XHOSA.341.sisarahjul
BONA XHOSA - July 2006
Ndingamxolela njani
umyeni wam"
Umyeni wam wohlukana nomkakhe ngo-1992, watshata nam ngo-1994. Wayenomntwana omondlayo kuloo mtshato. Ngo-2003 wathandana nebhinqa elalindicaphukela.
Andikwazi ukumxolela ngaloo nto. Andisenamdla tu kuye emva kokwenza nzima loo ntombi.
Uyazisola yena ngokwenza loo nto yaye uzama kangangoko ukundonelisa qha andikwazi kumxolela. Ndingamxolela njani" Ndiyambona uyandithanda.
nguNTK, eKapa
nHayi ntombi, usengxakini. Kunzima ukuxolela nokulibala kwimeko enje - ingakumbi xa ingumyeni wakho ekufuneka umxolele. Okona kwenza ingxaki yakho ibenzima kukuba akusamthandi.
Kuza kufuneka wenze isigqibo sokuba ufun' ukuyiphosa kwelokulibala na iminyaka eli-12 edlulileyo, okanye uza kuzama ukulungisa ingxaki yakho uze uqhubeke nobomi.
Nangona ukubuza ukuba ungamxolela njani kuba umbona yena ukuba usakuthanda, kuyacaca ukuba uzama ukuwubuyisel' ekhondweni lo mtshato.
Xa ndijonga intlungu osewugqithe kuyo, ndibona wena nomyeni wakho nifanele niye kubonana nomcebisi wabatshati. Ungalindeli ukuba ingxaki yakho iza kuphela ngokukhawuleza. Le ingaba yinkqubo ende kodwa eza kukuvuza.
Ndikruqukile nguye
Ndineminyaka engama-41 kwaye ndithandana nendoda enama-42. Siceba ukutshata kungekudala, kodwa andiziva ndimthandela ukutshata naye. Ndiyamkhumbula xa engekho phambi kwam, kodwa uyandikruqula xa sendihleli naye. Amaxesh'amaninzi andikuthandi ukulala naye. Nditshate naye bethu" Andifuni nokohlukana naye kuba uyindoda elungileyo. Ndithini"
Ibhinqa elikhathazekileyo, eLanseria
nUvakala ubhidekile kwaye uzicingela wedwa. Okokuqala, andiboni ukuba ufanele utshate okwangoku. Uyatsho ukuba le ndoda awuyithandeli ukuba ungayitshata, uyakruquka yiyo xa uhleli nayo yaye awukuthandi nokulala nayo.
Kwawena futhi uphinde uthi iyindoda elungileyo yaye awufuni kuphulukana nayo.
Ngamany' amazwi, uyaqonda ukuba unendoda elungileyo kodwa awufuni kuzibophelela kuyo.
Umtshato ufuna ukuzinikela ngokupheleleyo endodeni nomfazi, bathandane ngokungazenzisiyo... kwaye ungabhideki luthando lwakho lweqabane lakho. Wena ke awunayo nanye kwezo zinto.
Udlala nje ngale ndoda de ufumane indoda oyifunayo. Imbi ke into oyenzayo. Lixesha lokuba utyhile isifuba sakho kule ndoda. Oko kuya kuninceda nobabini.
Ngaba uyandithanda"
Ndilibhinqa elinama-33 eliqhawule umtshato. Ndincuma nendoda enama-38 yaye sineminyak' emihlanu sithandana. Le ndoda ayitshatanga kwaye ngokutsho kwayo ayizange yatshata kwaye ayinabo nabantwana. Ihlala nosapho lwakowayo yaye indivumela ukuba ndiyityelele ebusuku kuphela ndiphinde ndihambe ngomnyama.
Isuka ibe nomsindo xa ndithetha nayo ngothando lwethu. Iyandenzela zonke izinto endizifunayo, kodwa ngaba iyiyo into eyenza kum"
Ukundenzela kwayo yonk' into akuthethi kuthi mandithule xa ndingoneliseki.
Kukho nebhinqa ehlala nalo ethi liyayivasela. Kwakhona ayifuni ndibuze imibuzo ngeli bhinqa. Ndiyakrokra ukuba kukho into eyifihlayo. Iyandithanda le ndoda"
nguMAT, eBloemfontein
nKungenzeka ukuba iyakuthanda... kwaye ikwanomnye umntu ethandana naye. Emva kweminyak' emihlanu nithandana ufanele wazi ukuba ikufihlela ntoni.
Ukwenza loo nto kuyacacisa ukuba kukho into okanye umntu ekufihlela yena.
Umntu ongangawe akanakuba nothando olunjalo afihlwayo ngokungathi uyabiwa, uze uyibone indoda oyithandayo xa kuthanda yona.
Thetha nayo ngalo mbandela ukuze niwulungise ngokukhawuleza.
Akandonelisi ebhedini
Ndilibhinqa elinama-42 elithandana nendoda enama-44. Ndiyayithanda gqitha kodwa inengxaki kodwa ayifuni kuya kugqirha. Ayivukelwa ngokupheleleyo kwaye ikhupha into enuka kakubi enombala ongaqhelekanga. Xa sisenza isondo andoneliseki. Ndithini" Ndiyayithanda yona le ndoda kodwa andifuni kunganyaniseki kuyo.
nguMBP, eRustenburg
nAsikho isizathu sokunganyaniseki endodeni yakho. Zimbini iingxaki endizibonayo apha. Eyokuqala, eyempilo ifuna ugqirha kuphela. Kubalulekile ukuba le ndoda ifumane unyango msinyane!
Okwesibini, awoneliseki ngokwesondo. Kungenzeka ukuba ingxaki yayo yempilo yiyo ekwenza ungabi namdla kwisondo uze ungalonwabeli. Kufuneka nobabini nizame ukuba nilonwabele ngokulinganayo isondo. Yixelele le ndoda ukuba yenze ntoni ukuze ube nomdla. Xa ingavukelwa ngokupheleleyo yijongeni ukuba ngaba loo nto ibangelwa yile ngxaki yayo yempilo na.
Ndingakhulelwa kwakhona"
Ndingumama wabantwana ababini onama-31 eminyaka. Indoda endithandana nayo iyabathanda kakhulu abantwana bam, ayinabantwana kwaye ifuna sibe nowethu umntwana. Ndiye ndakhulelwa nyakenye saza saphuma ngelishwa. Ngo-2003 ndasikhupha isisu ndingathandi ngenxa yendoda endandithandana nayo eyayindibetha kwaye ndandingafuni kuba namntwana.
Into endikhathazayo kukuba ndithe xa ndiphunyelwa sisisu nyakenye ndacing' ukuba kungenxa yesaa sisu ndasikhuphayo. Ndifun' ukwazi ukuba ngaba ndingaphinda ndikhulelwe na"
nguNP, eJohannesburg
nAndikwazi ukukunik' ingcebiso yezempilo kodwa ugqirha angakunceda xa usiya kuye umxelele yonk' ingxaki yakho.
Zininzi izinto ezikhokelela ekuphunyelweni sisisu. Ukukhulelwa kwakho emva kokuba ukhuphe isisu luphawu oluhle olo. Amabhinqa amaninzi ayazikhuph' izisu kodwa aphinde akhulelwe.
Yiya kugqirha ufuman' uncedo.
Yeka ukuzivisa ubuhlungu
Ndinama-26 yaye ndithandene iminyaka emine nendoda enama-27. Andizange ndayithanda le ndoda koko bendisenzela yona kuba indithanda. Sinabantwana ababini kwaye kum kube yinto ebuhlungu kakhulu ukuzala abantwana bendoda endingayithandiyo. Kodwa ndazixolisa ngelithi uThixo unaso isizathu sokundidibanisa nale ndoda.
Nyakenye icele umtshato le ndoda kwaye ndiye ndavuma ngenxa yokucingela abantwana bam kwanabazali ukuba baza kuthini xa ndisala. Kube kubi kakhulu emva kokuba sitshatile. Andiyithandi tu le ndoda kwaye ndanele kukuzihlalisa kakubi. Xa ndinayo andiziva ngathi ndihleli nendoda kwaye ndenza izinto kuba ndicingela yona. Ndingaphuma njani kule meko" Ndoyika abazali bam kodwa ndicingela nekamva labantwana bam. Ndicel' uncedo!
nguFW, eMpumalanga
nNguwe qha umntu ongayiphelisa le ntlungu ozivisa yona. Ayikho eny' indlela ongenza ngayo ngaphandle kokuvisa le ndoda ubuhlungu, abazali bakho nabantwana. Baxelel' inyaniso. Uqhubekela ntoni nokutshata indoda ongayithandiyo" Kungokuba ikuthanda le ndoda, ngenxa yabantwana nangenxa yokoyika abazali bakho. Buyis' ubomi bakho kodwa wazi ukuba kungenzeka ukuba usapho lwakho lukukhalale ngeso senzo.
Kuza kubanzima ukuba abantu bakukholwe xa usithi yonke le minyaka ubungayithandi le ndoda koko ubuyicingela. Bachazele ukuba yonke loo nto uyenze kuba ufuna ukwanelisa umyeni wakho nabazali bakho kwaye ubukholelwa ekubeni ubusenza intando kaThixo. Ngoku kufike ixesha lokuba wenze into eyonwabisa wena.
Indoda enothando
Ndinama-22 eminyaka, ndithandana nendoda enama-25 eminyaka, sineenyanga ezine sithandana kwaye ihlala nenye intombi. Banexesha bethandana kodwa ayindixeleli le ndoda ukuba banexesha elingakanani na. Yandixelela iqal' ukundibona ukuba inomntu ehlalisana naye ndaza andavuma ke mna ukuthandana nomntu onomntu wakhe. Yandixelela ukuba ukuhlalisana kwabo akuthethi kuthi batshatile.
Akahambi nam esidlangalaleni kodwa le enye intombi uyahamba nayo... phambi kwam! Lincinci kakhulu ixesha esilichitha kunye nale ndoda kodwa iyandonelisa kwaye ndiyayithanda. Ndithini"
nguNM, eKapa
nUmntu ohlalisana neny' intombi nongafuni kubonwa ehamba nawe ungathi yindoda othandana nayo leyo" Ungayincoma ngokukwanelisa kwayo ngothando kodwa idlala ngawe. Iyakuqhitsa kwaye iyazi ukuba ikuqhitse njani ukuze ungaboni - iyakusebenzisa. Wawungaphazami ngokuyixelela ukuba awunakuthandana nayo kuba ihlalisana - ngokuthandana nayo, waphazama. Yilahle! [x]
Buza uSis Sarah
Qaphelani: USis Sarah akakwazi ukunicebisa ngeengxaki zempilo. Xa unengxaki yempilo efun' unyango yiya kucel' uncedo eklinikhi okanye kugqirha.
BONA XHOSA - July 2006
Ngaba unengxaki yendibano yesondo, eyothando, okanye ngxaki yimbi ebomini" Yibhale uyithumele kum Sis Sarah, ndiza kuzama ukukucebisa indlela yokuyisombulula. Ngelishwa andinakukuce-
bisa ngokukubhalela wena ngqo, kubhetele impendulo uyijonge kula makhasi.
Khumbula, xa uyivula intliziyo yakho, ndikholo ukukunceda!
Idilesi yam ithi:
Sis Sarah,
Box 32083,
Mobeni 4060
