xhosa.321.nhlanhla
UNhlanhla Nciza ucula yedwa
BONA XHOSA - October 2007
UKUXAKEKA kukaNhlanhla Nciza ngumculo weMafikizolo kwamenza waphoswa ngamaxesh' abalulekileyo ekukhuleni kwentombi yakhe. Oko kumenze wazimisela nangakumbi ukumenzela ingomso elixabisa izigidi zeerandi uZinathi.
"Ndifuna afumane onk' amathuba andiphosayo mna," utsho.
Umyeni kaNhlanhla uyingqonyela yenkampani yaseJoburg eshicilela amacwecwe, ukanti yena uqale inkampani ekuthiwa yiNN Vintage elawula ukucula kwakhe neempahla zokunxiba nezihombo azivelisayo.
"Ndakhulela eKagiso usapho lwasekhaya lungenazo iimpiko zokundicwangcisela umsebenzi endiza kuwenza. Ndandililwela naliphi na ithuba elivelayo.
"Ayizange iyifumane lula impumelelo iMafikizolo kwaye aqale ukuthengwa kakhulu amacwecwe ethu ngo-2002 kwicwecwe lethu lesine. Izifundo esizifumeneyo ngelo xesha zindenze ndazimisel' ukubulawul' ubomi bam.
"Andizange ndimve uZinathi xa efunda ukuthetha, kanti andizange ndimbone xa esusa unyawo okokuqala kuba ndandicula kwiindawo ngeendawo neMafikizolo. Phofu ndimenzela ingomso eliya kumnik' ithuba lokukhetha ukuba ufuna ukwenza wuphi umsebenzi. Uza kubanayo yonk' into ayifunayo kuloo msebenzi awukhethileyo, nokuba ngowoshishino, ubugqwetha, ubugqirha okanye owezolonwabo."
Sincokole naye enxibe isinxibo sofele ethwele nekepsi yofele. Xa uthetha naye uyabona ukuba ngenene uzimisele ukuwazalisekisa amaphupha akhe.
Zazingekabikho iinkqubo zeePop Stars kwiTV xa wayesengumfundi engenela ukhuphiswano lokuvumbulul' italente yokucula. Emva kokuba iMafikizolo ifumene isivumelwano sokushicilela kwaKalawa Records ngo-1997 yayingadumanga njengeBongo Maffin nayo eyayishicilela kule nkampani.
UNhlanhla wehlelwa yingozi yemoto wahamba ngesitulo esinamavili unyaka wonke kodwa wachacha waza washicilel' icwecwe elithi Siyabonga eyaqala ukuduma ngalo iMafikizolo ngo-2002.
"Kwenzeka ngexesh' elihle kum ukusuka ekuthengiseni amacwecwe angama-30 000 uye kuthengisa amacwecwe angaphaya kwama-300 000. Akuzange kundiguqule ukufunwa ngapha nangapha ngamajelo eendaba. NdasendinoTK ngoko kwaye ndaqala ukufunda ukusebenza kweshishini lokushicilela amacwecwe."
Kaloku uTK Nciza noSbu Leope ngabanini beTS Records, kwaye uNhlanhla waqal' ukubhal' iingoma neemvumi ezinjengoNtando, wafunda ukucwangcisa iifoto zeekhava zamacwecwe eMafikizolo athengwe kakhulu nabenze bafuman' iimbasa eziliqela zeMetro FM nezeeSAMA ngo-2005/6.
"Ndiziva ndisekhaya kuba iimvumi zakwaTS zifana nosapho lwasekhaya," utshilo.
Ukuqalisa olwakhe usapho yinto eyenziwa ngokwezicwangciso zeshishini. Wakhulelwa ngo-2003, waza washicilela icwecwe elithi Kwela ngaphambi kokuba athathe ikhefu lokuyobeleka.
Elo cwecwe lathengisa phantse iikopi ezingama-400 000 kwaye waphoswa kukudlala indawo yegqalakazi laseSophiatown uDorothy Masuku kwiDrum.
"Kukukhulelwa okwenza ndangadlali kuloo filim kwaye ndaba buhlungu. Nangona ndingenaminqweno yokuba ngumlinganiswa weefilim ndiyayithanda ifashoni yamaxesha eSophiatown ukanti nam ndizek' emzekweni weemvumikazi ezifana noDorothy noMiriam Makeba."
Impahla eyilwe nguNhlanhla iza kubonwa okokuqala kwividiyo yengoma yakhe ethi Ulieame (Ivili liyajikeleza) eza kuphuma ngoSeptemba. Le vidiyo iza kufotelwa elokishini.
"Mna ndikholwa kukuba umtsalane ebhinqeni wenziwa kukubonakalisa ukuzithemba kwalo, awenziwa kukuveza umzimba. IMafikizolo ithengise amacwecwe angaphezulu kwesigidi kodwa andizange ndanxib' izkeyiti ezifutshane okanye ndavez' amabele.
"Impahla endiyithungele ukuyinxiba xa nditshila ndedwa eqongeni ndiyenze yanomtsalane. Amabhinqa angayinxiba azive emahle kwaye ezithembile."
Ukuqala kukaNhlanhla ukuba nefashoni eyilwe nguye kuphenjelelwa yinkolelo anayo ukuba amabhinqa akwezolonwabo afanele azilawule emsebenzini wawo.
"Ayanda ngoku amabhinqa azimeleyo. Kaloku nawo ngoku athetha kuvakale kurhulumente, kwezoshishino nakumajelo eendaba.
"Xa sasiqala ukushicilela iingoma neMafikizolo kwiminyaka elishumi edlulileyo, iimvumikazi zazidanisa zisonwabisa amanxila omculo nje, kungamadoda aculayo ikakhulu. Ngoku ndiza kucula ndedwa ndinelizwi kwindlela endifuna uthengiswe ngayo umculo wam. Andizukuvuma inkolelo endala yokuba umtsalane wesondo ngowona uthengisa umculo weemvumikazi. Ayikho loo nto. Qha abathandi bomculo basoloko befun' into entsha.
"Intombi yam ke andifuni ize ifumane loo mpatho, nokuba ikhethe wuphi na umsebenzi." [x]
Imvumikazi yomculo weAfro-pop yaseKagiso ithengise ngaphezulu kwesigidi samacwecwe ililungu leMafikizolo kule minyaka mihlanu idlulileyo. Ngoku icula yodwa kwaye izibambele ngokwayo nakwishishini layo...
BONA XHOSA - October 2007
nguDOUG GORDON
