi alonwabela qho isondo.
Amabhinqa alala namany' amabhinqa abelana ngesondo izihlandlo ezimbalwa kunamabhinqa athandana namadoda kodwa i-90 phesenti yawo ithi iyalonwabela kakhulu isondo.
Ngumyinge weephesenti ezine amabhinqa athi enza ngathi afikelele kuvutho-ndaba lwesondo ukanti phantse isiqingatha sawo sithi asizange sadlalis' amalungu aso angasese.
Isithandathu ekhulwini samabhinqa athe azange abelane ngesondo kunyaka ophelileyo.
Isiqingatha sala mabhinqa athe akatshayi ukanti isihlanu sawo sithe asibuseli utywala.
Kuvele ukuba i-13 phesenti yamabhinqa eli ineengxaki zokutya - atya kakhulu okanye angatyi tu. Ngokophando lweWomen24 amabhinqa antsundu aba neengxaki zokutya kakhulu ukanti awamaKhaladi awabinazo kangako.
Isibini kwisithathu samabhinqa axhalatyiswa yimali ukanti i-64 phesenti yona ithi ifumana imivuzo ephantsi. Isithathu sekota sinamatyala yaye i-70 phesenti ithi ayiwongeli ngokwaneleyo umhlala-phantsi.
Angaphaya kwesihlanu ekhulwini amabhinqa athe ukong' imali kuyimfihlo yawo yaye isiqingatha samabhinqa angaphangeliyo athe anemali ayongayo eyimfihlo... [x]
Iimfihlo zamabhinqa
Amabhinqa eloMzantsi Afrika aveza amahlebo awo ngesondo
BONA XHOSA - June 2007
Amabhinqa eli nesondo
