xhosa.312.pyramid
BONA - August 2007
Ungavumi ukulukuhlwa ngoo-"push-push"
Sithetha ngemali
OKUKHONA ufuna inzuzo enkulu kutyalo-mali kokukhona esanda namathuba okuba sengozini yokurhwaphilizwa kwemali yakho. Kodwa ezinye iinkonzo zotyalo-mali zinobuqhetseba kangangokuba azikho mthethweni.
Le asiyombono yeBONA kuphela, ikwayimbono karhulumente ozama ukuziphelisa. Ezona zinobuqhetseba obuqatseleyo ngoo-"push-push" abaqalwa ngabantu abambalwa abagqibela bemfimfithe imali yesininzi. Batsalela kulo mgibe abantu abanethemba lokwenza inzuzo ngemali abayisebenzele nzima baze babalahle kwesinomhlwa, ihambe namanzi imali yabo.
Bayaphumelela ekwenzeni oku kurhwaphiliza kuba bajolise kakhulu ebantwini abangenalwazi lungako njengabantu abasokolayo nabantu abamkela inkam-nkam. IBONA yapapasha uphando lwayo lwaba barhwaphilizi kwiminyaka emihlanu edlulileyo.
Abanye babo yayingabeMiracle 2000 nababetye nemali yabantu abahlonitshiweyo njengoMfundisi Kenneth Meshoe. Ngoku amapolisa ephondo laseGauteng alumkisa abantu ngoo-"push-push" kwaye aphanda iinkampani ezili-17 ezaziwa ngokurhwaphiliza abantu ngokungenalusini intywenka yemali ethelekelelwa kwi-R15 lezigidi. Ezo nkampani ziquka iYoung Stars, iSilverton Assets neEagle Forex.
Akakho umntu onqwenela ukuzibona elahlekelwa ngendlela engaqondakaliyo kodwa ngenxa yokuhendeka nokuswela akakho oyicingayo enye into xa ethenjiswa ngegolide, wonk' umntu uzibona ewelwa ngumq' esandleni. Kufanele abantu bawulumkele lo mgibe, bawazi umahluko kuba urhulumente unazo iinkonzo zotyalo-mali njengeStokfela ukuqinisekisa ukuba imali yabantu ikhuselekile. Oo-"push-push" ke bona bahlohl' esabo kube kungekho nemithetho ebalawulayo.
Nangona bengekho mthethweni ngaphantsi kweUnfair Business Practices Act, kodwa basengavela kwakhona kuba lo mthetho awubakhuseli ngokwaneleyo abathengi kwaye oko kuvunyiwe nanguSipho Tlaene ongumlawuli wezomthetho kwiSebe loShishino noRhwebo.
"Lo mthetho usivumela ukuba sithabathe amanyathelo xa kukho isikhalazo esifakwe ngumntu. Phofu ke ngoku sinomthetho omtsha ozayo ekuthiwa yiConsumer Protection Act oza kusenza singalindi izikhalazo phambi kokuba sithabathe amanyathelo. Sizokwenza ngokusemandleni ethu ukukhusela amaxhoba de ubekwe ngokusesikweni lo mthetho mtsha ngoJuni wonyaka ozayo. Kodwa okwangoku siza kuqhubeka nokukhuthaza abatshutshisi ukuba baqhubeke nokuchophela amatyala ethu. [x]
Ayizizo zonke iindawo zotyalo-mali eziyizalisayo imali yakho - ezinye ziyayirhwaphiliza. Nantsi indlela yokubona ezinorhwaphilizo. . .
Indlela yokubona oo-"push-push"
Nazi iindlela eziqhelekileyo zokukuhendela ku-"push-push" ngokutsho kweBhanki enguVimba yeli:
n Bakucenga ngendlela ekwenza ungabinako ukuthi "hayi".
n Bakhawuleza bakusayinise ukuze ungafumani thuba lakuyincokola komnye umntu.
n Benza iintlanganiso ezibubuncwane apho abakhe "bazuza" babalisa into abayifunziweyo ngokuzuza kwabo.
n Bakugrogrisa ngokuthi amathuba anje ambalwa kuba befuna usayine.
n Bakuxelela ukuba uza kufumana inzuzo enkulu - ongenako ukuyifumana kwiibhanki ezinkulu, namanye amashishini otyalo-mali.
Ukuze ufumane ukuba inkampani ethile yotyalo-mali isemthethweni na, tsalela umnxeba kwiFinancial Services Board ku-0800-110-443.
Ukuxela oo-"push-push" abarhanelekayo, tsalela umnxeba iDTI
ku-0861-843843
BONA XHOSA - August 2007
kubhale uPATRICIA McCRACKEN
