xhosa.303.python
IFOTO ENKULU: U-Agnes Soul ebonisa enye yezi nyoka. Apha ukunye noLynne Keogh asebenza naye.
Abona nogada abasebenzayo
Ukhe uve kuthethwa 'ngeenyoka kwinqwelo-ntaka,' ngoku kukho iinyoka efektri...
BONA XHOSA - May 2007
kubhale uFORCE KHASHANE
kufote uPAPI MORAKE
WATHI esakubona ukuba iingcango zentsimbi neefestile ezifakwe iintsimbi zokhuseleko aziwenzi umsebenzi wazo, usomashishini waseJoburg uWayne Keogh waqond' ukuba kufuneka athabathe amanyathelo aqatha ukukhusela ifektri yakhe kubaphangi.
Wathenga iinyoka ezimbini ezibizwa ngoNgwenya noSatan.
Zanwenwa iindaba zokugadwa kwale fektri ziinyoka kangangokuba iyoyikwa ngoku yaye lihlile nenqanaba lokuphangwa kwayo.
"Ndandikhathazekile kuba kwakusonakala yaye abasebenzi bethu babejongene nengozi.
"Aba bantu babengasiphangi nje kuphelele apho. Ngeny' imini balandel' umqhubi wethu xa wayebuya ebhanki de waza kufika efektri baza bafika badubula.
"Kwaphantsa kwafa abantu.Ngoku siziva sikhuselekile noko," utshilo uKeogh.
U-Agnes Soul naye uyangqina. "Yayingakhuselekanga le ndawo singekabinazo iinyoka."
Ezi nyoka zikhathalelwa nguye yaye sezibizwa ngabantwana bakhe. Kuthiwa uyalila xa kukho inyoka engaphilanga.
"Yinyaniso leyo. Ndizithanda kakhulu. Ndiyazihlola ngokuzivul' imilomo. Xa inyoka iphilile iba nomlomo opinki ngaphakathi," utshilo.
Ezi nyoka enye liduna enye lithokazi kodwa azikhwelani kuba "zizalwa yinyoka enye," kuchaza uAgnes ongowaseKhayelitsha eNtshona Koloni.
"Ukuzithenga kwethu saxelelwa ukuba zinomama omnye ngoko ziyavana."
Ziyamthanda nazo uAgnes yaye ziyawazi amagama azo.
"Xa ndizibiza ngamagama ziyaphendula," utshilo uAgnes.
Uthi uAgnes naxa zilambile ziyabonakala. "Azizoli - xa kunjalo ke ndiye ndicele umqhubi wethu ukuba athenge iimpuku evenkileni yezilwanyana."
Iinyoka azizityi izilwanyana ezifileyo. "Zifun' ukuzibulalela ngokwazo amaxhoba azo," utsho uAgnes.
Indawo ezigcinwa kuyo ezi nyoka inezibane, izikhondo zemithi nekhaphethi efudumeleyo. "Ndisoloko ndibujonga ubushushu kule ndawo ukuze ndiqinisekise ukuba akutshisi ngamandla. Izilwanyana ezinegazi elibandayo azibufuni ubushushu obumandla," utsho uAgnes.
Ngethuba ifika iBONA uAgnes ebexakekile efuna iimpuku njengoko beziphelile kwivenkile ekufuphi yezilwanyana.
UNgwenya yena ebelele kodwa uSatan yena ubesihla enyuka apho kwindawo yabo.
"Xa elambile uyacaphuka, angabi namonde. Xa uSatan evuthel' umoya okoko, avuthamelane, azisonge, olule intloko, ndiyazi ukuba ucaphukile yaye angahlasela nanini na."
Ezi nyoka ziyakhululwa zihamba-hambe efektri xa sele kuvaliwe nangeempela-veki.
Zazikade zihlanjelwa ezibhafini ezimbini ngaphandle kwefektri kodwa kwacaca ukuba loo nto ibiza abantu kuze kume izithuthi zivale indlela! [x]
Inyoka igadile.
Ulwa nokuphangwa kwefektri yakhe
Apha udlala nenye yezi nyoka.
BONA XHOSA - May 2007
