xhosa.3028.project
Amakhasi eprojekthi eBona
58 BONA XHOSA - June 2006
Wonk' ubani unephupha lento afun' ukuba yiyo xa sele ekhulile. Abanye bafun' ukuba ngoogqirha, abongikazi, amagqwetha okanye iititshala kodwa bangaphi abanamaphupha okuba ngoosomashishini"
Kolwale nyanga ushicilelo sibhala ngezoshishino - kufuneka ntoni ukuze ube neshishini, kungani abantu bekhetha ukuba ngoosomashishini kwanentetho evela kwabanye oosomashishini.
Olu lwazi lucatshulwe kuthotho lweBusiness TODAY eshicilelwa ngabakwaMaskew Miller Longman.
Uthotho lweTODAY luquka onke amabanga ukusuka kuGrade 7 ukusa kuGrade 9.
Yintoni usomashishini"
Usomashishini ngumntu oziqalel' ishishini lakhe ngokutyal' imali kwithuba loshishino aze azifake
emngciphekweni oqiqileyo.
Athetha ntoni la magama"
Umngcipheko oqiqileyo - ukuthath' ithuba kwinkqubela yombono weshishini emva kokwenz' uphando olubanzi.
Ukutyal' imali - ukufak' imali kwinto onethemba lokuba iza kukungenisel' imali eninzi.
Inkunzi - imali ekhoyo yokuqal' ishishini.
Kufuneka ntoni kusomashishini ophumelelayo"
UKUZITHEMBA
UKUKHULULEKA
UKUZIMISELA
UKUZINIKELA
UKUNGOYIKI UMNGCIPHEKO
UBUCHULE
INZONDELELO
UKUKWAZ'
UKUTHWAL'
UXANDUVA
INKOKHELI
UKONWABEL' UCELO-MNGENI
UKUTHANDA
ABANTU
UKWENZA
IINGUQU
Ummi waseMzantsi Afrika ophumelelayo!
Igorha elinguMark Shuttleworth laduma emva kokuba libe ngummi wokuqala wase-Afrika ukuya enyangeni kodwa wancedwa kukuba ngusomashishini kwiInternet ukuze afezekise iphupha lakhe lokuya enyangeni. Waba ngusozigidi ozenzeleyo ubutyebi
eneminyaka engama-26 nge-thuba wayethengisa inkampani yakhe iVeriSign ngezigidi
ezingama-575 zeedola
zaseMelika.
Ilungele abantwana abanesi-
8-14 yemi-nyaka
Kungani abantu beba ngoosomashishini"
Ingxaki enkulu eMzantsi Afrika kukunqongophala komsebenzi kway eabantu baninzi kakhulu lo gama amathuba omsebenzi embalwa.
Ngenxa yaloo nto abaqeshi baqesha abantu abanamava kuphela.
Amawaka abemi boMzantsi Afrika anamashishini anempumelelo.
Naku okutshiwo ngabanye babo:
Ubusazi na"
I-The Coca-Cola Company ya-sungulwa nguGqr John Pemberton owayesebenza ekhemisti. Waqala ukwenza umxube weCoca-Cola ewenzela eketileni enemilenze emithathu esitiyeni sakhe. Ngoku iziselo zakwaCoca-Cola ziselwa ngesantya esingaphaya kweziselo eziyibhiliyoni ngemini!
Ndandingazi ukuba ndingaphumelela! Ndiyazithemba kakhulu ngoku!
Sifumene izicelo ezingama- 273
xa besibhengeze isithuba somsebenzi kwiphepha-ndaba...
Ndisebenza ngokukhulu ukuzinikela kwaye umvuzo uza kum ngqo.
Ndifuna ukuba ngusomashishini kuba ndixakekile. Umsebenzi wam awundiniki mdla kwaye awunamali.
Siphisa ngeekopi ezi-5 zeLongman Mini English Dictionary!
Sibhalele ngamagama angadluli ekhulwini (100) ukuba ungathanda ukuzenzela njani imali.
Thumel' amangenelo akho kule dilesi:
Longman Mini Dictionary Giveaway
Maskew Miller Longman
PO Box 396, Cape Town, 8000
Khumbula ukubhala igama, idilesi nomnxeba wasemini
kunye negama lesikolo sakho xa usithumelela ingenelo
lakho.
Ukuziqalel' ishishini lam kube nzima kodwa ndifunde lukhulu.
Ndisebenza nzima kodwa inkampani iyithatha yonke imali!
Ndonwabile kuba ndim olawul' ubomi bam!
BONA XHOSA - June 2006 59
Ndapasa imatriki kwiminyaka emithathu egqithileyo. Okoko ndafun' umsebenzi andiwufumani tu.
Emva kweminyaka
ndingaphangeli ndonwabela ukuba nento endiyenzayo.
Andifundanga kuyaphi nto leyo yenza kube nzima ukuba ndifumane
umsebenzi.
Isipho!
