xhosa.301.size
Izoluleko zikaFat Charlie
NGABA bubalulekile ubukhulu belungu lakho lobudoda" UFat Charlie akawuthatheli ngqalelo lo mbuzo. Indoda elumkileyo iyazifumanela impendulo yalo mbuzo. Kodwa eneneni amadoda amaninzi kwihlabathi liphela ayakhathazwa bubukhulu belungu lawo.
Amanye akhathazeka kangangokuba ade aphelelwe kukuzithemba. Amanye ahendwa ziintengiso eziwathembisa ngokukhulisa amalungu awo. La madoda aphulukana nemali eninzi de amanye onzakalelwe ngamalungu awo obudoda.
Kufuneka lo mbuzo siwuqwalasele yaye kufuneka sichaze imvelaphi yawo kuqala. Amakhwenkwe aqala ukuxhalaba ngobukhulu bamalungu awo angasese xa eqalis' ukuba nomdla wezesondo kwiminyaka ephaya kwi-12.
Athi lo gama edibanisa ulwazi lwawo ngesondo akhathazwe nabubungakanani bamalungu awo kwanokuba ngaba ubukhulu bawo bulungile na.
Ndikholweni mlisela nomthinjana wakuthi xa ndisithi - ubungakanani belungu lakho lobudoda abunanto yakwenza nokonwabela okanye ukwenza isondo.
UKWENZA isondo ngokukuko kukukwazi ukuvukelwa yaye wonwabise iqabane lakho ngokwesondo. Ukwenza isondo akunanto yakwenza nobungakanani belungu lobudoda - koko kuxhomekeke kwizihlunu, igazi nakwimithambo-luvo efumaneka kumalungu okuzala.
Ilungu langasese lebhinqa lijikelezwe zizihlunu. Liyanwebeka lifikelele kwi-10cm xa ibhinqa libeleka kodwa liyakwazi ukugcina ithamponi - nto leyo incinci kakhulu kunelungu lobudoda!
Ilungu langasese lebhinqa liyanwebeka okanye linciphe ukuze lilungele ilungu lobudoda.
Oogqirha bathi akho amadoda anamalungu "amancinci kakhulu".
Loo madoda analoo ngxaki abonakala eselula aze afuman' unyango kuba aba neengxaki zokuchama.
Xa ucing' ukuba unale ngxaki yiya kugqirha ngoku kodwa uyilindele into yokokuba athi ungakhathazeki kuba akukho ngxaki.
Ukanti nangona ilungu lebhinqa linwebeka liphinde linciphe, uninzi lwamabhinqa athi akalonwabeli isondo namadoda anamalungu obudoda amakhulu kanobom kuba xa sele bephakathi nomcimbi limana liphuma ilungu lobudoda xa lilikhulu yaye loo nto iyawacaphukisa amabhinqa.
Into ebhetele kukuba indoda ibe nelungu lobudoda elilingeneyo.
Ukuba sisithandwa esincomekayo kuxhomekeka kwimo okuyo ngokwasengqondweni, ukuhlonela iimfuno zeqabane lakho nokuba nothando nokwazi ukonelis' iimfuno zakho.
Zininzi iindlela ongalenza ngazo isondo ukuze ulonwabele nangakumbi.
Le ndawo inobude obuyi-10cm kwilungu langasese lebhinqa nekufuphi nomphandle womzimba yeyona ibuthathaka kakhulu.
Ubude belungu lobudoda bungaphaya kwe-10cm ngoko kulula ukufikelela kwimithambo-luvo yesondo. Ugqirha uthi: "Ubukhulu belungu lakho lobudoda buxhomekeke kwizinto ezifana nofuzo. Ngokuya ukhula xa uyinkwenkwe uba yindoda nelungu lakho lobudoda liyakhula libe lelomntu omdala.
"Uninzi lwamakhwenkwe afikisa xa ephakathi kweminyaka eli-10 ne-14 nangona amanye efikisa kuqala okanye mva kunamanye.
"Kuqala kukhule amatapile kuze kukhule izinza ziwajikeleze. Kukhula nelungu lobudoda libe lide lize lityebe. Liyeka ukukhula emva kweminyaka emine ukusa kwemithandathu emva kokuqalisa ukukhula kwamatapile."
Yinto eqhelekileyo le neyinxalenye yokukhula kodwa iyaphazamisa. "Njengoko amatapile ekhula kuqala (alandelwe kukukhula kwelungu lobudoda), uninzi lwamakhwenkwe afikisayo awayiboni loo nto aze axhalatyiswe nakukuba esithi imizimba yawo ayitshintshi kunjalonje namalungu awo obudoda mancinci.
"Xa ubona amanye amakhwenkwe ofunda nawo efikisa ube wena usele ngasemva abe namalungu abo obudoda emakhulu uyakhathazeka!"
Kaloku xa ubona ilungu lobudoda elingavukelwanga awunakutsho ukuba lingakanani na xa sele livukelwe.
Ilungu lobudoda elincinci lingakhula ngokuphindwe kahlanu ubude lize likhule ngokuphindwe kabini ngobukhulu ukanti ilungu elikhulu likhula kancinci xa lizele igazi sele livukelwe.
Awukwazi ukububona ubukhulu belungu lakho lobudoda ngokulijonga nje kuba likhangeleka lilincinci nkqu naxa sele livukelwe.
LUMKELA ukulinganisa ilungu lakho lobudoda. Oogqirha bayaphikisana ngohlobo emalilinganiswe ngalo.
Abanye bathi kufuneka lilinganiswe xa livukelwe kodwa kunzima ukwenza ngolo hlobo. Omnye ugqirha waseBrazil wayewatofa amalungu obudoda ukuze avukelwe ukuze afumane iziphumo ezihle.
Uninzi lwabo oogqirha balilinganisa ngokulitsala eli lingavukelwanga de liyeke ukutsaleka.
Ubude balo bulinganiswa xa umntu emile kodwa ngaba bulinganiswa ukusuka kuliphi icala, ngaphezulu ukuya kwincam" Okanye ulinganisa ukusuka ngaphantsi ecaleni, nto leyo ingaphuma nobude obuthe kratya"
Iziphumo zophando ezifuna ukuba amadoda alinganise amalungu awo ziba yingxaki kuba izinto zokulinganisa zinobaxo.
Phulaphula uFat Charlie... Into ebalulekileyo yindlela olisebenzisa ngayo ilungu lakho, akubalulekanga ukuba lingakanani na. [x]
BONA XHOSA - March 2007
Kufote uVAL ADAMSON, abafotiweyo bayabonisa nje
Bunento ubukhulu belungu lobudoda"
Lo ngumbuzo omkhulu obuzwa zizigidi zamadoda kwihlabathi liphela
BONA XHOSA - March 2007
Zixilonge
Umhlaza wamatapile uhlasela umyinge wephesenti enye kuyo yonk' imihlaza ephatha amadoda. Uxhaphakile emadodeni akwiminyaka eli-16 ukusa kuma-35.
I-Testicular Self-Exam (TSE) yindlela yokuzixilonga kwamadoda nokuqinisekisa ukuba amatapile awo awanamaqhuma na kuba xa enawo antama umhlaza.
Zixilonge rhoqo yaye uwazi kakuhle amatapile akho ukuba ami njani na, angakanani yaye anobunzima obungakanani na. Elona xesha lililo lokuzixilonga kuxa ugqib' ukuhlamba.
Phatha-phatha amatapile akho ngezandla zakho zozibini ulibhucalaze itapile ngalinye ngeminwe.
Jonga iepididymis. Le yindawo engathi ngumtya ephezulu nasemva kwetapile ngalinye. Ayililo iqhuma elinobungozi.
Lumkela iqhuma eliphantsi kolusu ngaphambili okanye emacaleni.
Xa unamaqhuma okanye ukudumba loo nto ayixeli kuthi unomhlaza kodwa kufuneka uye kugqirha akuxilonge. Unyangeka lula umhlaza wamatapile xa ubonwe waza wanyangwa kwangoko.
