xhosa.307.tiny (2)
BONA - August 2005
Iintsana ezincinci
Xa usana lwakho luluncinane ngesiqu kunokufanelekileyo, kufuneka ulunonophele ngokukodwa
kubhale uPRIMROSE WILLIAMS
ifoto yeyakwaGREAT STOCK!
LUNOBUNZIMA obungakanani usana lwakho" Lo ngumbuzo wokuqala odla ngobuzwa kubadlezana bakutsho isini sosana abaluzeleyo. Kukho inkolelo exhaphakileyo yokuba usana olukhulu lusana oluphilileyo.
Ubunzima bosana
Ubunzima oluzelwe nabo usana bubalulekile kwisiqalo sobomi balo. Iintsana ezizalwe ngexesha lazo (ezingazalwanga ngaphambi kwexesha) kodwa ezingakhuli ngendlela efanelekileyo yaye zinobunzima obungaphantsi kwe-2,27kg obamkelekileyo kwihlabathi zibekwa kwicandelo leentsana ezizelwe zinobunzima obuphantsi nto leyo inobungozi kunjalonje ingazibulala nokuzibulala.
Kutheni luluncinci kangaka usana lwam"
Nangona eziny' iintsana zifuze abazali ngobuncinane uninzi lwazo zenziwa ziingxaki zokukhula kweentsana. Ezi ngxaki zivela xa usana lungafumani izondlo ne-oksijini efunekayo ukuze zikhule kakuhle.
Eziny' izinto ezichaphazela ubunzima bosana ziingxaki zempilo obanazo ngaphambi kokukhulelwa naxa ukhulelwe.
Unobangela wokuzal' usana oluncinci
Umdlezana
n Ihayi-hayi, isifo sezintso, isifo seswekile esondeleyo neengxaki zemiphunga.
n Ubuhlwempu: ukungatyi ukutya okunempilo.
n Ukubhitya kakhulu ngaphambi kokukhulelwa naxa ukhulelwe.
n Ukuphatheka gadalala okanye udushe lwasekhaya.
n Uxinzelelo.
n Ukudinwa okanye ukungaphumli.
n Ukuhlanza kakhulu.
n Usuleleko xa ukhulelwe.
n Ubudala: amabhinqa ane-19 nangaphezulu kwama-40 eminyaka ubudala adla ngokuba neentsana ezinobunzima obuncinci.
n Ukwelamisa msinyane.
n Ukutshaya, utywala nokuty' iziyobisi.
Isizalo nesizamva
n Ukuhamba kancinci kwegazi esizalweni nakwisizamva.
n Isizamva esiphumileyo esizalweni.
n Isizamva esihleli emazantsi esizalo.
n Usuleleko kwisihlunu esijikeleze usana.
Into engekazalwa
n Ukumitha iintsana ezininzi (amawele okanye ukubeleka iintsana ezininzi).
n Usuleleko.
n Iingxaki zokubeleka.
n Imo yokubeleka - amazibulo adla ngokuba mancinane.
Bubalulekile bethu ubungakanani bosana"
Iintsana ezizelwe zinobunzima obuntama impilo zinethamsanqa kuba:
n Zibuqala kakuhle ubomi.
n Azifane zife okanye zigule kunyaka wazo wokuqala.
n Ziyasinda kwiingxaki zempilo ezingapheliyo.
n Azibinangxaki yokufunda okanye emizimbeni yazo.
n Ziyaphumelela ebomini, ziba sempilweni, ziyadlamka zibe noncedo eluntwini.
Ubunzima obuncinci butshintsha yonk' into. Usana olunobunzima obuncinci lusesichengeni sokuba neengxaki njengoko umzimba walo ungomelelanga awukwazi ukulwa nosuleleko, awukwazi ukugcina ubushushu obufunekayo, alondlekanga yaye alutyebi. Inqanaba lokufa kweentsana ezizelwe zinobunzima obuncinane liphindwe kali-12 kuneleentsana ezizelwe zinobunzima obamkelekileyo.
Iintsana ezinobunzima obuncinci azondleki, azityebi, zosuleleka lula, zisesichengeni sokuba ziingxwelerha nesokufa nokuba sele zidlulile ebusaneni. Zisakukhula ezi ntsana ziba sesichengeni sesifo seswekile, ihayi-hayi, isifo sentliziyo nesifo sokuf' icala.
Isiqalo esihle senz' umahluko
Ngethamsanqa zikho izinto ongazenza ukunqanda ukubelek' usana oluncinci.
Xilongwa ngaphambi kokukhulelwa. Kubalulekile oku kumabhinqa anezifo ezifana nombefu, iswekile, nehayi-hayi. Ukuzilawula kwangaphambi kokukhulelwa ezi zifo kunciphisa iingxaki zokukhulelwa.
Kubalulekile ukuba utye ukutya okunempilo ukuze utyebe kuba usana olungekazalwa luxhomekeke kwinto oyityayo ukuze luzalwe lunobunzima obamkelekileyo yaye lusempilweni. Yitya iivithamini nefolic acid.
Yek' ukutshaya! Iintsana ezizalwa ngoomama abatshayayo zincinane kunezo zoomama abangatshayiyo yaye nokufumana umsi wecuba kwenz' iintsana zizalwe zincinci.
Buyek' utywala neziyobisi namayeza athengwayo (kuquka namayeza esintu). Ukusel' utywala neziyobisi zenz' usana lungakhuli yaye zingenza ubeleke usan' olunengxaki.
Kubalulekile ukuba uhlukuhle yaye uxilongwe ukuze zibonwe kwangoko iingxaki zize zinyangwe.
Ukulukhulisa
Iingcali ziyavumelana ukuba ubisi lwebele lunempilo ezintsaneni ingakumbi ezizelwe zincinci zona kufuneka zincanciswe ngokukodwa kwiinyanga ezi-4 ukusa kwezi-6. Kufuneka zincanciswe de zibe neminyaka emibini ukuzikhusela kutyatyazo nakusuleleko.
Iintsana ezizelwe zincinci zibe zingakwazi nokuncanca kufuneka zifunzwe ubisi lwebele olusengwe kumdlezana. Ezi ntsana zifuna izongezi ezifana necalcium, iphosphorus, i-iron nevithamini yaye kuza kufuneka uthethane nogqirha okanye ikliniki yakho.
Iintsana ezizelwe zincinci zisesichengeni sokosuleleka zizifo ezininzi kuquka iacute respiratory infections, isifo sokungondleki notyatyazo.
Zikwasesichengeni sokuphelelwa ngamanzi emzimbeni msinyane kunezo zizelwe zinkulu. Usana oluzelwe luluncinci kufuneka luncanciswe ubisi lwebele kakhulu xa lunotyatyazo. Luse kwagqirha okanye ekliniki ngokukhawuleza xa:
n Lukhangeleka lumbatshile yaye lungaphilanga.
n Lungafuni kutya.
n Lukhangeleka ngathi lutyheli.
n Lubanda xa uluphatha.
n Luvela irhashalala.
n Luqal' ukukhohlela, umkhuhlane okanye luxhuzula.
n Luhlanza luphindelela.
n Lunxanwa kanobom.
n Luzithuma ilindle elinegazi.
n Lungabi bhetele iintsuku ezintathu.
Luthambise ngebaby oil emzimbeni. Loo nto ihlisa uxinzelelo ize inced' usana lukhule ngaphandle kwamagingxi-gingxi. [x]
BONA XHOSA - January 2006
Xa isiqu sibalulekile
u
t
BONA XHOSA - January 2006
Ungakuthintel' ukubeleka usan'oluncinci
