xhosa.332.khaye
Sikhusela
IZITRATO ZETHU
Amabhinqa akhaliphileyo alwa ulwaphulo-mthetho exhobe ngeentonga, iintonga zebaseball, iintonga zegalufa neemvubu kuphela...
Ibali libhalwe nguBrenda Nkuna
BONA XHOSA June 2008
ULWAPHULO-MTHETHO 3
UBUSUKU bangoLwesi-hlanu nobangoMgqibelo ngamaxesha olonwabo eKhayelitsha. Kodwa olu lonwabo lubangela ukwanda kolwaphulo-mthetho, zize nezikrelemnqa zifumane ithuba lokuhlasela abantu abanxilileyo.
Kodwa lo uLwesihlanu wahlukile, kusezinzulwini zobusuku eKhayelitsha eHarare Section kodwa ndiziva ndikhuselekile.
Oko kungenxa yamabhinqa angama-60 aphakathi kweminyaka eli-17 nama-60 ubudala, kunye namadoda angama-30 aliqela elibizwa ngokuba yiMbizo elizinikeleyo ekuqinisekiseni ukuba iHarare yindawo ekhuseleko nenoxolo.
Ngobu busuku baqale ngentsimbi yesi-8 kwikhonteyina ekuyeyona ofisi yeMbizo. Ayinawo mbane okanye amanzi, kukho nje iikreyiti, izitena neetoti zepeyinti ezindala.
Kodwa nangona kunjalo akukho mntu ukhalazayo. Unobhala weMbizo, uNonkoliseko Mcaleli (35) ukhuphe incwadi yokubhala abakhoyo nabangekhoyo ekhanyiselwe ngamakhandlela amane.
Kanye ngelo thuba kungena umnxeba othi kukho uphango olukufuphi apho ngoko onke amadoda makaye kujonga.
Athe akuhamb' amadoda aqal' incoko amanenekazi kwabe sele kuhlekwa intsini.
Abanye bathetha ngokuba kutheni bencame ubuthongo nje ukuze babeyinxalenye yeMbizo.
"Siyalithanda eli phulo," utsho uNomsa Mthiwekhala oneminyaka engama-68 ubudala waza wanqwala wonk' umntu evumelana naye.
Uthi baqinisekisa ukuba zonke izirhoxo ziyavala ngentsimbi yesi-7 ebusuku ukuze kukhuseleke zize "nezikrelemnqa" zimke.
Iipati emakhaya nomculo ophezulu nazo azivunyelwa emva kwentsimbi yesi-7 kwaye amabhinqa eMbizo ayawakhapha amabhinqa asuka ezirenkini zeeteksi ukuya emakhaya ukuze angahlaselwa.
UMthiwekhala uthi ngamanye amaxesha badibana nabantu abakrwada, kodwa abaxakwa nto kuba bayathetha nabo okanye xa imeko ibongamela, "babaluleke" ngokubabetha ngeemvubu neentswazi.
Umphathi-sitishi samapolisa saseHarare, uRodger Rikhotso uthi ulwaphulo-mthetho luhle ngendlela engaqhelekanga emva kokusekwa kweMbizo.
KUBONAKALA ngathi intsebenzo yabo ingqinelwa nangamanani asemthethweni amapolisa. Iziganeko zolwaphulo-mthetho ezixelwe emapoliseni eKhayelitsha ukusukela ngo-Aprili ukuya kuSeptemba 2002 zingama-7 835.
Kwangelo xesha ngo-2007 zehla zaya kuma-3 308, zisehla ngama-57,8%.
Noxa nakwezinye iindawo ezikufutshane lunciphile ulwaphulo-mthetho, eKhayelitsha umahluko mkhulu kakhulu.
Phakathi kuka-2002 no-2007 ulwaphulo-mthetho lwehla ngama-37,5% eGugulethu ekwakufuphi nalapho, kodwa lwehla ngama-27,3% kuphela eNyanga.
Xa uthelekisa le mizekelo liyabonakala ifuthe leMbizo, ingakumbi kuba bagada indawana encinci eKhayelitsha.
Kodwa ke ngaphandle kwempumelelo yabo, ingaba bona abakuthandi ukuhlala neentsapho zabo endaweni yokuzula ezitratweni ebusuku kubanda?
"Ndiyalithanda eli phulo kwaye ndililungele kuba ndomelele," utshilo ehleka uMthiwekhala.
"Abantwana bam bayakhathaza, kungcono kwale ndikuyo into. Ndiyayonwabela," wongeze watsho omnye.
Kodwa noxa lizinikele eli qela liyayidinga inkxaso. Amalungu akanazithotshi, izikhonxi, iidyasi zemvula nezengqele, ukanti ebusika abo baneengxaki zentliziyo okanye isifo seswekile kubanzima kubo ukuphuma ebusuku kwimo-zulu emanzi nenomoya. Ngaphezulu amalungu amaninzi akasebenzi, ngoko akanako ukuziphathela ukutya okanye ukuthenga i-airtime ukuze afowunele amadoda eMbizo okanye amapolisa xa esengxakini.
Kodwa la mabhinqa akatyhafiswa yiloo nto. Axhobe ngeentonga, iintonga zebaseball, ezegalufa neemvubu. Athi cwaka ayek' ukuhleka nokuqhula xa ezula-zula aphulaphule, akhangele nantoni na engaqhelekanga.
Esiphambukeni sendlela adibene nendoda esele iqinile enxilileyo ayibuza ukuba iyaphi na.
Ngenxa yokunxila ayikwazanga nokuphendula, aza ke akhangela ukuba ayinazixhobo iziphetheyo na, emva koko aqinisekisa ukuba ifika emzini wayo ikhuselekile.
Emva kwexesha nje elingephi siphinde sadibana nesibini esiselula sihamba sisela iSavannah neBlack Label.Elinye lamabhinqa lababuze ukuba bahlala phi na. Balinika idilesi yabo baza bathi bayagoduka. Nabo kukhangelwe ukuba abaxhobanga na.
Kusanda kubetha intsimbi ye-12 ebusuku kwaye ndidiniwe, kodwa la mabhinqa asadlamkile kwaye azimisele ukuzula-zula de kube yintsimbi ye-4 kusasa.
Ndithe xa kufika ixesha lokuba ndihambe ndacinga ngethamsanqa endibe nalo lokufumana ithuba lokuhlala nala magorhakazi, abeka ubomi bawo esichengeni, ukuze akhusele abanye abantu nendlela ebonakalisa ngayo ububi bemeko yeli apho abahlali abangahlawulwayo bencama ixesha labo neentsapho zabo ngeenzame zokulungisa eli lizwe ligutyungelwe bubundlobongela. [x]
BONA XHOSA June 2008
Amabhinqa angamalungu eMbizo engumbutho ogada izitrato zaseKhayelitsha eHarare Section ebusuku ukuqinisekisa ukuba zikhuselekile.
u
t
Bexhobe nje ngeentonga nangeemvubu, amabhinqa angamalungu eMbizo eKhayelitsha eHarare Section bakwazile ukunciphisa ulwaphulo-mthetho kulo mmandla.
BONA XHOSA June 2008
LUYANCIPHA
Ngokwengxelo zolwaphulo-mthetho zendawo, kunciphe kakhulu ukubulawa kwabantu, zisuka kwiziganeko ezingama-238 ku-2002 zaya kuma-84 ngo-2007; ukubethwa kwabantu ngokungenalusini ngenjongo zokubalimaza kwehla kusuka kwi-1 221 kwaya kuma-281; ukumoshwa nokutshabalalisa izakhiwo kusuka kuma-466 ukuya kwi-184; kunye nophango lusuka kuma-443 ngoku li- 100 kwiziganeko ezinezimangalo.
