xhosa.3027.drumming
BONA XHOSA - December 2007
Umzukulwana kaRakgetse ebukele abantu abadala bebetha amagubu.
AMABHINQA ahla enyuka ephekel' intlombe yegqirha elihlonitshwayo laseTafelkop. Amanye acoca imifuno ayinqunqe, logama amanye ecand' iinkuni zokupheka amanye epheka ipapa nenyama ngeembiza zesintu.
La mabhinqa aphakathi kwenginginya yabantu abalinde iiyure eziliqela befuna ukubona igqirha elinguMpubane Julius Rakgetse ebhiyozela iminyaka engama-35 eligqirha loluntu.
Uluntu lwaseTafelkop eLimpopo luyaziwa ngokuba nentlombe yamagqirha yaminyaka le yokubethwa kwamagubu. Le ntlombe esele ineminyaka eli-15 isenziwa idibanisa amagqirha nabaxhentsi abavela kwiindawo ngeendawo zeli emzini walo makhwekhwetha wegqirha.
Yaqala ukwenziwa nguRakgetse emva kokuyalelwa ngombono zizinyanya zakowabo. Yenzelwa ukubhiyozela amandla akhe okudibanisa ababethi bamagubu, amagqirha nabantu.
Iintsikelelo
URakgetse wanikwa iintsikelelo zokuba ligqirha nguyise omkhulu uMotswiri Rakgetse ngaphambi kokuba asweleke ngo-1920. Wanikwa uxanduva "lokunika abantu baseTafelkop ukhokelo ngokomoya."
Ikwanguye owongamela isiko lokungeniswa kwamakhwenkwe namantombazana ebudaleni. Uqeqesha nabantu abanentwaso babe ngamagqirha ukanti nguye onceda abantu baseTafelkop kwimicimbi engokomoya.
Ithwasa elikwasisithethi sesikolo sakhe sentwaso, uPaledi Sefoloshe uthi "ukuhlala noRakgetse kufana nokuhlala ezulwini elincinane."
Ngemini yale ntlombe abantu balindela ngemincili ukubona igqirha labo elibaxhelela iinkomo ezingama-30 ngemini yentlombe.
Abantu abakhe banyangwa nguRakgetse beza nezipho eziquka iingubo, izitya zasekhitshini neenkukho bazibeke phambi komzi wakhe omkhulu.
Iqela lolutsha elikhalisa amaxilongo ekuthiwa yiREMS Immanuel Brass Band lifika lidlala ingoma evuselelayo yokholo ethi Ithemba Lami.
Abaxhentsi balandela emva kwelo qela kube kukuqalisa kwentlombe oko.
Amathwasa
Amathwasa kaRakgetse amlinda ngaphambi komnyango wendlu yakhe, abe amabhinqa etsho ngengoma emnandi ayihamishayo.
U-Eric Tsiane uthi wayeneminyaka ingamcaceli kakuhle imibono yezinyanya de wafumana uncedo lweli gqirha.
"Uyawazi umsebenzi wakhe kwaye ndiyathandabuza ukuba likho eliny' igqirha elinjengaye," utshilo.
Emva koko uyaphuma uRakgetse oyindoda eyondlekileyo endlwini yakhe enxibe ihempe ehonjiswe ngentsimbi efake intsimbi ezingalweni nasemilenzeni.
Akuphum' endlwini ulandelwa ngabazukulwana bakhe abathandathu nangamathwasa akhe.
URakgetse ufika ame phambi komnyobo weAudi Q7 SUV osisipho sakhe asiphiwe ngabantwana bakhe.
"Ndiza kuhamba nge-Q7 ethi 'mna'," ukhwaza atsho.
"Kunjalo ukuba nemali," aphendule ngokutsho amabhinqa.
Ukubethwa kwamagubu
Xa ilanga lisithi 'ndithenge' kuqala umsitho wokubethwa kwamagubu.
"Ukubeth' amagubu kusidibanisa nemimoya yezinyanya," utsho uPaledi Sefoloshe.
Amadoda anxiba imibhaco enxitywa ngamajoni aseSkotlani kwaye oko kususela kwintsebenziswano yamaPedi nala majoni kwiMfazwe yeHlabathi yesiBini. Bakhwel' eqongeni namagubu amathathu emeropa.
Amaqela amabhinqa ayaxhentsa ecula iingoma ezimnandi.
"Yonk' into yenziwa ngokwemimoya, nkqu nezinto zokuzonwabisa. Kaloku into esiyiyo nesiyenzayo ihambisana nemimoya," utsho uSefoloshe. [x]
Amabhinqa ephekel' intlombe yamagqirha.
Abantu bakowethu
Kubhiyozelwa imimoya yezinyanya
Kubhiyozelwa imimoya yezinyanya ngamagubu nomxhentso
kubhale uBENJAMIN MOSHATAMA/FEATURENET kufote uMUNTU VILAKAZI
Indoda ibopha inkomo eza kuxhelwa.
BONA XHOSA - December 2007
