xhosa.3018.yourlifeguide_HIV
Bhota Criselda
Ingaba unombuzo ngeHIV okanye nge-AIDS? Ubhidekile? Ulilolo? Uyoyika? Ungaxhalabi, indumasi kanomathotholo neTV, uCriselda Kananda uza kuphendula imibuzo yakho
Amadoda akosulelwa yiHIV
Bhota Criselda: Ndev' umhlobo womyeni wam esithi akasokuze waba neAIDS kuba amadoda ayiwosuleli lula njengamabhinqa. Yinyaniso leyo?
Elizabeth, eThekwini
UCriselda uyaphendula:
Kuyakhathaza ukwazi ukuba
i-HIV/AIDS ineminyaka engama-30 ibulala abantu - kodwa kusekho abathi: "Ayinakundosulela mna!"
Abantu abatsho kanjalo kufuneka bakhe batyelele emangcwabeni ukuze babone ukuba ngoku iphelil' indawo yokungcwaba abantu!
Ngaphandle koko, mabaqonde nokuba kukho umahluko phakathi kweHIV ne-AIDS.
I-HIV ikosulela ngokulala nomntu onayo ningazikhuselanga kuze kudibane amanzi emizimba.
(Phofu ke zikho neziny' iindlela engakosulela ngazo, njengokudibana negazi elinayo okanye umama ayosulele usana alukhulelweyo, kodwa isasazeka kakhulu ngendibano yesondo.)
Amabhinqa ngawona asesichengeni kakhulu kusasazeko lweHIV ngokwesondo. Kaloku ulusu lwelungu lamabhinqa luthambile ngoko lwenzakala lula, kwaye oko kungavula indawo yokuba kudibane amanzi omzimba.
Namadoda anawo umngxuma okwilungu lawo lobudoda engangena ngawo intsholongwane.
Umntu ke ubane-AIDS xa amajoni omzimba engasakwazi ukumkhusela kwizifo.
Ndimxelele njani?
Bhota Criselda: Ndafumanisa ukuba ndineHIV eminyakeni emithathu egqithileyo. Andizange ndifumane zingcebiso ngemeko yam kuba ndikubona ikukufeketha.
Umfana endihlalisana naye ufumene ngoDisemba ukuba uneHIV.
Ndiziva ndinetyala kuba andizange ndimxelele imeko yam kwaye into endenza buhlungu kukuba usoloko endibulela ngokuqhubeka naye ekule meko.
Ucing' ukuba ndiyingilosi, kwaye ndizibona ndingumngcatshi. Ingakumbi kuba usoloko esithi masizikhusele xa sinendibano yesondo.
Ngoku ufuna sitshate nokuba sibe nomntwana, ixhala lam ke kukuba uza kuyazi imeko yam.
Klara, eJoburg
UCriselda uyaphendula:
Ucinga ukuba unako ukuyifihla into yokuba uneHIV kumntu othandana naye njengamabhinqa amaninzi.
Kanti ke awufanelanga ukuyifihla imeko yakho. Kubhetele ke kuba ngoku uyakuqonda oko.
Qala ngokuxelela umfana othandana naye indlela omthanda ngayo, umxelele nokuba ungathanda nibe nomntwana, qha uyoyika. Mcele ukuba niye kufumana iingcebiso zengcali.
Kaloku ukufumana iingcebiso ayikokufeketha! Ukwimeko okuyo kuba wawunezinto owawuzoyika ongewachazelwa ngazo.
Ungabhidanisi iingcebiso zengcali necebiso nje ongalinikwa nangubani na ozixelela ukuba angakucebisa kuba naye wafunyanwa eneHIV.
Umcebisi oyingcali:
uya kukukhuthaza kwaye omxelela kona ukugcina esifubeni;
uya kukunika indawo esekhusini ongathetha naye kuyo;
uya kuyiqonda imeko yakho yaye akuvumele ukuba uvakalise iimvakalelo zakho;
uya kukucebisa ngezinto ongakhetha kuzo, kodwa angakuthabatheli izigqibo;
uya kukunika ulwazi oluya kukunceda wenze izigqibo ezizizo.
Wakuchazelwa ngezinto ezikuxhalabisayo, ungalwenza uvavanto lweHIV kwakhona nomfana othandana naye.
Ndininqwenelela ulonwabo kwikamva lenu - niqinisekise ukuba nisempilweni yaye nibe nomntwana xa niqonda ukuba ninawo amandla okumkhulisa.
Kutheni uzikhathaza ngokuvavanywa?
Bhota Criselda: Ndizikhathazelani ngokuvavanyelwa isifo esingenanyango? Xa ndifunyenwe ukuba ndinayo intsholongwane yaso ndiza kufa, ndizikhathazela ntoni ke ngokuvavanywa?
BK, eNelspruit
UCriselda uyaphendula: Baninzi abantu abacinga njengawe, ndiyabulela ke ngokubuza kwakho lo mbuzo.
Kwiminyak' egqithileyo ndandingathi ufanele ucinge kanjalo, kodwa andinako ngoku.
Uyazi ukuba siva kufa nokuba sinayo iHIV okanye asinayo.
Ubomi sisigwebo sokufa;
ngoko ungazikhathazi ngento ongayaziyo.
Awazi ukuba uya kufa nini, kodwa uyazi ukuba uphilile ngoku.
Ukwazi imeko yakho yeHIV kuya kukwenza ukwazi ukulawula imeko yeziphumo zakho.
Ngoku sinolwazi olwaneleyo lweHIV ukuba sikwazi
ukuyilawula. [x]
IMIBUZO NEEMPENDULO NGE-HIV
Ingaba unombuzo?
Bhalela ku:
Criselda at HIV Q&A, Box 473014, Parklands,
2121.
Liya kufihlwa igama lakho.
